I-Athrixia Eyaziwa Ngokuba yi Bushman's Tea

© JMK
Yaziwa ngokuba yi Bushman’s Tea, (Ngesingesi) Boesmanstee (Isibhulu), icholocholo, itshelo, umthsanelo (Isizulu), Athrixia phylicoides ethambileyo njengamagqabi omthi aluhlaza, nentyatyambo ezi mfusa (purple) ezifana ne daisy eyintyatyambo exhaphakileyo egadini ixhaphake eSouthern nase Central Africa. Imisebenzi yayo eqhelekileyo kukusetyenziswa ngokubiliswa njenge ti (yiyolonto isaziwa ngokuba yi Bushman’s tea), iyahlafunwa ukupholisa umqala obuhlungu ngaba Sotho, nama Xhosa, amaVenda asela ingcambu emfaxangiweyo, amagqabi asetyenziselwe ukugxotha izinambuzane. Isiqu somthi, sisuswe amagqabi, kuye kwenziwe imitshayelo eqinileyo. Iyasetyenziswa ukucoca igazi, ukunyanga intloko ebuhlungu, okanye ukuxukuxa kusuleleko lomqala okanye ulahlekelwa lilizwi. Kwezinye indawo eSouthern Africa kukholelwa okokuba ivuselela ukunyusa umdla ebhedini.
Luncinci ulwazi olukhoyo kwicala lokuba ilwa ngokuchasene nezifo kunye nengceba ze antifungal ezikhoyo kwi kwi Athrixia, nangona imisebenzi yayo eqhelekileyo iyavuma ingakhona I”antimicrobial efficacy”. Yayisetyenziswa nokunyanga iingxaki zentliziyo, isifo se swekile, isisu esihambisayo nokunyanga izifo ezifumaneka ngokwabelana ngocantsi. Uphando lwalapha eMzantsi Afrika lubonakalisa umyinge we oli enuka okwe vanilla, icaramel nobusi usezantsi. Lamavumba, kodwa awonelanga ukuba kusetyenziswe i-Athrixia kwintengiso zezi qholo zomzimba, kodwa ingasetyenziselwa incasa ekutyeni nakwi ziselo. Amagqabi angathengiswa njengesiselo esityebileyo-esingena khafeyini (caffeine) nesiselo esishushu semithi enyangayo.
Ngesiqhelo ivunwa endle, izityalo ezincinci ezenzelwe intengiso zakhiwe njenge ndawo zokuvavanya Kwazulu Natal, eMpumalanga, nakwi phondo lase Limpompo eMzantsi Afrika. Izihlahla zikhula endle kwi mpuma yo Mzantsi Afrika kwaye zifumaneka kwindawo ezinamatye ezonyukayo ukususela engceni ukuya ehlathini. Isasazwe emveni kokusikwa, iqinile, kwaye ifana nelanga eligcweleyo.

Isufungo Ngamayeza

Ezinkcukacha zezokufundisa nokwazisa kuphela kwaye azifanelanga ukuthathwa njenge ngcebiso kaGqirha. Olu lwazi alunazo injongo zokuthatha indawo ye ngcebiso namayeza ka Gqirha okanye unyango olunikezwa ngabezempilo ngoku semthethweni.

Translated by Zikhona Plaatjie