Ulawulo lwe Sivuno se Gem Squash

© Louise Brodie

Ujikeleziso Lwesivuno

Ngesiqhelo kuye kubengcono ukulandela ujikeleziso lweminyaka emithathu ukuya kwemine. Kunge njalo kufuneka kulandelwe indlela ezithile zomhlaba nokubulala izinambuzane kunye nendlela zokukhusela umhlaba kufuneka zilandelwe. Eyona nto ingcono kuku qhakamishelana nalowo osebenza ngezityalo kum-mandla okuwo akunikeze iingcebiso zokuba yeyiphi indlela engcono xa ujikelezisa izityalo okanye indlela yokukhawulelana nomngcipheko.

Umyinge - Iitoni ngokwe Hektare

Okuncinane: iitoni ezilishumi nambini (12)
Okuqhelekileyo: iitoni ezingamashumi amabini (20)
Okulungileyo: iitoni ezingamashumi amathathu (30)

Ukuvuna

Kuvunwa ngesandla. Sebenzisa imela ebukhali okanye izixhobo zokusika ezifana nesikere ukuze usike isiqu se gem squash ngokucocekileyo. Shiya intwana yesiqu engange 15 mm ukuya ku 20 mm kuba oku kunceda ukuzigcina kunye nokuthintela izifo zingangeni kwiziqhamo zakho. Abavelisi abakhulu basebenzisa indawo zokuvuna ukuze bakwazi ukususa isiqhamo kakuhle emhlabeni. Ukupakisha entsimini kwenziwa kwindawo zokuchola.

Ukugcina

I-Gem Squash akufuneka igcinwe ixesha elide kuba lendawo ityheli iqalisa ukoma. Kufuneka zigcinwe kwindawo epholileyo kodwa eyomileyo kwaye kungadluli iiveki ezintathu igciniwe. Igem squash ezivunwe zisencinci kufuneka zigcinwe kwindawo ezipholileyo kwindawo ezine zagqumathelo ezipholisayo ezinokufuma okuthile. Xa Isiqhamo singekavuthwa ngoku gqibeleleyo kufuneka sityiwe ngokukhawuleza phambi kokuba isikhumba siqalise ukuqina. Kuba igem squash zinga linywa phantse nanini na enyakeni eMzantsi Afrika, ngenxa yokwahluka kwamaxesha onyaka, aku nyanzelekanga zigcinwe. Velisa nje wena ngokwesidingo senkqubo yakho.

Iinkumbi

Aphids, Armyworms, Bollworm, Cutworms, Nematodes, Spider mite, Thrips.

Izifo

Alternaria Leaf spot, Bacterial Wilt, Downey Mildew, Fruit Rot, Fusarium Wilt, Mosaic Virus, Phytophthora, Powdery Mildew.
Kuyacetyiswa ke okokuba uqhakamishelane nalowo uyingcaphephe kulawulo lwenkumbi nezifo ukuze akuncedise ukwenza uhlelo lokukhusela izityalo zakho, ngexesha lemveliso kunye nakum-mandla wemveliso.

Translated by Zikhona Plaatjie