Sangiovese

© Vititec

Inkcazelo

Owona mdiliya usetyenziselwa iwayini ebomvu e Tuscany kwelase Itali apho iChianti iwayini zodumo ziveliswa khona. Kusetyenziswa I Sangiovese kakhulu ekwenzeni ezi wayini, zibonwa ngebhtile zayo ezirawndi ezigqunywe ngengca eyomileyo.
Ngumdiliya wamandulo eyaqala ukubalulwa kwizibhalo zase Italy ngomnyaka ka 1590 kwaye ngoku ityalwe e Melika, eArgentina nase Australia kunye nemithana embalwa eMzantsi Afrika. iSangiovese inosapho olukhulu, njengezinye indidi ezikuluhlu lwayo (high intra-varietal phenotypical variations.)

Imvelaphi

Kwelase Italy

Amanye Amagama

iSangiovese inendidi ezingaphaya kwe shumi kwaye amanye amagama ayo ayi 86 avamise ukubhekisela kwi ndidi ethile. Uninzi lwalamagama longeza igamana emva kweli le ‘Sangiovese’ umzekelo ‘dolce’ okanye ‘grosso’. Ikwaziwa njenge Brunello, iLambrusco kunye ne Chiantino, kodwa Mzantsi Afrika kusetyenziswa igama elithi Sangiovese kuphela.

Imvelaphi eMzantsi Afrika

iSangiovese kwakucingelwa ukuba yafika eMzantsi Afrika kwiminyaka yo 1970, kodwa ushicilelo (2016) lubonisa ukuba ezona zityalo zindala zatyalwa kwi fama iBoplaas ngomnyaka ka 1982. eMzantsi Afrika, zingama 69ha kuphela ezityaliweyo ze Sangiovese. Imithana yokuvelisa iwayini ezisemgangathweni zafika kweli ngomnyaka ka 1991.

Iingingqi Eveliswa kuzo eMzantsi Afrika

Inkoliso yemithi ye Sangiovese ifumaneka e Stellenbosch (26ha), eSwartland (19ha).

Ukukhula

iSangiovese inochuku kwi terroir kwaye ingaphila kwindidi ezahlukeneyo zemihlaba , kodwa ikholwa yimihlaba elula kwingingqi ezifudumeleyo. Iyasokola ukuvuthwa kwingingqi ezakhelwe phezulu- ngapha kwe 1500ft. Imveliso ebaxekileyo (iibhantshi ezininzi kumthi ngamnye) kungakhokelela kwimidiliya ene asidi eninzi namagaqa angavuthwanga (tannins).
Amagqabi aselula antshulayo anokukhokelela ekutshatyalalisweni yiqabaka. Ngumdiliya othwala isivuno esikhulu, iSangiovese inokuncedakala kukuthenwa kwehlobo nokucuthwa kwamagqabi ebhantshi ukuphuhlisa umgangatho nokunciphisa ibotrytis. Iyanaba xa ikhula ngoko ke ubuchule bokuyixhasa (trellising) buyadingeka ukulawula indlela ekhula ngayo.

Ukuvuthwa

iSangiovese ngumdiliya othi chu ukuvuthwa kwaye ikhiwa kade ngexesha lokuvuna.

Amagqabi

Aphakathi ngokomlinganiselo, inokuba nekona ezithathu- or kanye ezintlanu.

Amagaqa Omdiliya

Amagaqa omdiliya aphakathi ngokomlinganiselo kwaye arawndi ukuya ku ovali ukumila kune nencidi eninzi kumaxolo (bloom) ayo apecepece (iBloom ke yincidi engathi likhandlela ekhusela ukubila nokungenwa zintsholongwane). Ubukhulu be bhantshi ye Sangiovese buxhomekeka nomthi lowo usetyenzisiweyo.

Izonakalisi Nezifo

iSangiovese ibonakalisa ukuxhathisa okuthile kukungunda (downy mildew) kwaye ichaphazeleka lula yi powdery mildew nebotrytis.

Imisebenzi

eMzantsi Afrika, iSangiovese isetyenziselwa ukwenza iwayini e dry ebomvu. Izinga eliphezulu le asidi kulomdilia kwenza ukuba ibengumxube kodwa kukho uthakazelelo olutsha lokwenza iwayini engangxengwanga. Ingaxutywa ne Cabernet Sauvignon (umbala nobume bayo) kune ne Merlot (ukuthamba).

Incasa

Iwayini zodidi ze Sangiovese zibonakalisa izinga le asidi elilungileyo kunye nencasa zamaqunube ne plam. Ezinye incasa eziphawulwayo zezecuba, icinnamon nectruffles kunye ne mulberries. iSangiovese eselula ingabonakalisa I cherry esandokhiwa, kunye nomkrakrane ekugqibeleni.

Translated by Zizipho Silwana