Imivuzo kunye Nemiceli Mngeni Yokutya Okulinywayo Mzantsi Afrika
Indigenous fruit like marula are wild-harvested and can provide both nutrients as well as income.
Imivuzo Yokutya Kwemveli Okulinywayo
Izityalo ziyachuma, zilungelene namaxesha kunye nokutshintsha kwemozulu. Inika ukutya okuzakubakho ixesha elide. Inceda ukugcina imvelo nezithethe. Inciphisa nendlala kwindawo ezisezilalini ngelixa leembalela kunye nezinye iziganeko zokusilela kwezityalo.
Kunika izinongo (micronutrients) ezibalulekileyo kumakhaya asezilalini. Kunganika namathuba amashishini amatsha- afana nepapa etyiwa kusasa. Kungenza ingeniso eyongezelelweyo kuluntu lwasezilalini nalapho imithi yeziqhamo zasendle ixhaphakile.
Imiceli Mngeni Ejamelene Ezokutya Kwemveli
Ukunqongophala kwembewu kunye nezinye iindlela zokwandisa. Ukwehla ekutyiweni kwezityalo zemvelo nokukhokelela ekuncipheni kwemveliso yezi zityalo.
Uninzi lwezi zityalo zityiwa zinjalo. Oku kungenxa yokunqongophaa kobuchwepheshe bokuzi process(a). Nangona ezi zityalo zemveli yase Mzantsi Afrika zinexabiso kwizinongo zomzimba nakwezoshishino, zimbalwa ezakhe zathengiswa. Ukungaphuculwa kwezi zityalo ngomnye unobangela wokuba oku kutya kungazange kwathengiswa kwiivenkile ezinkulu.
Uninzi lwezi zityalo lusavunwa endle. Oku kungakhokelela ekutshabalaleni kwazo. Ingakumbi ngenxa yamalinge angephi wokukhusela nokulondoloza ezi zityalo.
Translated by
Zizipho Silwana