iHerbs ze Mivundla kunye Nemisebenzi Yazo

© Judy Stuart

iHerbs zityiswa imivundla zomile okanye zisenamanzi, kodwa iherbs ezomileyo zingenza iingxaki ngaphandle kokuba zixutywe ekutyeni. Apho I herbs zisetyenziswe njengamayeza hayi njengenxalenye yesidlo salomini, zinganikezwa kwisilwanyana esigulayo. Iherbs zingakhuliswa egadini okanye zithengwe.

ICalendula

Isetyenziselwa ukutsha, izilonda, ukuhlamba, ukugruzuka, izilonda eziphola kade, iulcers, izifo zesikhumba kunye neengxaki zokucolwa kokutya.

Chamomile

Ukupholisa iingqaqambo, ukuthomalalisa imivundla eyothukileyo. Yenye yendlela ezihamba phambili zokuhlamba amehlo alilayo.

Comfrey

Isetyenziselwa ukuphilisa, ukumilisa amathambo, imivundla egulayo, imivundla enophuku okanye e ethe-ethe, nokunceda imvundla iphefumle kakuhle. Sebenzisa ngenkathalo kwimivundla emifutshane kuba ine khemikhali ezisenokuba nobungozi nangona ikwalilo neyeza.

iDandelion

iDandelion lolunye lwentlobo zokhula oluxhaphakileyo kwihlabathi liphela, ikwayenye yezityalo eziphilisa ngendlela emangalisayo. Sebenzisa ukucoca igazi, izigulo zokuphefumla, ukutshiseka, izifo zezinyi, utyatyazo, ukwehlisa kwimazi ezinamantshontsho.

Devils Claw

Sisityalo sase Afrika. Sebenzisela isifo samathambo, izigulo zamalungu, ukuquna kwemisipha noku ngacaceceli kutya.

Echinacea

Yomeleza amajoni omzimba. xa isetyenziswe kancinci, isebenza njengesidlamkisi. Ize xa isetyenziswe kakhulu isebenze njenge thintela iintsholongwane.

Fennel

Iherb elungele ukucola ukutya. Fennel inceda ukuqunjelwa, incedisa ukwehliswa kobisi kwimazi ezinamantshontsho.

Hawthorn

Imnandi kwaye isempilweni, hawthorn yenza izilwanyana zicacele ukutya incede nokucolwa kokutya. Inezinongo ezininzi ze Vitamini ne minerali. Ikwanesibalo esikhulu senbioflavonoids nesinceda kungene emzimbeni i vitamin C. Ikwayenye yezityalo ezibalulekileyo zentliziyo

iLemon Balm/iMelissa

Melissa ibulala iintsholongwane, ukuqunjelwa nomoya esiswnini, kunye notyatyazo kwaye inciphisa ukuxhalaba.

iNasturtium

Yintyatyambo exhaphakileyo nekulula ukuyikhulis, I nasturtium inezithako ezibulala iintsholongwane nezifo kwaye ikwasetyenziswa ukubulala iintshulube.

iNettle

Nettle sisityalo esixhaphakileyo, nekukudala sabakhona nenezithako ezinyangayo. Izele zizithako ze chlorophyll ebukhosini bemifuno. Ikwahamba phambili nge ayoni, lime, sodium kunye ne chlorine. iNettle ibalulekile kwimivundla njengokutya, ingakumbi kwezinempilo enkenenkene. Ikwakhusela nezifo ezininzi ezosulelayo, ikwakhusela nee ntshulube.
Inyusa amathuba okwehlisa. Yenza kucaceleke nokutya. Inamaqondo aphezulu e protein kunye ne ayoni. iNettles kuthiwa ziluncedo kakhulu ekupheliseni amaqhakuva omzimba, I rheumatism kunye nesifo samathambo. iNettles inamaqondo aphezulu e Calcium kunye nomlinaniselo olungileoy we Ca:O (Calcium to Phosphorus).
iNettles zingumthombo olungileyo we silica nengancenda ekugcineni uboya namathambo emivundla esemguangathweni. Ikwanceda nemivundla enamntshontsho ikwazi ukwehlisa.

iParsley

Sisityalo esinika amandla esiluncedo. iParsley yomeleza igai kwaye inyanga nee ngxaki zomchamo. Iingcambu zisetyenziswa ukunceda ukuqunjelwa nophazamiseko lwesisu. Inceda ukudumba kwesinyi nezintso, iingxaki zocolo lokutya, ukumitha kwimazi, kunye nokumithisa kwii nkunzi.

iPlantain

(Plantago lanceolata – Inamgqabi amile okomkhonto kwaye akhula ajonge phezulu)
iPlantain sisityalo esixhaphakileyo kuMzantsi Afrika wonke. iAntimicrobial, antispasmodic, kwaye inceda amanxeba, ingxaku zokuphefumla, ifiva. Kwaye iwalungele amantshontsho, ikwanceda notyatyazo. Amagqabi apholisa iingxaki zesinyo nomchamo. Ilungisa nesisi.

iRosehips

iRosehips ngumthombo olungileyo we of vitamins A, C kunye ne bioflavonoids Intlobo ethile esisicoca ubumdaka. Ngaphezulu ngumthombo olungileoy we fibre zokutya, rosehips zine calcium kunye nomlinganiselo we Ca:P (Calcium to Phosphorus).

iRosemary

iRosemary ithoba amazing eswekile, inceda ukudinwa, ukutyhafa kunye nomvandedwa kwimivundla. Iziqu namagqabi anceda ukuhamba kwegazi emzimbeni, nokucoleka kokutya kwaye ziyilungele ingqele,iRosemary inezithako ezibulala iintshulube.

iThyme

Thyme isisityalo esiluncedo kwizilwanyana nasebantwini. Ikhusela yonke into. Esi sityalo sibulala iintsholongwane, iyathomalalisa, ukuqunjelwa kunye neentshulube. Iziqu namagqabi ziluncedo ekufudumezeni isisu esiqaqambayo ingqele ezayamene notyatyazo kwaye iphelisa nentshulube.

Amagqabi Equnube

Isityalo sonke se qunube sibulala iintsholongwabe kwaye siyapholisa. Amagqabi azele yi ayoni. Ngaphandle, asetyenziselwa indawo ezinezilonda, ukujaduka kunye namehlo aqaqambayo. Amagqabi equnube lasendle aluncedo ekunyangeni amaqunube atyatyazayo nokuduba kwesibindi.

iYarrow

iYarrow inceda iingxaki zokuchama. Ingasetyenziswa ngaphandle ukunyanga izilonda. iYarrow ivamise ukutyalwa kumadlelo aphakade ngenxa yoncedo lwayo ekunyangeni. Ikwakukutya kwemivundla xa isaqala ukukhula ithambile. Inyanga yonke imikhuhlane. Isityalo sodumo samanxeba nokunceda ukopha kakhulu. iYarrow ineqondo elilungileyo le Calcium kunye nomlinganiselo we Ca:P.
QAPHELA UKUBA ZONKE EZI HERBS KUFANELE ZISETYENZISWE NGO NONOPHELO ZINGASETYENZISA ENDAWENI YONCEDO OLUGUNYAZISIWEYO LONYANGO LWEZILWANYANA. UKUBA UKROKRELA UKUBA ISILWANYANA SAKHO SIYAGULA, QHAGAMSHELANA NOGQIRHA WAKHO WEZILWANYANA.

Translated by Zizipho Silwana