Iiwetlands Zase Orange River
Iindawo Ezichumileyo
Umlambo we Orange River nguwo kuphela umthombo wamanzi ongatshiyo eRichtersveld, kwaye uhlala iindidi ezahlukeneyo zamanzi acocekileyo. Iintlanzi ezilapha ziquka:
yellow fish, sharptooth catfish (barbel), sardine, banded bream and the endemic Namaqua barb. ICape clawless otter nayo ingabonwa emlonyeni walo mlambo, eAlexandra Bay. Kwaye inani lwezinja zamanzi ezibizwa nge Cape fur seals (nesele zibizwa nge fur seal zoMzantsi Afrika), zingafumaneka ngaselunxwemeni. Umlomo womlambo we Orange river yenye yezona ndawo zichumileyo kulommandla.
Iindawo zawo ezinodaka, imigxobhozo, kunye neziqithi zixhasa iindidi ezahlukeneyo zentaka-Inani lezi ndidi lingaphaya kwama 60. Ezi ndidi ziquka ii flamingos (amakhulu azo angabonwa ethe ngcu emanzini), Cape cormorants, chestnut-banded plovers, Egyptian geese, Cape teal, Great white pelican, South African shelduck and the African sacred ibis. Kukwakho nendidi ezimalunga ne 14, ezikuluhlu lwe IUCN Red List. Olu luluhlu lweendidi ezisemngciphekweni wokutshabalala. Ezi ndidi ke ziquka: Damara tern, African purple swamphen, Barlow’s lark and the Cape long-billed lark.
Ngenxa yoku ke, umlomo womlambo we Orange River, sele ubhengezwe njenge RAMSAR noyi wetland ebalulekileyo ehlabathini. Ngelishwa esi siza sonakaliswe kakhulu lulwambiwo mgodi olwenzeka macala omabini alomlambo. Kwaye isimo sawo asinikwa ngqwalasela yimibutho ejongene nezendalo, ngenxa yendawo ekuyo. Lomlambi umi kwidolophu yemayini ese Alexander Bay, neyayikade ivalelekile eluntwini. Ngethamsanqa, ngoku abasemagunyeni bamazwe oMzantsi Afrika kunye ne Namibia bayazama ukulungisa lendawo ukuze ibuyele kwisimo sayo samandulo.
Translated by
Zizipho Silwana