unyana wam uLennox ongaphilanga engqondweni, wayefuna ukundibulala. Yiyo lonto icango le gumbi lam lalimoshakele. Wayezama ukuvula ucango esithi ufuna ukundi bulala. Ndandikhalela uncedo. Omnye unyana wam uKenneth wayezama ukumbamba, kodwa Amandla awayenawo uLennox ayengapha kokuqonda. Yayingu mvandedwa ombi. Emveni kwexesha, ndaya kumhlobo wam uConstance ukuyoku pholisa intliziyo yam. Saguqa ngamadolo.
‘Ndincede, yhini Thixo, sathandaza. Wena ongcwele, uyayazi intliziyo yam, imbandezelo yam. Yhini Thixo, ndincede. Ndakucela abantwana, wandinikeza. Ngoku ndinabantwana, yonke into ayisahambi kakuhle. Ndiyakucela ndincede kwakhona. Ndiphelelwa lithemba.
Yibalithemba lam, ndiyathandaza kuwe.’ Emveni kokuba sithandazile, wathi kum uConstance: ‘uyayazi ukhona umntwana ka sathana? Kodwa wena ungumntwana ka Nkulunkulu. Akakho kude, kwaye intliziyo yakhe ayivalekanga kuwe. Yomelela emthandazweni, kuba wonke umzuzu, nditsho sowulele okanye udandathekile, yena unawe.
Ngoku kunikeza ubunzima, uyakubumba okokuba ulunge kuye. Musa ukulahlekelwa lithemba. Sele ugqithe kwezininzi, kwaye ebekhona. Uyakuba nawe de uyokufa.’ Amazwi wakhe andomeleza. Ewe, zizinto ezimbini, abahlobo bam nokholo lwam, ezindomelezayo.
Ngoku, ndithabathe amanyathelo ngo Lennox. Akayazi, kodwa ngomvulo oNontlalontle bazakufika bamthathe bamse kwisibhedlele sabagula ngengqondo, iLenteguer Psychiatric Hospital. Ndayithetha nentombi yakhe, savumelana okokuba yilento kufuneka yenzeke, senza malungiselelo. Izakundinceda kakhulu lento.
Uyayazi, kuzo zonke izinto ezihamba kakuhle ebomini bam, ikhona enye endivuyisayo. Yeyokuba umphandle wam awubonakalisi intlupheko yam yomphefumlo. Ndiyayithanda imbonakalo yam, ngokuba iyathembisa.ndim ndodwa ozaziyo okokuba ndiziva njani ngaphakathi. Abanye abanakutsho xa bendijongile.
Uyazi, bekumnandi ukuthetha ngazo zonke ezizinto. Kunzima, kodwa ndiyathanda ukuthetha ngazo. Rhoqo xa ndisenza njalo, yenza izinto zibengcono. Kuyandiceda, ukubalisa ibali lam.