Izinambuzane Zase Richtersveld

Indima Ebalulekileyo

©Shem Compion
Izinambuzane zidlala indima ebalulelikeyo kwi ecosystem Richtersveld, njengoko zisisidlo soninzi lwezilwanyana ezinkulu kunazo. Kwaye ikwazizo ezi sasaza ipollen yoninzi lwezityalo. Amaxesha amaninzi, izinambuzane ibazezona zininzi ngokwamanani kwakunye neendidi. Njengezinye izilwanyana ezihlala kule ndawo, ezi zinambuzane zizenzela indlela ethile yokuphila kulendawo yomileyo.
Ezi ndlela zokuphila ziquka: imizimba emtyibilizi okwekhandlela ekwazi ukugcina amanzi, ikhemikhali ezikhethekileyo ezivelisa ubumanzi ngaphakathi emzimbeni, kwakunye nendlela ezikrelekrele zokuzifihla. Nezithi zizincede zifane namatye angqongileyo. Ezinye izinambuzane, ziyakwazi nokutshona umgama omalunga nama 20 eemitha ngaphantsi komhlaba, ukuze zifumane amanzi. Iqela leendidi ezingaxhaphakanga lezinambuzane, sele zide zatshintsha zakwazi ukusebenzisana nezityalo ezithile ezixhaphakileyo. Kwaye ezi zinambuzane zihambelana ngqo nezi ntyatyambo.

Amaqela Ezinambuzane

©Shem Compion
Kukho amaqela abalekayo ezinambuzane: Ezibizwa nge primary feeders (nezitya izityalo okanye incindi yezityalo), ezibizwa nge secondary feeders (ezitya ezi zinambuzane zibizwa nge primary feeders) kwakunye nezibizwa nge detritus feeders (ezitya amasuntswana neentsalela ezinambuzane nezityalo eziphaphatheka nomoya).
Ukusasazeka kwembewu yezityalo kwenziwa kakhulu ziinyonsi (ingakumbi uhlobo lwe carpenter bees), bee flies kunye nee pollen wasps. Iintlobo zee pollen wasps kwintshona yamazantsi Afrika zikuluhlu lwezona zininzi ehlabathini.
Ezinye intlobo zezinambuzane ziquka: imilkweed locust, ooqongqothwane, blister beetle, monkey beetle, mouldy beetle, crickets, iintethe, iistone grasshopper, iipraying mantid, millipedes, centipedes, cicadas, impukane nezinye.

Amabhabhathane Kunye ne Bugs

©Shem Compion
Iqela leendidi zamabhabhathane angaxhaphakanga liyafumaneka nalo apha, kuquka iNamaqua Arrowhead-indidi ephantsi kwe Boland Tholly, iWarrior silver spotted copper kunye ne Roseate Emperor (eneneni yimoth ebhabha ebusuku). Silverfish (ezikwaziwa njenge fishmoths). Zonke ke ezindidi zamabhabhathane ziyafumaneka kummandla wase Richtersveld, kwaye lendawo ilikhaya kwezona ndidi zakhe zaninzi zezi bugs kwihlabathi liphela.
Iisilverfish zincinane kwaye zinikisa umdla: Zibhabha ebusuku, ziyobuza isikhumba, zikhula iscales ezincinci kwaye aziqale zibengubungwane njengamanye amabhabhathane. Ziphuma emaqandeni azo sele zingamaqanda apheleleyo. Kwaye zifunxa ubumanzi ngemingxunya yazo engasemva-Liqhinga elikrelekrele eli, yazi. Ubusazi ukuba icommon fish moth (le itya impahla enxitywayo yabantu) ayiyonzalelwane yalapha eMzantsi Afrika.

iBogeymen

©Shem Compion
Ii-arachnids,ezinemilenze esibhozo neyi bogeyman kwihlabathi lezinambuzane, zininzi kakhulu eRichtersveld. Iindidi zazo ziquka itrapdoor spider, buck spoor spider, Sicarius spiders, isigcawu esinetyhefu eyingozi kakhulu esibizwa nge black button spider kunye ne sun spiders okanye Romans. Iindidi ezintathu ze-scorpion ziyafumaneka nazo apha, kuquka iground scorpions, rock scorpions kunye ne thick-tailed scorpions-Zonke ezi ziphantsi kweqela lezona ndidi ze scorpions ezinobungozi eMzantsi Afrika. Ngoko ke ukuba wenze inkampu kulendawo, uze ungalibali ukuqongqotha izihlangu zakho ekuseni!

Translated by Zizipho Silwana