Iindidi Zee Nkowane

©Louise Brodie

Kukho amakhulu khulu eendidi zee nkowane ezilinywayo (iintlobo ezingaphaya kwama 50) ezifumanekayo ehlabathini. Kodwa ilizwe loMzantsi Afrika livelisa iindidi ezimbalwa ukuxhasa inani elincinci labantu abangeka ngeni ncam kwinto yokutyiwa kwee nkowane. Eyona ndidi iveliswa kakhulu yinkowane yohlobo lwe shiitake, neyenza isibalo esingaphaya kwama 20% kwimveliso yehlabathi, ingakumbi kwilizwe lase China. 

Kwilizwe loMzantsi Afrika, ubunintsi (malunga nama 90%) emveliso elinyiweyo iqulathe iindidi ze white button, brown button (cremini) kunye neenkowane ezi ntsundu (portobello oanye iportabello), neziphantsi kwe Agaricus. Malunga ne 8 - 10% yeenkowane ezithengiswa kwiivenkile ezinkulu zine exotic mushrooms, kuquka uhlobo lwe oyster (Pleurotus spp), shimeji kunye ne  shiitake (Lentinula spp). 

Ngokwe botany (ezezityalo) iinkowane zohlobo lwe portobello okanye iportabello kunye ne crimini (nezikwabizwa nge portabellini) ziluhlobo olunye lwenkowane. Iinkowane ezinkulu ezintsundu ngombala, zithengiswanjenge portobellos kwaye zinkulu kunezinye zibenee gills ezivulekileyo ezimnyama. Ezi ke ziindidi ze crimini ezivuthiweyo. 

Iigills ze criminis/portabellinis zigqunywe ngenwebu yenkowane. Oku ke kubonisa ukuvuthwa nokulungela. Xa zisalungele ukutyiwa zibonakala ngokuqina. Kwii ndidi ze Agaricus spesies, iziqu ezide nokuthamba kuthetha ukuba iinkowane azisalunganga ncam.

Iinkowane Ezi Exotic

Imveliso yentengiso yeenkowane ezi exotic eMzantsi Afrika isencinane (2019) kodwa ukuthandwa kweendidi ze shiitake kunye ne king oyster zenza ukuba imveliso nayo iya isanda. Incasa emnandi kunye nemivuzo yempilo yezi nkowane zi ‘exotic’ okanye ze ‘gourmet’, ikhuthaza nabapheku abaqeqeshiweyo ukuba bazidibanise kakhulu kwizidlo. Bakwayipheka njenge nyama kwabo bangayityiyo inyama. 

Umzi mveliso omkhulu weenkowane ezi exotic, ebizwa nge Free E, yavula kwindawo yase Sasolburg kwiPhondo lase Mpumalanga ngomnyaka ka 2017. Lo mzi mveliso ujolise kakhulu ekuveliseni iinkowane zohlobo lwe king oyster, shiitake kwakunye ne brown ne white shimeji. Izixa zemveliso zingaba phakathi kwee toni ezi 3-5 ngosuku.

Iinkowane Zase Ndle

©Andreas Kunze

Abathandi beenkowane bakwazithenga neenkowane zasendle ezidla ngokufumaneka kwiimarike zamafama angabhaliswanga. Ingcali ye fungi ehlala eKapa, uGary Goldmann, uphawule ukuba iinkowane ezityiwayo zasendle ziquka ibay kunye ne poplar boletus, porcini kwakunye ne wood Blewitt.

Iinkowane Ezingamayeza

©Marinda Louw

Isihloko ngeenkone ezisetyenziselwa amayeza sinzulu kwaye kungafakwa neenkowane ezingatyiwayo, ezisetyenziswa kumasiko esintu nawomoya. Apha ngezantsi sisishwankathelo ngeenkowane ezimbalwa ezityiwayo kunye nemivuzo noncedo lwazo kwizifo.

Sele ingamakhulu eminyaka iinkowane zisetyenziselwa amayeza emakhaya. Ngokwanda kokuhamba hamba kwabantu ulwazi lwala mayeza lwafikelela nakubambeli base Ntshona. Baqala ukuva babone nemivuzo yeenkowane zase Mpuma. 

Omnye umzekelo yi (Hericium erinaceus) nekwaziwa njenge yamabushitake okanye isatyr's beard. Indidi ye lion’s mane yinkowane edumileyo ekukutya nekwasetyenziselwa amayeza. Le nkowane iyaphandwa kwaye ikwakhuthazwa ekukhuleni kwemithambo (nerve). Iqulathe i-erinacine - kwakunye ne erinacine A. Zombini ezi zithako zisenokucothisa izifo zengqondo ezifana ne Parkinson’s kunye ne Alzheimer. Zikwa khusela nomzimba kwi strokes kunye noxinzelelo lwengqondo. 

Eminye imivuzo esempilweni efumaneka kwiinkowane ezityiwayo iquka ukhuseleko nonyango lwesifo somhlaza wamabele ngokuthi zinyuse ukusebenza kwe immune (turkey tail mushroom). Iinkowane zohlobo lwe oyster zingacutha amazinga e cholesterol, ze zona iinkowane zohlobo lwe reishi zincede ekulawuleni iswekile egazini nokomelela kwe immune system. Inkowane yohlobo lwe shiitake iluncedo kakhulu kwi anti-inflammatory. Ngaphezulu, ilentinan ekwi shiitake inceda ekunyangeni ukonakala kwee chromosome kwizigulane ezikunyango lwesifo somhlaza. 

Nceda Uqaphele:
Iinjongo yeenkcukacha yeyokufundisa nokunika iinkcukacha kuphela. Ayinakusetyenziswa njenge ngcebiso yamayeza okanye yezinongo. Le nkcukacha ayenzelwanga ukungenela endaweni yengcebiso zikagqirha okanye unyango olunikwe yingcali yezempilo.

Translated by Zizipho Silwana