uKutyala iSpinatshi

© Eric Miller

USasazeko

Usasazeko lwenzeka ukusuka kwi mbewu.

Indlela yoku Tyala

Ukuhlwayela ngqo kuyenziwa kwaye izithole zinganciphiswa ukuzama zanele. Ukutyala ngo matshini kuyenziwa ukuqinisekisa okokuba isithuba siyalingana xa kutyalwa. Imbewu kufanele ityalwe kwi 20mm ubuzaza. Iimbewu zingatyalwa nge treyi zembewu zikhutshwe zityalwe ngaphandle xa sele zibubude obungapha kwe centimeter ezilishumi.

Ukuqelelanisa

Izityalo kufuneka ziqelelaniswe kwangange centimeter ezilishumi ukuya ku 20 cm kwimiqolo ezi centimeter eziyi 30. Oku kwenza izityalo ezi 160 000 nge hectare. Abavelisimi abathengisayo bavuna ngomatshini zisondelana ngo 15 cm ka 25 cm inikeza ukukhula kwe 250 000+ zezityalo nge hectare.

Ixesha loku Hlwayela

Nangona isipinatshi singahlwayelwa unyaka wonke, ukuba isimo sezulu siyavuma eMzantsi Afrika kukho amaxesha amabini enyakeni asetyenziswayo. Ukususela ngo January ukuya ku April apho ubushushu be hlobo bungatshisi kakhulu nobusika abubandi kakhulu ngo August no Decembe, phambi kokuba kube shushu kakhulu.

Ixesha loku Khula

Ukuvuna amagqabi okuqala ngaphandle kungaqala kwintsuku eziyi 60 ukuya kwi 70 ukususela ngexesha lokulinywa. Ukuqinisekisa okokuba imveliso iyahlala kwaye ukuvelisa ispinach sidinga initrogen emhlabeni ngexesha laso esikhulayo.

Izichumisi

Phambi kokutyala, xa kulungiswa umhlaba, wacocwa wenziwa isichumisi kuqala kufakwe phakathi kwe 500kg ukuya ku 1000 ye nitrogen, Phosphates ne Potassium efana nomxube we 2:3:2 mawuxutywe kumhlaba ongaphezulu. Emveni koko i250 kg ye LAN kufuneka ifakwe kwiveki zokuqala ezintlanu, kwakhona kwiveki ezisibhozo ukususela kwixesha lokutyalwa. Ukusebenzisa umgquba we nkukhu ehezulu kwi Notrogen, yandisile isivuno kakhulu.

Ukunkcenkceshela

Nkcenkceshela emveni kokutyala, uphinde kwakhona xa ziqala ukuvela. Kwinyanga yokuqala yokukhula kwezityalo umhlaba mawujongwe rhoqo emveni kwentsuku ezimbini, ukuqinisekisa ukufuma kukhona kwaye kuwulungele umhlaba. Kumaqondo obushushu aphezulu xa umhlaba ukhawuleza ukoma, rhoqo nge veki, okanye kabini nge veki kufuneka kunkcenkceshelwe. Xa kupholile kunga nkcenkceshelwa rhoqo ngentsuku ezilishumi kumhlaba oxubene ne santi nodaka. Ispinatshi sine ngcamphu ezixineneyo kwaye asiwufuni umhlaba ofumileyo oxineneyo. Kubalulekile ukujonga ukufuma komhlaba noxinzelelo kabini ngeveki.

Translated by Zikhona Plaatjie