Ingavunwa Nini Imidiliya ye Wayini?

© Louise Brodie

Emva kwee nyanga ezili zokukhathalela intsimi yediliya, kufikelela ixesha lokuvuna. Oku kuvamise ukwenzeka ekuqaleni okanye embindini wenyanga ka Januwari. Kuxhomekeka kwi ndidi leyo yomdiliya. Uqikelelo lwesityalo lubalulekile ukuze kwaziwe isixa esilindelekileyo lesivuno sediliya kwintsimi nganye kwaye isivuno sentsimi yonke ukuze kwaziwe nenani labasebenzi elizakudingeka ukuncedisa ngokuvuna.

Ikwancesa nokuhlela iindleko zokuvuna kunye nengeniso enokulindeleka. Ngaphezulu, uqikelelo lwesityalo lunceda umdidiyeli wewayini ahlele ukudidiyela kwakhe iwayini kunye nokupapasha ngewayini. Eyona ndlela ingcono yokuqikelela isityalo kukubala inani lwezihlahla zediliya kumthi ngamnye.

Imidiliya yewayini ivunwa xa ifikelele kumlinganiselo weswekile: asidi, kuxhomekeka ukuba iwayini ezakwenziwa iluhlobo luni. Umlinganiselo weswekile: asidi bubungakanani beswekile kunye ne asidi ezikumdiliya kwaye oku kubonakalisa ukuvuthwa komdiliya. Ezinye izinto ezibonakalisa ukuvuthwa zezi: Inqanaba leswekile Iasidi Umbala Ukuphuhla kwencasa pH

Izinga Leswekile

Inqanaba le swekile kumdiliya libalwa nge simeti sokuvuthwa kwediliya (refractometer) okanye iballingmeter kwaye zibonakaliswa njenge balling (°B) – elingana ne 1.0 gm/100 gm ye jusi exutyiweyo. Imidiliya yewayini emhlophe ingavunwa xa ikuma ± 20°B. Logama imidiliya ye wayini ebomvu ingavunwa xa iphakathi kwama 23 and 25°B.

Izinga leswekile lonyuka nge 1°B rhoqo emva kwee ntsuku ezine, kodwa lungonyuka lifikelele kuma 1°B rhoqo emva kweentsuku ezimbini kuxomekeka ngokwemo yezulu. Izinga leswekile lingehla emva kwemvula okanye xakunkcenkceshelwa logama imozulu efudumeleyo inyusa ukwanda kweswekile.

iAsidi

iAsidi kwimidiliya iyehla ngokuye izinga leswekile lisenyuka. Zonke iiwayini kufuneka zibenezinga le asidi. Kungenjalo, iwayini izakuba javu-javu ingabinancasa. Indidi ezimbini ze asidi ezizezona zibalulekileyo yi asidi ye tartaric kunye ne asidi ye malic. Iasidi ye Tartaric yeyona asidi ikhoyo kwimidiliya kwaye inegalelo kwincasa nasekugcineni iwayin ingonakali.

Logama iasidi ye malic iyiasidi yendalo efumaneka kwimidiliya. Iasidi ye malic ingacolwa yintsholongwane i malolactic ukuze kwenzeke iasidi ye lactic kunye ne carbon dioxide. Amaqondo easidi ajongwa elaboratory kwaye achazwa ngee grem/litha.

pH

ipH ye wayini ibonakalisa ukujiya kwa asidi kwimidiliya. Ukuba ipH isezantsi, amaqondo easidi kwi wayini abaphezulu. Incasa, ubuncwane kunye nobushoqololo (ingakumbi iwayini ebomvu), buchaphazeleka kakubi yi pH engaphekuzu ko 3,5-3,6. Ezi zingachazwa njenge wayini ezi wayi wayi.

Iwayini eyenziwe ngalemidiliya eneqondo eliphezulu le pH azivundi kakuhle kwaye zibenencasa endala kwamsinya. Ukumeta ipH kubaluleke kakhulu njengoko oku kungaveza incasa, ukuzinza kunye nombala we wayini ebomvu. Zombini I asidi kunye ne pH zinegalelo elibalulekileyo ekubeni iwayini ingahlala ixesha elingakanani.

Umbala

Ukuphuhla kombala kwimidiliya yewayini ebomvu kuqala kwangethuba ngenyanga ka Disemba/Januwari. Iindibano yee elementi zombala ziyenzeka-kanje njengezo zenasa-kumajoni angaphantsi kwexolo lediliya. Kuninzi lwemidiliya ye wayini, lixolo kuphela elibanombala, inyama ihlala imhlophe Umbala we wayini usuka kumaxolo hayi kwijusi- Ijusi kuninzi lwemidiliya ebomvu ayinambala.

Xa ijusi yomdiliya ivunda kunye namaxolo abomvu, umbala utshintshela kwijusi ukuze kuphume iwayini ‘ebomvu’. Umbala ungabonwa elaboratory kodwa ungabonwa nakwintsimi yediliya ngokuumza idiliya ze ukhuhle ixolo ukuze ubone ukuba umbala uyaphuma na. Imidiliya yewayini emhlophe iba tyhelookanye ibe luhlaza wengca okhanyayo ngombala.

Iincasa

Mabini amaqela encasa afumanekayo kwimidiliya ye wayini: Iincasa zendalo zomdiliya kunye neencasa ezisuka kwigwele ngethuba lokuvubela. Iincasa zendalo zomdiliya zenziwa yimidiliya efana nemidiliya ye muscat, hanepoot kunye muscadel.

Iincasa ezenzeka ngethuba lokuvubela azivakali kumdiliya kodwa zenzeka xa igwele elikhethekileyo ligalela kwijusi ukuze kuvundiswe iswekile kwimidiliya.

Translated by Zizipho Silwana