Ukutyala I-Gem Squash

© Louise Brodie

Usasazo

Usasazo lwe Gem squash lwenzeka kwi mbewu.

Indlela Yokutyala

Ukutyala igem squash kungenzeka ngokuthi ityalwe ngqo imbewu ngulowo utyala ngomatshini okanye nge sandla kwindawo ezincinci. Ukutyala izithole ze gem squash kwenziwa ngokuyivelisa kwi treyi ze mbewu kwizindlu eziluhlaza kwintsuku zokugqibela zase busika naxa isimo sezulu silungele ukutyala izithole entsimi. Ngo kutyala izithole umlimi okanye umfama angakwazi ukonga ixesha aqalise ukuvuna iveki ezimbini (2) ukuya kwezintathu (3) phambi kwexesha.

Ulwahlulo

Izityalo ze gem squash kufuneka zahlulwe ngo 50 cm kwimiqolo engama 120 cm ukohlukana. Zizityalo ezingama 16 000 nge hectare. Ezinye zentlobo ezixineneyo zisondelanisiwe kunye nezityalo ezideki ngama 20 000 wezityalo ngokwe hectare.

I-Xesha Lokuhlwayela ne Xesha Lokutyala

Elona xesha lilungileyo kuxa umhlaba uqalisa ukuba shushu ngexesha lase ntwasa hlobo namaqhwa okanye ikhephu sele edlulile. Konke okukwenzeka ekupheleni kuka August ekuqaleni kuka September. Igem squash ingatyalwa de kubese kupheleni, kwenyanga ka February ukuba isimo sezulu silungile. Ziyatyalwa zivunwe ngenyanga zase busika kwindawo ezingenawo amaqhwa wekhephu.

Ixesha Lokukhula

I-Gem squash ithabatha phakathi kweveki ezilishumi (10) ukuya kwezilishumi nambini (12) ukuba isiqhamo sokuqala silungele ukuvunwa. Igem squash ezisencinci zingavunwa kwiveki ezintandathu (6) ukususela ngexesha lokutyala.

Ukuchumisa

Isichumisi sokuqala sifakwa phambi kokuba kutyalwe kumhlaba ongaphezulu kwindawo yesityalo. Kuxhomekeke kwiziphumo zokuhlolwa komhlaba nomlinganiselo we 600 kg ngokwe hektare ye 2:3:4 (30) singafakwa. Ziyafumaneka kwizithole kwangoko kwaye izakukhuthaza ukukhula kokuqala kunye noku phuhlisa ingcambu. Iiveki ezine emveni kokutyalaxa isityalo sele siqalisa ukukula kakuhle kungafakwa okwesibini umlinganiselo we 350 ngokwe hektare kwi 2:3:4 (30) isajulwa kwimi qolo yezityalo ze ingene emhlabeni ngokuthi kunkcenkceshelwe.
Kungaphinda okwesithathu kufakwe initrogen xa isityalo singakhuli kakuhle kwaye siyidinga. Malunga ne 250 ukuya ku 400 kg ngokwe hektare ye LAN (28) ngesiqhelo ibisanela. Isichumisi esenziwe ngamanzi esilinganayo ngonkcenkceshelo lwendlela ye driphu singafakwa xa unkcenkceshelo lwe driphu luthabatha ixesha.

Unkcenkceshelo

Umlinganiselo ophakathi ko 30 mm no 40 mm wonkcenkceshelo ngexesha loku khula kufanele zanele. Oku kungehliswa okanye konyuswe kuxhomekeke kwimeko zezulu. Kungcono ukuseka idriphu ze unkcenkceshele ngayo kuba oku kugcina amagqabi omile kwaye esempilweni kunye nomphunga kubuncinane. Xa kufakwa isichumisi ngqo kwindawo yezikhondo oku kuye kusebenze ngcono.
Kufuneka uqaphele ungankcenkcesheli kakhulu kuba igem squash iyathandwa zizifo zengcambu xa kuye kwenzeka kubekho indawo ezidame amanzi. Xa kusetyenziswa indlela yokunkcenkeshela ngesifafazi, zama ukuqinisekisa okokuba amagqabi omile phambi kobusuku ukuhlisa amathuba wosuleleko lwezifo zokungunda. Kuyacetyiswa okokuba uhlale ujonga ukufuma komhlaba kwaye eyona ndlela ingcono kukufaka izixhobo zokuhlala zijongene namazinga okufuma komhlaba.

Translated by Zikhona Plaatjie