IiTsheri

© Louise Brodie

Eziziqhamo zincinci zimnandi zine ncasa eswiti zinombala omthubi, bomvu ukuya komfusa-mnyama zigcwele izinongo zomzimba kunye nezinongo ezomeleza kwaye zikhusele umzimba kwizifo, lilonke zinenqwaba yezinongo ezininzi empilweni.

Kweli lo Mzantsi Afrika, kufumaneka itsheri ezinencasa eswiti, iPrunus avium, kodwa ke itsheri ezimuncu, Prunus cerasus, zisetyenziswa xa kubhakwa naxakusenziwa izimuncu-muncu eziswiti, ziveliswa kumazwe afana ne Russia, USA kunye ne Ukraine. Esona sivuno sikhulu setsheri eswiti sasifudula sifumaneka kwelase Turkey amashumi amaninzi weminyaka, kodwa kutsha nje ilizwe lase Chile lilo elivelisa itsheri eziswiti ezininzi kumazwe jikelele.

Kweli lo Mzantsi Afrika, ngapha kwengxenye yemveliso yetoni ezingapha kwama 1 000 nangaphezulu zithengiswa njenge ziqhamo ezityiwa zisentsha kwivekile ezingqongileyo kunye nevenkile zentengiso ezinkulu, logama ama 26% ethengiselwa amazwe angaphandle. Okunye okungama 8% kusetyenziswa ekwenzeni ezinye imveliso zokutya.

Iimveliso ze Tsheri

©Benny Mazur

Ngaphandle kwetsheri ezisentsha ezifumaneka kudidi lokuqala (Grade 1) okanye kudidi lwesibini (Grade 2) zikumlinganiselo oqhelekileyo ze zapakishwa kwi plastiki ezincinci okanye kuma khalibhodi alingana ne 5kg, iitsheri zikwa setyenziswa ukwenza ukwatywala obuswiti kunye nemidiliya emfaxangiweyo. Ezinye iimveliso zetsheri ezifana ne sosi, ijam, iitsheri ezinkonxiweyo kunye nezo ziqatywa ngaphezulu ziveliswa eMzantsi Afrika. Ezomileyo, zigutywa zangumgubo, ezomiswe ngukufakwa kwisi khenkcezisi kunye nezomileyo ezenziwe zibengumgubo zenziwe iipilisi ziyafumaneka. Kodwa ke incindi yetsheri (eyenza isiselo esinencindi njalo njalo) efumaneka kwamanye amazwe. 

Iitsheri ezenziwe zamenyezela ziveliswa kwindawo iFicksburg, kwiphondo lase Free State ngendlela elula kodwa ethabatha ixesha elininzi. Ngesiqhelo ke kusetyenziswa iitsheri ezimbala otyheli, zona ziye zikhiwe phambi kokuba zibe bomvu. Xa itsheri iqalisa ukuvela umbala obomvu, kufuneka inxuzwe kumxube owenza umbala ungajiki okanye kuzakuvela amabala xasele zimenyezela. Iitsheri ke zifakwa kumxube we metabisulphite ithuba leeveki ezintandantu, ezilungiswe ngesandla, zohlulwa ngoko bungakanani ze zikhutshwe ipete. Itsheri ziyabiliswa iintsuku ezintlanu kubushushu obungama 90℃ zezipholiswe ku 50℃ iiveki ezimbini. Emveni kokuba ziphekiwe, kufakwa iiswekile kunye zijiki mbala. Phambi kokuzipakisha, iitsheri ezimenyezelayo zidluliswa kwitafile ekhanyayo ukuqwalasela okokuba akukho pete iseleyo. Iitsheri ezimenyezelisiweyo zixhaphake kakhulu ngexesha lepasika ne krisimesi kuba zisetyenziswa xa kubhakwa.

Ukulungisa itsheri embala utyheli kungohlulwa kwizigaba ezintathu: iitsheri ezimenyezelisiweyo, Maraschino kunye netsheri ezinga chiziyo ukuze zisetyenziswe kwinkonkxa yeziqhamo ezixutyiweyo. Kuphela ngu 10% we tsheri ezixutywayo zisuka eMzantsi Afrika; ezinye zifumaneka kwelase Italy.

Zintoni iiMaraschino Tsheri?

©Zylenia

Uhlobo lwe tsheri iMaraschino azilulo uhlobo oluthile lwetsheri kodwa ezimbala ubomvu oqaqambileyo kwaye ixutyiwe, isetyenziswa kakhulu kwisiselo kunye nezidlo eziswiti, ezifana ne ice cream. 

Itsheri imaraschino zoqobo zisuka kwi ‘marasca’, zincinci zimuncu, itsheri ezimnyama ezikhula endle kunxweme lwase Croatia. Oluhlobo lwetsheri lalugcinwa ngokuthi ligcinwe kutywala obubizwa i’Marascino’. Itsheri iMaraschino eveliselwa ukuthengiswa azigcinwa ngotywala, kodwa zigcinwa kumxube weswekile, ze kufakwe ne calcium ezigcina ziqinile kakuhle.

Inzuzo yee Tsheri

Itsheri zikukutya okugcwele izinongo, zisezantsi kwi kilojoules kodwa ziphezulu kwi fibre, polyphenols, carotenoids, vitamin C kunye ne potassium. Polyphenols, carotenoids kunye no vitamin E no C zinegalelo ekukhuseleni umzimba kwizifo kwaye zikhusela nakusuleleko lomzimba. Iziphumo kwizifundo zifumanise okokuba ukutya iitsheri kungehlisa umngcipheko wezifo zosuleleko eziquka isifo samathambo, izifo zentliziyo kunye nesifo somdlavuza. Ngaphezulu, izifundo zifumanise ubungqina bokuba ukutya itsheri kungenza iswekile ihlale kakuhle emzimbeni kwaye ihlise ubuzaza besifo samathambo.

Iitsheri eziswiti ziphezulu kwizikhuseli mzimba nangakumbi ke kwitsheri ezimuncu, ezino mlinganiselo olingana nowe tsheri ngokwendalo ngobu switi. Iitsheri ezimuncu zinencasa emuncu kwaye ekrakra kakhulu ye phytochemicals kwaye ziphezulu kumazinga we wezikhuseli mzimba.

Ngaphandle kwezikhuseli mzimba, iitsheri zezona zinikeza imelatonin yendalo, ihormone esebenza ngamaxesha okuvuka nokulala komzimba.

Uyacelwa uqaphele:
Ulwazi lwenzelwe ukufundisa nokunikeza ulwazi kuphela kwaye akufunekanga luthabathwe njenge ngcebiso yezempilo. Ulwazi alwenzelwanga ukuthabatha indawo yengcebiso yezempilo okanye unyango olunikezwa ngabazempilo abasemthethweni.

Translated by Zikhona Plaatjie