I-Red Milkwood Fruit Iphezulu kwi Sakhamzimba uVitamin C

© JMK
i-Red Milkwood (Mimusops zeyheri) ibizwa ngokuba yi moepel, Mmupudu, umPushane, Nhlantswa ne Mubululu kwaye ingu mphambukeli e-Afrika. Lomthi mkhulu unesithinzi uhlala uluhlaza we Red milkwood usuka kwindawo ezikumantla kwi Afrika, iphinde ikhule kwindawo ezinomhlaba kwindawo ezonyukelayo ezinamatye, kwindawo ezonyuka nakwindawo ezingase mlanjeni eLimpopo, eRhawutini, North West, Mpumalanga, KwaZulu Natal nakwi phondo lase Freystata. Amagqabi walomthi atyiwa liqhude neendlovu, logama iziqhamo zisonwatyelwa ziinkawu, ihagu zase hlathini kunye noluntu.
Isiqhamo i-Red milkwood simnandi kwaye siphezulu kwisakhamzimba uvitamin C (Phakathi ko 50-90 mg kwi 100g) kwaye ikulungele ukuvunwa ukususela ngenyanga ka April ukuya ku October xa iphulukana nokuba ncangathi esikhumbeni nakwinyama yesi siqhamo xa singeka vuthwa. (iLatex, ngamanzi afana nobisi akhutshwa sesisityalo xa sithe sonakala) esisiqhamo simbhoxo singumbala o-orenji singavunwa singeka vuthwa ncam, sizakuthi sivuthwe kusuku olunye ukuyo kuma kwelesihlanu.
i-Red milkwood ingakwazi ukuthi isetyenziswe kwi projekthi zezoqoqosho nezokutya okuse mpilweni kwindawo ezomileyo neziphantse zoma. Isifundo esenziweyo sokuqonda ukukhethwa kemithi eyenzelwe iziqhamo ukuze isetyenziswa ekhaya ithengiswe nokuthengiswa yachaze ired milkwood njengeyona ithandwayo nge pesenti (92.5%) okokuba ingalinywa xa kuqataniswa ne 64% yamafama akhetha ukulima isityalo imobola plum. Amafama kwi mimmandla yonke afumanisa kukho isidingo sokuba imithi yered milkwood ilinywe emakhaya kwaye ithengiswe nokuthengiswa “kuba lemithi inqabile kwindalo xa kuqathaniswa ne marula”. Isiqhamo ired milkwood singakwazi ukuphelisa iingxaki zokungafumani isakha mzimba uvitamin c, ingakumbi kuba eziziqhamo zivela phakathi entwasahlobo xa isakhamzimba uvitamin C inqongophele kwindawo ezi zilali. Eziziqhamo ziye zenziwa ibeyi mpuphu eyaziwa ngokuba yi “sesema” enobomi obude elugcinweni kwaye ibakukutya okune ncasa ebusika.
Lomthi ulimeka lula ngembewu kwaye ikhetha iimvula zehlobo ezingena khephu kwi mimmandla yonke. Inengcambu ezingekho dlakadlaka, iyanyamezela ikephu ne mbalela kwaye nangenxa yobukho bencidi emhlophe ebizwa nge “latex” ired milkwood ayina zirhorho zininzi. iRed milkwood iwulungele umhlaba wodongwe nodaka, kwaye kufuneka ihlale ichutywa ukuze ikwazi ukuhlala ivelisa iziqhamo.

Isufungo Ngamayeza

Ezinkcukacha zezokufundisa nokwazisa kuphela kwaye azifanelanga ukuthathwa njenge ngcebiso kaGqirha. Olu lwazi alunazo injongo zokuthatha indawo ye ngcebiso namayeza ka Gqirha okanye unyango olunikezwa ngabezempilo ngoku semthethweni.

Translated by Zikhona Plaatjie