I-Sage Oil: Umthi Wamandulo Oliyeza

© Stan Shebs of University of California Botanical Garden
iSage (Salvia officinalis) ngumthi wamandulo onamahlahla, onamagqabi anuka kamnandi ambala ugrey-naluhlaza anobude obuyi 60cm kusapho lwe Labiatae/Lamiaceae. Ikhetha indawo ezipakathi ne mpuma ne ndawo ezinee Lwandle, kodwa namlanje ziqhelekile kwizwe lonke, kuquka uMzantsi Afrika. Apha eMzantsi, igama lesi bhulu ‘blou blom salie’ lithetha uku Salvia Africana-caerulea (okanye iblue mountain sage). Le ke yayisesinye sezityalo ezasetyenziswa kuqala emayezeni ngama Dutshi eKapa, babesebenzisa yona endaweni ye Salvia afficinalis. Iyeza lenziwa ngoku xuba i-S. Africana-caerulea eyi ti kunye ne Epsom salt ene siselo selamuni ukuceda iingcaki zesisu, kuquka imfuxu nokuhambisa isisu. Amagqabi ayesetyenziswa ngama Khoi ukunyanga ingxaki zoo mama nengxaki zesisu.
Yayisetyenziswa ukususela umaxesha akudala kakhulu, I’sage’ yayibhaliwe kwi Ebers Papyrus iinkulungwanie ezingu (1500 BC) njenge yeza lokunyanga ukurhawuzelela nabalandeli baka Hippocratess (uGqirha wom Grike owayephila ngamaxesha enkulungwane 40 BC) wancoma kakhulu ukunceda kwayo xa umntu ongumama esexesheni. Eminye ke imisebenzi yayo iquka I’sage’ njengomthi ekuphekeni ne ti esetyenziswa ukunyanga isitshisa, umqala obuhlungu, ukubila okugqithisileyo noku libala ngengqondo. Isifundo phando esisandula ukuqukumbelwa ziqinisekisa I’sage’ njenge yeza lokunyanga isifo ze ‘Alzheimer’s Disease’ ngenje yeza eliqatywayo, isetyenziswa ekukrunekeni, ukudumba nokopha. S. officinalis ingasetyenziswa ukunyanga izigulo eziquka ukuxhuzula, ulcers, gout, rheumatism, inflammation, ukuba nesiyesi, idumbe, ukolama,ukuhambisa isisu, igazi eliphezulu (high blood pressure). Kutsha nje esisityalo besikuphando olunzulu, ukufumana olunye uncedo lwaso olutsha. Kufunyaniswe okokuba ichasene nomhlaza, nokosuleleka, okunokudumba neentlungu, ‘antinociceptive, antioxidant, antimicrobial, antimulagenic, antidementia, hypoglycemic, ne hypolipidemic.
iBlue Mountain Sage yona iveliswa apha eMzantsi Afrika. Iyathandwa kakhulu-kweli lizwe nakwamanye amazwe-isencinci, kodwa iyakhula. Izityalo zivunwa xa ziqalisa ukudubula, zisebenzisa isityalo sonke (ukuyisika ku 20cm emazantsi) emveni koko ibekwe kumophu. iBlue Mountain Sage ikhetha ialkaline, umhlaba onamatye kwaye ikhula ubude obungange 2m ubude. Ixesha elininzi ityalelwa ukuhombisa-xa igcinwe ichetywa. Salvia Africana-caerulea kulula ukuyikhulisa kwilanga elipheleleyo kumhlaba owomileyo (iyamelana nekhephu elingekho ngamandla) kwaye ihlwayelwa ngembewu okanye ukunqunyulwa. Izityalo eziqaphelekayo (esilinywe ngokusikwa) sise Porterville eNtshona Koloni.

Isufungo Ngamayeza

Ezinkcukacha zezokufundisa nokwazisa kuphela kwaye azifanelanga ukuthathwa njenge ngcebiso kaGqirha. Olu lwazi alunazo injongo zokuthatha indawo ye ngcebiso namayeza ka Gqirha okanye unyango olunikezwa ngabezempilo ngoku semthethweni.

Translated by Zikhona Plaatjie