I-Sceletium Tortuosum – Iyeza Lesintu Lokunyusa Umdla

© Alice Notten of Kirstenbosch
Esisityalo sinyukayo okanye sichwechwayo – Sceletium tortuosum – iyaziwa kwaye kwaye iyasetyenziswa eMzantsi Afrika sele izinkulungwane. iKhoisan zaziwusebenzisa lomthi kwaye zawazisa ngenxa yomsebenzi wawo wokunyusa umdla kubaphambukeli (colonisers) bakuqala kwiminyaka yo 1662.
Yaziwa njenge ‘tortoise fig’ marigold ’kanna’ okanye ‘kougoed’ ‘(isibhulu xa kuthethwa ngento yokuhlafuna’) esisityalo esomileyo siyahlafunwa, sitshaywe okanye sirhogelwe njengo gwayi. Ibivelisa ulonwabo nokuba sezingqondweni kwaye sizise ukuphola emzimbeni. Yayisetyenziswa nangabelusi nabazingeli ukuthomalalisa umdla wokutya xa bese masimini iintsuku. Iti eyenziwe ekanna ngamanye amaxesha iyasetyenziswa ukulumla abasela utywala etywaleni kwaye icetshana elixutywe nobisi lwe bele lunganceda imfuxu ebantwaneni-isasetyenziswa kwezinye iilali.
Indlela yesintu yokwenza ‘ikanna’ kukucumza, kuvundiswekuphinde komiswe. Esi sityalo sivunwa (amaxesha amaninzi siphelele, kodwa kususwe iingcambu), sicunyuzwe, sifakwe esikhwameni (ngesintu kwakusetyenziswa ifele lesilwanyana) liyekwe iintsuku livunde. Libekwe elangeni ukuze lome emveni koko lifakwe umgubo litshiswe, lihlafunwe okanye liphungwe njenge ti. Ukucumza noku vundisa kubalulekile ukwehlisa izinga le oxalic acid enokonzakalisa. Umyinge we 4g ulindelekile ukusuka kwi 100g yezisentsha.
Amalungiselelo kule mihla aquka iSceletium tortuosum, amayeza anceda ukuthintela ukuxhalaba nokunceda ukuthomalalisa uxinzelelelo lwengqondo. Ikwanayo ne mesembrine nengqeqe ezaziwayo ukuceda ingqondo (central nervous system). Zisebenza ukuvuselela ingqondo (serotonin-uptake inhibitors), zisetyenziswa ekunyangeni uxinzelelo lwengqondo oluphakathi ukuya koluphantsi, ukuxhomekeka etywaleni nakwiziyobisi. Ibulimia nervosa, kunye nokuxhalaba kakhulu ngokuthile (obsessive compulsive disorder). iZembrin eveliswe yatyalwa eMzantsi Afrika, ithathwe kwi Sceletium tortuosum.
iZembrin iphandiwe yenziwa ngapha kweminyaka elishumi kwaye iyafumaneka eMzantsi Afrika nase Melika njenge yeza ubani angazifumanela lona ukwandisa umdla, ukuthomalalisa ukuxhalaba maqondo omva ndendwa. Iyasetyenziswa njenge yeza lokunyanga ukudikwa ebudaleni (menopause symptoms), inceda ngokunyusa umdla wocantsi (xa ungekho ngenxa yokuxhalaba) kwaye inyanceda emveni kokuba nomvandedwa ngenxa yesehlo (Post Traumatic Stress Disorder) njengengxenye yenkqubo yokuxhasana. I’Kanna’ ayisosiyobisi.
Isuka entlango apho ikhetha umhlaba otyebileyo kwaye ikhula kumthunzi wamahlahla. Kulula ukuyinakekela, ukhula ngoku chetywa okanye ngokuhlwayela imbewu kwaye ingakhuliswa kwi mbiza. Iyaphumla ehlotyeni kwaye akufunekanga incenceshelwe. Esisityalo asidibani nekhephu. Ngenxayokuvunwa kakhulu iSceletium lunqabile uqobelo lwayo. Ilinywe kakhulu eNelspruit nase Tzaneen kodwa isityalo siyazivelela eNamaqualand ukuya eMontagu (Ntshona Koloni) nase Aberden (Mpuma Koloni).

Isufungo Ngamayeza

Ezinkcukacha zezokufundisa nokwazisa kuphela kwaye azifanelanga ukuthathwa njenge ngcebiso kaGqirha. Olu lwazi alunazo injongo zokuthatha indawo ye ngcebiso namayeza ka Gqirha okanye unyango olunikezwa ngabezempilo ngoku semthethweni.

Translated by Zikhona Plaatjie