I-Oli Yomxoxozi Izele Ziproteni

© SANBI
I-oli yomxoxozi okanye Citrullus lanatus ikwaziwa nange watermelon seed oil. Amanye amagama wesisiqhamo saseMazantsi eAfrika zii is karkoer, mankataan, tshamma, ootanga okanye iwild watermelon. Ihlobene nevatala, kodwa umxoxozi ifumaneka kwimimandla eyomileyo ye Kalahari ese Masantsi eAfrika. Esi siqhamo sisetyenziswa luhlanga lwe San (Abathwa) njengomthombo wamanzi, kwakunye nokuthambisa kunye ne sikhuseli ekutshisweni lilanga (sun screen). Umxoxozi lo utyiwa yimfuyo kunye neenyamakazi.
Njengokutya kwabantu, iintanga zizele ziproteni (35%) kwaye uyojiwa okanye uphekwe utyiwe, maxa wambi kwenziwe ngawo umqa. Esi siqhamo sirawndi (xasizikhulele endle) okanye sibe ovali (xa silinyiwe) kwaye sinombala oluhlaza okhanyayo, kunye nemigca engamachaphaza eluhlaza kakhulu. Iintanga zivelisa ioli etyebileyo etyheli nesetyenziswa kwii khosmethiks, ukukhulisa iinwele njengesithako ekwenzeni isepha, logama iintanga ezigutyiweyo zisetyenziswa njengesicoci sesikhumba sobuso.
I-oli yomxoxozo inamaqondo alinganayo e-omega-6 essential fatty acid (68%) ukwenza isikhumba sifane sonke (72%), ukuqinisekisa ukwehla kokudumba nokutshotshozela, ukubuyisela ukunwebeka kwesikhumba kwaye ilwe nemibimbi/ukushwabana kwesikhumba. Iluncedo kakhulu ekuthambiseni iintsana. Le oli ifunxwa ngokuguba iingcambu emva kokuzomisa.
Esi sityalo siyanaba ukukhula kwaye sivelisa iintyatyambo ezityheli. Umxoxozi uyachuma kumhlaba ongatyebanga, oyisanti kwaye uyakwazi ukumelana nembalela. Kuba isisityalo esiqinileyo singaluncedo ekubeni sisityalo sokukhusela, ukuze sithintele ukhukuliseko lomhlaba kunye nokufunxeka kwamanzi.

Isufungo Ngamayeza

Ezinkcukacha zezokufundisa nokwazisa kuphela kwaye azifanelanga ukuthathwa njenge ngcebiso kaGqirha. Olu lwazi alunazo injongo zokuthatha indawo ye ngcebiso namayeza ka Gqirha okanye unyango olunikezwa ngabezempilo ngoku semthethweni.

Translated by Zizipho Silwana