Ikhaya lam ndilakhe kwindawo esecalani kwe St. Marks. Ndilakhe ngendlela yesintu, ndisebenzisa izitena eziqatye udaka kunye nomxube wobulongwe nodaka. Ndiye ndaqasha nomntu wokwenza izitena zodaka. Emva koko ndithathe izitena ndazisa kumakhi ngekiriva ndithutha namanzi ngepheyile entloko.
Emveni kokuba udonga lwakhiwe, ndiye ndatyabeka umxube wobulongwe kwizitena zodaka. Sisebenze nzima kobobusika, kunganethi nemvula le, emveni kweenyanga ezintandathu siye sabanendlu, elinegumbi yokulala, igumbi lokutyela kunye nekitshi.
Xa sigqibo kutshata, uOtto wahamba wayo kusebenza kwisiqithi sase Saldanha, pha eNtshona Koloni, kwikhampani ekuthiwa yi Saldana Bay Canning. Waye ngenamathuba amanintsi kuba umsebenzi wawungekho eTranskei. Wahamba iiminyaka engamashumi amabini anesithathu futhi kulo lonke eloxesha sasibonana kangange thuba leeveki ezintathu, xa eseholideyini.
Pha kumnyaka wesine emva komtshato wethu, emva kokuba uVusi, umtana wethu wokuqala ezelwe, ndahamba nosana ndaya eLanga kwidolophu yase Kapa ukwenzela ukuba umtana abekufuphi noOtto, siye sahlala endlini ka makazi wakhe uNomalizo.
Amapolisa ayehamba-hamba ezitalatweni efunana namapasi wabantu, ngenxa yalonto, kwakufuneka ndisoloko ndihleli endlini ndizifihlile. uNomalizo kunye nabantwana bakhe bona babenawo amapasi. ‘Wamkelekile apha, kodwa ungahambi elokishini phakathi kweveki, amapolisa azokubamba,’ uye wandilumkisa. Pha kwimpela-veki bekuba ngcono noko.
Amapolisa ebegoduka, nathi sikwazi ukuya edolophini. Idolophu yaseKapa ibindimangalisa, bekukhona iivenkile ezigcwele iimpahla kunye nokutya, kwaye nayo yonke into ethengiswayo ibikwixabiso eliphantsi nakuna seTranskei.
Bendikwazi futhi nokusa uVusi esibhedlela. Exesheni, uOtto wandithengela umatshini wokuthunga nomatshini wokunitha kwapha eKapa. Lonto iye yandonwabisa kakhulu ngokuba ndiyathanda ukwenza izinto. Kodwa ukuhlala endlini ngalo lonke ixesha kwakunzima. Ndihleli ixesha elingangenyanga eKapa, ndagqiba ndagoduka.
Eminye iminyaka yayingelula ku-Otto. Wakhe wafumana umsebenzi e-Kapa kwi-ofisi eyintloko yombutho wabasebenzi bokutya, esebenza kunye nonobhala jikelele u-Jan Theron. Babeqhele ukuya kwinkampani ezinempikiswano phakathi kwabasebenzi kunye nabaphathi, ukusombulula ezongxabano. Ibilixesha elinzima ku-Otto.
Ebefuna ukuwenza umsebenzi wakhe, kodwa ebezakuthini xa amapolisa embambile amvalela ejele, lonto leyo ibizakubashiya phi abantwana bakhe abane kunye nam? Nangona kwakunzima ukuba umyeni nomfazi wakhe bangabikho ndawonye, thina sasingenamkhethe. Kodwa siyesafumana amandla okwenza lento kwakumele siyenze.
Kungoku qha sesithathe umhlala phantsi sobabini, sikwazi ukuhlala kwaye sichithe ixesha sobabini, lonto isenza sifundane kakuhle njengabantu. Sonwabile ngoku ekhaya. Ngenye imini, ndiye ndaxelela umyeni wam ukuba ndifuna ukuba nomtshato wesibini, sibize bonke abantu esibaziyo, abancinci nabadala, kwenzel’ukuba babone ukuba sitshata okwesibini. Waphendula wathi ‘Ndizo nxiba ntoni?’
Ndithe kuye ‘Futhi sizofuna nenkomo –inkomo etyebileyo – kunye negusha, ukuvuyisana nathi.’ ‘Funeka sifumane umsebenzi kwenzele sikwazi ukonga, kuba akekho namnye wethu osebenzayo ngoku kwaye sizodinga imali eninzi..’ uye watsho. Ndamxelela ndathi ‘Uyabona umona wakho wokungandivumeli ndibe yitishala, ingaba uyandikhulula nangoku?’ ‘Ewe, ngokuba umdala ngoku’ watsho. ‘Akekho omnye umntu ozakutshata ngoku.’ Zange ndihleke kangaka. Ndasitsho isiqhazolo sentsini, ndade ndalila iinyembezi.’