Izifo kwi Ngqolowa Ezincinci

© Eric Miller
Iingqolowa ezincinci, ezifana ne nentlobo zengqolowa, ibarley, oats, ne triticale ziye zihlutshwe yinqwaba yezifo ezinokuthi zichaphazele isivuno okanye umgangatho wesivuno. I-Agricultural Research Centre inikeze ezizifo zilandelayo, njengezo kubalulekileyo ukuzazi:

Izifo Zamagqabi ne Zikhondo

I-Rust sisifo sokungunda esichaphazela umyinge wemveliso kunye nomgangatho wesivuno, kwaye ubuzaza bomonakalo uxhomekeke kwimeko zendawo kunye nesityalo okanye iintlobo ezohlukileyo ezingadibaniyo nesisifo. Ukubola kwesikhondo kwaziwa njengokuba siyatshabalalisa kakhulu kune sifo samagqabi ne stripe rust, ngexesha icrown rust yona ichaphazela i-oats yodwa.
Uqhambuko lungathintelwa ngokuthi kutyalwe iintlobo ezinyamezelayo. Izithinteli zokungunda ziye zifakwe kwizigaba ezisixhenxe zamagqabi kunye ne nesigaba se flag leaf ukuze ziqelelane kuba iintlobo exesheni zingathi zoyise ukomelela kwezintlobo. Kwezinye izifo iingxaki zingathi zithintelwe ngokuthi kutyalwe ingqolowa ezinenkozo ezincinci lisaqala ixesha lokutyala.
I-Powdery Mildew lolunye uhlobo lesifo sokungunda esichaphazela amagqabi kunye nesiqu kwigqolowa ezincinci. Iyafana nesifo sokubola, ivelisa iintsholongwane eziphila kwintsalela okanye kwizivuno ngexesha elingelilo elezizityalo. Izifo zenzeka kwizityalo ezityalwe kumadlelo anzulu ezichume kakhulu. Ukunkcenkceshela emagqabini anokungunda yeyona ndlela yokuqala yolawulo.
I-Septoria yona ixhaphake kwizityalo ezityalwe nzulu, ingqolowa echunyiswe kakhulu. Kukho amanqanaba ohlukileyo wesisifo sokungunda, ze iseptoria leaf blotch evela kakhulu ngexesha lokukhula kwezityalo kumanzi kwaye kukho nomoya. Mandulo, amafama ayetshisa imihlaba yawo ngenjongo yokugxotha iseptoria, kodwa lento ayisakhuthazwa kuba itshabalisa okunokuthi kube luncedo kunye nakoko kungafunekiyo. Eyona ndlela ingcono kukutyala iintlobo ezinyamezelayo ze usebenzise ujikeleziso ukutshabalalisa ukujikeleza kwezifo. Zikhona indlela zokunkcenkceshela okuchasene nokungunda apha kumagqabi esityalo, ukuncedana nokulawula izifo.

Izifo Zendlebe kunye neze Nengqolowa

I-Bunts ne Smuts zizifo zokungunda ezixhaphaza iingqolowa ezincinci kunye neentlobo zengca. Ezona zibalulekileyo kwezi yi loose smut ne covered smut, esulela imbewu esakhulayo ze yenze usuleleko kananjalo, emveni kokuba isifo singene kubuchopho entloko siyajika sibe zintsholongwane ezininzi. Ukunyanga imbewu yeyona ndlela ilungileyo yothintelo lwesisifo, ungathabathi umgcipheko ngokusebenzisa imbewu enganyangwanga okanye engavunywanga.
I-Karnal bunt yaqala yachongwa eMzantsi Afrika ngo December wonyaka ka 2000 kwindawo yokunkcenkceshela ese Douglas. Yaziwa njenge sifo ekuye kudingeke okokuba singadibani noluntu, lilonke xa kuthe kwakrokrelwa uqhambuko kufuneka oko kuchazwe kwi Sebe lezo Limo (Department of Agriculture). Kuye kwenziwe indlela zothintelo ezininzi ukuze isifo singanoni kwindawo esiqhambuke kuyo, kuquka ukuhlanjwa koo matshini base fama emveni kokuba besetyenziswe kumhlaba osulelekileyo.
Iinkozo zembewu ezosulelekileyo zibonakala zimnyama, ziphatshile kwaye zikhupha ivumba elibi “elifana nentlanzi”, ithi isiwe kumgubo ogutywayo. Esi sifo simisa ukukhula kwezityalo kwaye sizenza zikhawuleze zivuthwe ziphinde zife. Kuthwe kwajongwa ngelihlo elisondeleyo imbewu iyadingeka ukuze kuchongwe ubukho besifo, kuba asichaphazeli indlebe yonke. Ngexesha ezinye izibulali zesifo zokungunda zinganceda ukwehlisa amathuba wezifo, ayikho into eshicilelweyo ukuthintela usuleleko.

Amazantsi Esiqu kunye ne Zifo Zengcambu

I-Take-all ichaphazela ingcambu, kunye nendawo enamahlala namagqabi emthini kunye namazantsi wesiqu akufuphi kwingcambu yezityalo ezinenkozo, ingakumbi ingqolowa esisifo sokubola sifumaneka kakhulu kwindawo zemveliso ezixaxekileyo, apho ipH yomhlaba i-alkaline, imihlaba edinga initrogen kwaye, initrogen ne manganese kunye nemihlaba engawakhamanga amanzi. Esisifo sixhaphakile kwiminyaka emanzi kwintsimi ezikhofoliweyo.
Ujikeleziso lwezityalo yeyona ndlela ingcono yokubulala ukujikeleza kwezifo, ngexesha uqinisekisa okokuba izityalo zengqolowa zinezinongo ezaneleyo kwaye ikhuthaza iingcambu ezisempilweni, zizakunceda.
I-Eyespot, Strawbreaker zona zihlasela ingqolowa ebusika kwindawo ezinemvula. Isifo sifumaneka kakhulu kwizityalo ezityalwe kwangethuba, isivuno esichunyiswe kakhulu kunye nakwi ndawo umhlaba ongakhameki kakuhle kuzo.
Izifo zenza amasebe abebuthathaka, ame ngendlela esasazekileyo, oko kwenza iindlebe zesityalo zikhawuleze zivuthwe, oko kwenze kubenzima ukuvuna ingqolowa. Esisifo silawulwa ngojikeleziso lwezityalo nokusebenzisa izithinteli zokubulala ezifafazwayo.

Translated by Zikhona Plaatjie