iPineapple Lily – Iyeza Lesintu Elidumileyo

© Roger de la Harpe
iPineapple Lily (ipayina) elinembonakalo engaqhelekanga, sisityalo esinenkangeko ye payina eli hlaza ngombala. Lingu mphambukeli eMzantsi Afrika, intyatyambo zalo ezimthubi-naluhlaza zikhula kumeva amade, kunye ‘namahlahla/amagqabi’ ngaphezulu. Eucomis automnalis elinye igama layo yi Krulkoppie (ngesibhulu), ubuhlungu becanti okanye isithithibala esimathunzi (nge Sixhosa), kwaye umathunga, ukhokho okanye umakhandakantsele (isiZulu). Igama elithi Eucomis libhekisa kwisi Grike (Greek) eukomos – ‘inwele ezintle’, logama i-autumnalis ibhekisa kwixesha lokudubula kwentyatyambo nexesha lokuvelisa iziqhamo.
Nangona i-(bulbs) zinako ukonakalisa nobungozi,iinyangi zesintu ziye zisebenzise izihluzo emanzini okanye kubisi, emveni koko zimcime lowo unengxaki zentlungu emazantsi ngemva, isisu esibuhlungu, imfuxu no moya. Iyanceda kakhulu nasekupheliseni ibhabhalaza, inyange isifo isyphilis, iphelise Umkhuhlane kwaye yenze nalowo ukhulelweyo alunywe. I-(flavonoids) ezifumaneka kwi pineapple lily ziyakwazi ukunceda iingxaki ezidibene nemisipha (antispasmodic) kwaye ichasene nokudumba okunengqaqambo, ichasene kwaye nezi tshanguba. Uphando olwenziwe yi Yunivesithi yase Natal lufumaniseke okokuba amagqabi wezityalo ezisencinci, izithole kunye neentwanantwana zengcambu zezityalo esele zindala zifumaniseke zivelisa amazinga aphezelu achasene nokudumba okunengqaqambo, kwaye amazinga ayenyuka kakhulu xa kuphela ixesha lokukhula. Oku kuqinisekisa ngakumbi okokuba zombini izithole namagqabi ze pineapple lily ekunyangeni umkhuhlane nee ntlungu ezidibene nokudumba neentlungu. Ukongeza, E.automnalis ngowona mxube wendalo usetyenziswayo ukunyanga umzimba emveni kotyando nokunceda iingxaki ezidibene namathambo eMzantsi Afrika.
Isithole se Pineapple lily lelinye lamayeza adumileyo asetyezisa ngamaxhwele, kwaye ukuvunwa kakhulu kwenze okokuba lentyatyambo ibese ngozini yokuphela. Isifundo sibonakalise okokuba umlinganiselo wesithole othengiselwa ukwenza amayeza wehlile kakhulu phakathi konyaka ka 1995 no 2001. Oku ke kholeleka okokuba yimiphumela yokuxhaphazeka.
Zilishumi intlobo eSouthern Africa ezifumaneka kwidawo ezinengca efumileyo emontane, cebu kuhle emilanjeni nase mahlathini eMpuma Koloni ukuya kwimi mandla ephezulu eZimbabwe. Izithole zandiswa yimbewu, nokuqhawula amagqabi. Isityalo segadi ezikhazimlayo, ipineapple lilly ivame ukutyalwa iyingqokelela endaweni enye irhanqwe ngamatye apho ikwaziyo ukumelana umhlaba ongachumanga nemvula yase busika, kodwa ke ikhula kakuhle kakhulu kumhlaba ochumileyo.

Isufungo Ngamayeza

Ezinkcukacha zezokufundisa nokwazisa kuphela kwaye azifanelanga ukuthathwa njenge ngcebiso kaGqirha. Olu lwazi alunazo injongo zokuthatha indawo ye ngcebiso namayeza ka Gqirha okanye unyango olunikezwa ngabezempilo ngoku semthethweni.

Translated by Zikhona Plaatjie