Okuthintela Onokuthi Uwalandele Ukuze Ungosuleleki ye Coronavirus

Hlamba Izandla
Hlambisisa izandla ngesephu.
Hlamba umva wezandla zakho, phakathi kweminwe nemiphakathi yenzipho.
Hlamba izandla rhoqo ngesepha phambi kokuba utye, naxa ubuya kwindawo zika wonke-wonke.

Gcina Ucoceko
Gquma umlomo wakho ngephepa lokuzosula xa ukhohlela okanye uthimla.
Zama ungabuphathi ubuso bakho ngezandla ezingacocekanga, maxa onke.
Xa kunyanzelekile ubuphathe, qinisekisa okokuba uhlambisisa izandla zakho ngesepha kuqala.

Musa Ukwabelana Ngokutya ne Zixhobo zase Khitshini
Iintsholongwane zingasasazeka kwiimela, folokhwe, amacephe kunye nezifunxisi (straws).
Sebenzisa izixhobo zasekhitshini ezicocekileyo kuphela, musa ukwabelana ngeziselo.
Hlamba izandla rhoqo phambi kokuba utye.

Dibana no Gqirha xa Uziva Ungaphilanga
Iimpawu eziqhelekileyo ziquka, ukhohlokhohlo, impumlo ebaleka imifinya, umkhuhlane, kunye nombefu.
Xa unazo nokuba zeziphi kwezimpawu, funa uncedo lwempilo ngoku khawuleza.
Tsalela iklinikhi umnxeba okanye uGrirha phambi kokuba undwendwele ubaxelele ngeempawu oziqapheleyo kunye nembali yakho yokutyelela kumanye amazwe.

24HR NICD HOTLINE: 0800 029 999

Translated by Zikhona Plaatjie