I-Moringa Iliyeza Elingu Mmangaliso

© Venkatx5
Incinci, kodwa ikhula ngoku khawuleza, iqinile (moringa oleifera) yaziwa njenge Drumstick tree, horseradish, bean oil tree, okanye ‘peperwortelboom’ ngesibhulu. Ikhula ukususela ku 5 ukuya ku 12m ubude, inesiqu esime dzu nentloko eme okwe sambrela enamagqabi aluhlaza. Iintyatyambo ziphela ku 25 cm ubude zivelise intanga ezibhityile ezimbala umdaka-nabomvu. Logama ingeyoyase India, Pakistan, ne Nepal, imoringa oleifera ikhula eLimpopo, Free state, Mpumalanga, Kwazulu Natal, nase Gauteng eMzantsi Afrika.
Ngokwamayeza esintu ase Afrika, nase India amayeza i(Ayurvedic) imoringa inentwanantwana eziyi 540 zokunyanga, ithintele ingxaki zempilo ezingama 300. Isetyenziswe iinkulungwane kumazwe ase Mpuma kwizifo ezifana ne neswekile, izifo zentliziyo, igazi elishotayo (anemia), isifo samathambo, isifo sesibindi, nengxaki zemiphunga nkuphefumla, ulusu nokutya okunga colekiyo esiswini, kunamhla nje yaziwa njenge ‘superfood’. Amagqabi angumgubo, ingcambu, amaxolo, izithole ezinga khulanga zisetyenziselwa izakhamzimba zazo, ukuchasana nokudumba obune ntlungu, ukhusela amajoni omzimba nomzimba.
Imoringa inezakha mzimba, minerali (minerals), kunye nazo zonke amino acids, ityebile kwi protheyini. Inezinga eloneleyo le vitamin C, E, potassium (K), iron(Fe) ne zinc (Zn). Ngaphezulu, amagqabi we moringa alunge kakhulu ekunikezeni icalcium (Ca) kwaye inikeza ngaphezulu ngokuphindwe kalishumi isakhamzimba uvitamin A (beta carotene) kune minqatha. iMoringa powder ingasetyenziswa endaweni ye pilisi ze iron, yiyo lonto iliyeza lokunyanga i(anemia). Inyama yenkomo ino 2mg we iron logama umgubo we gqabi le moringa ino 28mg we iron.
e-India amagqabi we moringa asetyenziselwa ukuvelisa Ubisi lwebele komama abase batsha kwaye iye idityaniswe nesuphu ye lentil ngexesha lemikhuhlane nengqele ukongeza izinga lokumelana nezifo. Amagqabi, incindi, izikhondo, iintyatyambo nentanga zonke ziyasetyenziswa ekunyangeni imisipha eqinileyo, ingxaki zentliziyo, iingxaki sezibindi, yenze iswekile emzimbeni ilingane ne tyuwa (cholesterol). Ilunge kakhulu ekulweni nentsholongwane kunye nesifo sephepha i-TB.
Kumazwe asakhasayo amagqabi acoliweyo we moringa asetyenziswa kakhulu njengomthi oliyeza, akufani nakumazwe ase Asian apho isetyenziswa njengokutya. Ithatha njenge sincedisi mzimba ngabantu abenesifo sentsholongwane ka gawulayo ukuthintela izifo nokuqinisa amajoni womzimba. Kuba imoringa ilimeka lula oko kwenza ibeliyeza elilengele ukunyanga ukungondleki kumazwe afana ne Senegal, Benin apho kunyangwa abantwana nge moringa.
Imveliso ze moringa zohlukile ukususela kumgubo we gqabi, ipilisi, umxube, ukuya kwiziselo ezixukiweyo ze protheyini, i-oli zentanga, iti neziselo eziqinisa umzimba probiotic. Amagqabi angavunwa ngoku sika isityalo ngaphezulu, xa isityalo sesikhule ukuya ku 1m, sishiya u 30cm. ityaleka lula ngembewu, kodwa idinga umoya we nitrogen ukuvelisa kakuhle. Ikhetha ubushushu mihla le eziku 25 ukuya ku 30 degrees celcious, nomhlaba ophakathi,kodwa okhamekileyo, kodwa ke ukhula kakuhle nakumhlaba onodongwe.

Isufungo Ngamayeza

Ezinkcukacha zezokufundisa nokwazisa kuphela kwaye azifanelanga ukuthathwa njenge ngcebiso kaGqirha. Olu lwazi alunazo injongo zokuthatha indawo ye ngcebiso namayeza ka Gqirha okanye unyango olunikezwa ngabezempilo ngoku semthethweni.

Translated by Zikhona Plaatjie