I-Devil’s Claw Esetyenziselwa Isifo sama Thambo - Arthritis

© Olga Ernst
iDevil’s Claw (uzipho luka sathana) luhlobo lesityalo elihala kwindawo ezomileyo entlango ngoku gcina amanzi nezakhamzimba kwi zikhondo ezingaphantsi komhlaba ukuyokuma kwi 25cm ubude, no 6cm ububanzi. Ezintlobo zimbini Harpagophytum procumbens kunye ne Harpagophytum zeyheri ifumaneka eNamibia, Botswana nase Mzantsi Afrika, kuquka ne Angola, Zambia, Zimbabwe, kunye ne Mozambique (H. zeyheri). Esisityalo sine siqu esinabayo sivelise umbala ‘opurple-pink’ Intyatyambo ebume obufana nexilongo. Edubula ngosuku olunye ehlotyeni-November ukuma ku April. Igama loyanyaniswa nesiqhamo esifana ne huku yeziqhamo (ameva).
Ama Khoisan ase mantla e-Afrika nabantu abaziwa nge Bantu bathe bayisebenzisa iDevil’s Claw ukunyanga iingxaki zokutya okungahlali kakuhle esiswini, izifo zegazi, imikhuhlane, ukukruneka nama thumba. Isebenziseka ngcono xa iselwa njenge ti okanye ukutya ingcambu egutyiweyo, kodwa iyaqatywa nase sikhumbeni. Namhlanje, eliyeza lifumaneka lizi pilisi, khapsuli, iti, umxube, nezithambisi.
Umntu wasentshona wokuqala ukufunda nge Devil’s Claw, yayingu Mjamani uG.H Mehnert, owafunda ngesisityalo kubantu be San nabantu bama Nama eNamibia ngonyaka ka 1904. (Namhlanje iJamani ihambisa ubuninzi besisityalo kumazwe angaphandle kuyo). Le ndawo Inyama “yenzipho” isetyenziswa ekwenzeni iibhaskithi nembewu ingaxotyulwa idliwe. Isiqhamo esise sincinci singaphekwa sityiwe nge mifuno efana ne okra.
Imisebenzi yale mihla yesisityalo iquka isithambisi esithomalalisa ukudumba nentlungu ezingangxengwanga, ithomalalisa neentlungu zamathambo- isebebenza ngokufanayo ne “cortisone” kodwa ayinayo imiphumela. kukhona ke kodwa, ukukhohliseka – umzekelo, iDevil’s Claw ingenza umonkalo kumntu onesifo se swekile nabantu abane ngxaki zamathumbu nesitshisa esithe gqolo. Ngonyaka ka 2002, isityalo sokuqala eMzantsi Afrika nase Namibia ezaphumelelayo zasekwa nezithole eziyi 250 000 ngo 2003 yavelisa isivuno se 40 toni ngo 2004. Kungoku nje iNamibia ivelisa umyinge we (90%) yemveliso ezithengiswe kwamanye amazwe. eMzantsi Afrika iDevil’s Claw ifumaneka eLimpopo, Northern Cape (isivuno sinqabile) nakwiphondo lase North West (isivuno esithengiswayo).
i-Devil’s Claw ininzi kakhulu emadlelweni anengca apho ikhetha umhlaba owomileyo onzulu onesanti, kwindawo apho izityalo zendalo zicacileyo, ekufana nase caleni kwendlela. Esisityalo sisasazwa ngembewu okanye ukutyala ezinye isikhondo. Xa sikhula endle, isityalo siye sikulungele ukuvunwa emveni kweminyaka emine (4). Ukuvuna kuquka uku grumba ezantsi nge (1-2 cm) ukuya ezantsi, ukususa, ukusika, nokomisa izikhondo. iDevil’s Claw sisityalo esikhuselekileyo eMzantsi Afrika, Botswana nase Namibia. Oku kuthetha okokuba akukho semthethweni ukuyi grumba okanye ukuvuna nkqu isityalo esinye, ngaphandle kwe mpepha mvume ezisuka kuma sebe wezanga phandle nezendalo.

Isufungo Ngamayeza

Ezinkcukacha zezokufundisa nokwazisa kuphela kwaye azifanelanga ukuthathwa njenge ngcebiso kaGqirha. Olu lwazi alunazo injongo zokuthatha indawo ye ngcebiso namayeza ka Gqirha okanye unyango olunikezwa ngabezempilo ngoku semthethweni.

Translated by Zikhona Plaatjie