Isiselo se Jusi kunye ne Mpilo

Isiselo sejusi esimfaxangiweyo sine zinongo ezininzi ezincedisana nomziba ukuze uhlale usempilweni, kodwa amahlelo afana nokuyibandisa, ukuyididiyela ukuze icoleke kunye nokuyicoca kungenza utshintsho kwizinongo. Umbala kunye nencasa emveni koko kwehle izinongo kwimveliso.

©Vivek Pathak

Isiselo se Jusi Njenge Yeza

Uncedo olwaziwa ngokuba yi ‘Gerson Therapy’ luhlobo lokuphilisa olwasekwa ngu Dr Max Gerson ngonyaka ka 1930, owokuqala ukunyanga intloko yakhe ebuhlungu ze exesheni yasetyenziswa ukunyanga izigulane ezine sifo somdlavuza. Yindlela yonyango engaxutywanga eqalisa ukuphiliswa komzimba ngeziselo ezenziwe ngezityalo ezingaxutywanga nanto, iipilisi ezingaxutywanga kunye nekofu zokuhambisa isisu. Iziselo zithabathwa rhoqo ngeyure ukuya kwiyure eziyi 13 ngosuku ze zigcwalise umzimba nezinongo ezithi zifunxeke nako konke okusempilweni.

Ezinye izifundo zingqine amandla empiliso afumaneka kwisiselo sejusi emfaxangiweyo. Izigulane ezinesigulo (peptic ulcer) bebenyangwa ngekhaphetshu elisandula kukhiwa ze lamfaxangwa yona ke ilwana nesigulo se peptic ulcer. Oku ke (vitamin U) uphilise ngentsuku eziyi 7.3 xa kuthelekiswa nentsuku eziyi 42 kwiqela elilawulwayo kuphando. U-vitamin U uphuma umophu ngemizuzu kwaye kufuneka atyiwe ngoku khawuleza.

Abasebenzi ngamayeza awaziwa ngokuba yi ‘Ayurvedic’ basebenzisa iziqhamo, imifuno kunye neziselo zonyango ezixutywe ngobisi nobusi ukwenza unyango lwesiselo esimfaxangiweyo. I-Orenji kunye ne lamuni xa zixutyiwe zenziwa isiselo, zaxutywa netyuwa ziphelisa ukudinwa ze ibhitruthi okanye isiselo somdiliya kukholeleka okokuba ‘zibuyisela’ igazi. Itswele kunye nengcambu zihlonitshwe kakhulu kuncedo lwempilo i-Ayurvedic nezithethe zayo zempiliso. Umzekelo, isiselo sengcambu sisetyenziswa ukunyanga izilonda esiswini ze zicoce izintso ukuthintela igallstones.

Iinzuzo Ezifumaneka kwi Jusi

Izinongo ezifumaneka kwi jusi ziquka izityalo ezicocwe ngamanzi, izinongo, enzymes, minerali, proteni, chlorophyll kunye ne phytonutrients ezifana ne carotene ne lycopene, zombini zinikeza umbala obomvu no orenji kwiziqhamo nemifuno.

Isiselo se jusi sinceda umzimba ubuyele esimeni-amanzi anceda umzimba ulungise ikhabhohayidreti emzimbeni ze ziphuhlise ukucoleka kokutya emzimbeni. Isiselo se jusi emfaxangiweyo ine fibre eninzi, ethi ixhase intsholongwane elungele umzimba kwithumbu elicolana nokutya kwaye yomeleza umzimba. Izomelezi mzimba zikhusela umzimba ungonakali ngenxa yemolecule ezithi zivele emzimbeni. Iziqhamo ezinombala omnyama kunye nemifuno - umzekelo, iblubheri kunye ne bhitruthi - zona zine zikhuseli mzimba ezongezelekileyo.

Isiselo se jusi esimfaxangiweyo kwisiqhamo, iselwe ngoku khawuleza emveni kokwenziwa, yeyona ndlela isempilweni kwaye inezinongo ezininzi, minerali, kunye nezinye izinongo okogqitha efakwe kwibhotile okanye iziqhamo ezipakishiweyo ezenze ijusi.

Ijusi ne Swekile

Ngokwe South African Fruit Juice Association (SAFJA) iswekile efumaneka kwiziqhamo iphakati ko 8% kunye no 12% kodwa zingohluka kuxhomekeke kuhlobo lweziqhamo nokuvuthwa. Iziqhamo ezine swekile eninzi ziquka idates, amakhiwane, mdiliya, mango, ne pomegranates.

Ixesha elininzi iswekile eyincindi ye sucrose ingongezwa kwiziselo ze jusi ukuzenza switi. Lendlela inexabiso eliphantsi kunoku dibanisa nje ijusi yendalo efana ne apile, pere okanye isiselo somdiliya esimfaxangiweyo. Ifructose yiswekile yendalo efumaneka kwiziqhamo enceda ilungise amazinga weswekile kwigazi.

Abantu abangadibaniyo neswekile, kucetyiswa okokuba bayixube ijusi namanzi, ngexesha abane sifo seswekile kufuneka badibane nonomoilo ukuze bafumane uncedo lokuba bangazifumana njani iinzuzo ezinzi ngokutya isiqhamo nokusela isiselo sejusi yesiqhamo.

Translated by Zikhona Plaatjie