Imveliso ye Buckwheat

© Jasper Teboc (North Carolina State University)

I-Buckwheat (Fagopyrum esculentum) sisityalo esihluma rhoqo ngonyaka, sifikelela kubume obungama 1.2m ubude nengcambu ephezulu kwaye lifutshane ixesha layo loku khula. Ilinyelwa iinkozo zayo ezincinci ezingunxantathu ubume ukuze zityiwe luluntu, njengokutya kwezilwanyana, nakwange sityalo esogquma ezinye.

‘Yingqolowa ekhethekileyo’ kwaye ayinabo ubudlelwane nengqolowa eqhelekileyo. Kodwa, nangona ingasuki kusapho lwengca elifana nepapa, ibalelwa kwinkozo zepapa.

Ixhaphake kwelase Southeast Asia kwaye ikhuliselwe khona ukususela kumawaka weminyaka eyadlulayo. Ikhuliselwe kwelase China pha kuma 1000 A.D, yaziswa kwelase Europe kwinkulungwane yama 15th century ze yasasazwa kwelase US kwinkulungwane i17th century.

Abavelisi be Buckwheat

Ilizwe lase Russia nase China ngawona mazwe ahamba phambili kwimveliso ye buckwheat kwilizwe jikelele nge hektare ezingapha kwama 700 000 kunye nama 661 000, ngoku landelelanayo. Abanye abavelisi baquka Ukraine (167 000 ha), France (111 000 ha) ne USA (83 000 ha).

Ukusetyenziswa kwe buckwheat eMzantsi Afrika kunqongophele - isetyenziswa kakhulu njenge sityalo sokogquma ezinye. I-Buckwheat yayityalwa kakhulu kwiminyaka engamashumi eyadlulayo, Kodwa ngenxa yesivuno esingekho sihle nokuxhomekeka kwintsalela zesivuno zokutyisa izilwanyana, imveliso ye buckwheat ngenjongo yembewu incinci.

Imisebenzi ye Buckwheat

I-Buckwheat ayinayo igluten, iphezulu kwi protein, fibre, magnesium, calcium, potassium, phosphorus, fatty acids: omega 3 no 6, niacin ne folate.

Imbewu ye buckwheat, ingakumbi amagqabi ane rutin umbala othile wesityalo, yaziwa ngokuba yomeleza amagumbi athile kwisityalo. Iti ephungwayo eluhlaza ye buckwheat inamazinga aphezulu we rutin kwaye ke iluncedo ekunciphiseni isifo sentliziyo, yehlise nomngcipheko wokuqina kwe ateri kwaye nokuba ikhusela umzimba.

Iinkozo zityiwa iphelele okanye zixotyuliwe, okanye iphekwe ibeyi papa, okanye igutywe ibengubo wokuxova okanye isetyenziswe njenge groats. Iinkozo ezixotyuliweyo, ezikwaziwa ngokuba yi buckwheat groats, zixhaphakile (zikrwada okanye zizinqukumba) kukutya okuhlaza kwaye isetyenziswa kwi saladi, yongezwa kwi suphu nezityu, kunye ne crackers ne granola.

Umgubo wokuxova we buckwheat (owenziwe ngenkozo ezigutyiweyo) zisetyenziswa ukwenza iinoodles ze zifakwe kwimixube yokubhaka engenayo igluten. Inkozo ze buckwheat etostiweyo zibizwa ngokuba yi kasha. Ikasha ebomvu-mdaka inevumba lamandongomane.

Umgubo wokuxova welase Russia, Poland, namanye amazwe ase East- Europe, ibuckwheat ikwasetyenziswa ukwenza ivinegar, ibhiya, utywala ne ti yokuphunga.

Isiqu se buckwheat (emveni kokuba kususwe iinkozo) inganikezwa izilwanyana zitye ingakubi (iinkomo, gusha, bhokhwe njalo njalo) kunye neenkukhu.

Ngenxa yokuba intyatyambo ye buckwheat ithandwa ziinyosi, ubusi bungaba yimveliso ye buckwheat yamafama. Ubusi be buckwheat buphezulu kwi protein kwaye ine 22 ye 24 yezinongo kwaye i-iron ininzi yona.

Translated by Zikhona Plaatjie