iKhala

© Chris Daly
Ukusukela kumaxesha amandulo, amakhala ashicilelwa kwii zibhalo zase Yiphutha kunye nakwimizobo yohlanga lwe San kunye namaKhoi. Ikhala linembali ende njengeyeza lokunyanga kwantu. I-Afrika ineendidi ezingaphaya kwama 360 zamakhala ohlobo lwe Aloe linneus kwezondidi iAloe ferox yeyona isetyenziswa kakhulu nekwaveliselw ushishino eMzantsi Afrika.
Ikhala le Aloe ferox lohlukile kwikhala elibizwe nge aloe vera (Aloe barbadensis). Kwindidi ye ‘ferox’, incindi ekrakrayo ifumaneka kanye phantsi kwexolo, kwaye ingohluleka lula kumphakathi wegqabi ongathi yijel. Kwindidi ye ‘vera’ incindi ifumaneka kwigqabi lonke kwaye ikhiwa ngokufakwa kweekhemikhali. Kufumaniseke ukuba ikhala le Aloe ferox linencidi engama 28% kunye nee amino asidi ezingama 36% ukodlula ikhala le Aloe vera, umzala walo wase Melika. Zimbini iindawo zesisityalo ezisetyenziswayo. Amanzi ajiyileyo aziwa ngokuba nezithako ezinyanga izilonda, logama ilatex (lendawo ityheli iqulathe incindi) kuthiwa yona inezithako zokukhulula isisu, kodwa inganceda nokulwa nesifo samathambo.
Lamanzi ayo akhuthaza ukuphila kwesikhumba emva kokugqatswa lilanga okanye ubushushu, ithomalalisa ukuhrawuzelela kunye nokutywa zizinambuzane kwaye isetyenziswa kakhulu kwi khozmetiksi, ngenxa yokuthambisa nokupholisa kwayo umzimba. Lamanzi ajiyileyo akwaqulathe iiantioxidant, iivitamin (A, C kunye no B12) kwwakunye ne bradykinase, ienzyme ethomalalisa ukudumba nokutshotshozela xa ithanjiswe emzimbeni. Ikwasetyenziswa njengesikhanyisi sendalo sesikhumba njengoko inezithako ezinqanda ukwakheka kwe melanin.
Kuveliswa i-oli ngokufaka amagqabi amanzi ekhala kwi oli efana ne grapeseed okanye sweet almond oil. Umgubo wekhala usetyenziswa emayezeni kwaye namagqabi asandula kukhuwa angabekwa ngqo esikhumbeni ukuthomalalisa ukutshiswa lilanga. Ikhala le Aloe ferox likhula kakuhle xa lityalwe liyimbewu, kodwa ukulityala lizizithole kuxhaphakile kakhulu nako. Izithole zingatshintshelwa komnye umhlaba emva kweminyaka emibini, ze wona amagqabi avunwe emva kweminyaka emihlanu.
Esi sityalo siyachuma kwiindawo ezininzi, ukusuka kumzantsi-ntshona Koloni ukuya kumbini wa KwaZulu Natal. Ikhala le Aloe ferox elikufuphi naMazantsi eKapa nase Albertinia likhiwa kwizityalo ezilinyiweyo okanye kwezizikhuleleyo. Amalunga nama 50ha ikhala le Aloe vera (Aloe barbadensis) elityalwe kwintsimi yakwi phondo lase Limpopo, logama ikhala leAloe ferox lona likhiwa lizikhulela ngokwalo kuMazantsi nase Mpuma Koloni, ze likhiwe ngabo bafuna ukulisebenzisa.

Isufungo Ngamayeza

Ezinkcukacha zezokufundisa nokwazisa kuphela kwaye azifanelanga ukuthathwa njenge ngcebiso kaGqirha. Olu lwazi alunazo injongo zokuthatha indawo ye ngcebiso namayeza ka Gqirha okanye unyango olunikezwa ngabezempilo ngoku semthethweni.

Translated by Zizipho Silwana