Iinkowane zityalwa kwindawo ezinkulu ezingaphakathi, nalapho iqondo le carbon dioxide, ubushushu nokufudumala kulawulwa ngononophelo. Ngumsebenzi Odinga ubuchule obuninzi, obulungiselelwe ukuvelisa izibalo ezininzi zeenkowane, ingakumbi indidi ze button ne brown-nezikusapho lwe Agaricus spp.
Ulimo lwee nkowane ngumsebenzi we sayensi nodinga ukushicilelwa kweenkcukacha ukuze kuphunyezwe iziphumo ezifanayo, kwaye luneendleko ezininzi xa lusaqalwa. Ngaphezulu, kudingeka iiparameters ezahlukeneyo nezihambelana kakuhle ukuze kuveliswe iinkowane ezikumgangatho olungileyo, kutsho uDr. Martmari Van Greunen we Sylvan, inkampani ethengisa imbewu yenkowane. Eminye imiceli mngeni ekulimeni iinkowane iquka uluntu olungakholwa ncam kukutya iinkowane kunye nokungahlali kwazo ixesha elide. Ngoko ke, kuye kufuneke zithuthwe ngezithuthi ezinezikhenkcezisi ukusuka efama ukuya ezivenkileni.
Umgquba owenziwe ngendlela ekhethekileyo ugalelwa kwii treyi, kwii shelufa okanye ugcwaliswe kwii plastic. Ze kugalelwe imbewu yenkowane ebizwa nge ‘spawn se nkowane’, neye ithi igcinwe apho de ikhule iintambo eziye zibe ‘ziingcambu’ zenkowane. Le ndlela yokukhulisa ezingcambu zibizwa nge mycelium network ibizwa nge ‘spawn run’ kwaye ithatha iintsuku ezili 15-19.
Ukunyusa imycelium ye nkowane ukuze ikwazi ukuvelisa iinkowane, umandlalo we 5cm womhlaba okhethekileyo ugalelwa ngaphezu komgquba. Lo mandlalo udla ngokuba ngumxube we peat moss, nothengwa kwilizwe lase Ireland okanye elase Netherlands. Ipith ye yommoba (imveliso ephuma xa kuveliswa amaphepha ngommoba) ixutywa ne peat moss ukuze konyuke ipH ene acid ibekwi qondo elilungileyo okanye alkaline pH emalunga ne 7.5. Lo mhlaba ungumandlalo unika ubumanzi kunye ne microclimate efanelekileyo ukuze kukhule iintloko zenkowane.
Amafama ngoku anciphisa amaqondo obushushu kumagumbi okutyala ngokusebenzisa ubuchwephesha obusemgangathweni bokulawula ubushushu. Oku ke kubangela ukuba iinkowane ziqale ukudubula nokukhula iintloko ngendlela ebizwa nge ‘pinning’. Ngethuba le pinning, iinkowane ziyaphindaphinda ukukhula rhoqo kwii yure ezingama 24, kwaye kufuneka zijongwe yonke imihla ukuqinisekisa isivuno esininzi kangangoko.
Iinkowane zidubula nganye nganye okanye zivele zidubule zonke ngaxeshanye. Oku kuqala kwiintsuku ezili emva kokutyalwa, ze ziqhubeke ukukhula rhoqo ngeveki. Amaxesha amaninzi kuye kuvunwe kwiziqingatha zomhlaba ezintathu, ngaphambi kokuba umgquba osetyenzisiweyo ukhutshwe ukuze kwenziwe umtyhi wokutyala ezinye izityalo. Iinkowane ezizakutyiwa zinjalo zivamise ukukhiwa ngesandla, zohlulwe ngokwe migangatho ze zipakishwe kwii punnets okanye zipakishwe ngobuninzi (ukufikelela kwi 5kg) emakhalbhothini. Eyona ndawo ilungileyo yokugcina iinkowane ligumbi elinokubanda obukwi 2 - 4°C nokufuma okuphezulwana.
Inkowane ezikumgangatho wesibini/second-grade (umz. Ezivuthwe kakhulu okanye ezine ziva) ziya zikwa zibw yimicwe ze zisetyenziswe ukugalelwa phezu kwe pizza, nakwii sosi njalo njalo. Iinkowane eziza kunkonkxwa zivamise ukukhiwa ngemitshini yokuvuna.
I-spawn senkowane yimathiriyeli (efana ne rye okanye amakhoba emithombo-sorghum kernel) ezithi zidityaniswe ne spores zengcambu yendidi ethile yenkowane. Ispawn se nkowane sisebenza njenge ‘mbewu ye nkowane’ ‘etyalwa’ emgqubeni ekuza kukhuliselwa kuwo. Siye sixutywe emgqubeni umlinganiselo we 8 litres kwi toni nganye okanye we 0.5% wobunzima. Lo mgquba ugalelwe ispawn uye ugalelwe kwiingxowa, kwii treyi okanye kwii shelufa ukuze ufuthelane oku kubizwa nge ‘spawn running’.
Lento ibizwa nge spawn running kwakunye nokutyalwa, kwenziwa kumagumbi okutyala okanye kumatonela afudumele ngokwaneleyo nafakelwe ubuchule bokulawula umoya. Umoya kufuneka ucocwe ukuthintela iintsholongwane nokungunda ukuba kungangeni kumagumbi ekutyalwe kuwo. Ngaphazulu, umoya, amaqondo obushushu kunye nokufuma kufuneka bugadwe ngononophelo ukulawula indlela yokukhula kweenkowane.
Translated by Zizipho Silwana