Endawo Ezibalaseleyo Zokubuka Iintyatyambo eRichtersveld

Umhlaba Owogqume Ngaphezulu

©David Fleminger
Uhambiso olukhawulezileyo lwentyatyambo lwenziwa zizinto ezininzi, kuquka ukuchuma komhlaba, ukuphaphathekiswa ngu moya kwe mbewu, isimo sezulu esitshintshayo, ukunetha kwemvula, ukumila komhlaba kunye nezinye iimeko zomhlaba. Ngexesha lonyaka lentyatyambo, kufuneka uqhube kancinci ukufumana indawo ezilungileyo, nokuba ngobuninzi, okanye ukunqaba kwentyatyambo.
Konke oku kungadinisa, kwaye bonke abahambeli banombuzo omnye, ‘yeyiphi indawo elungele ukubona iintyatyambo?‘. kufana nokukhangela ingonyama eKruger National Park, ngaphandle nje kokuba iintyatyamo aziwa lumi amandwendwe amaJapani. Into enye ekufuneka uyazi kokokuba iintyatyambo zikhula endaweni eziphazamisekileyo apho izityalo ezikhululeyo ziye zisuswe okanye zinciphiswe.
Oku kwenzeka ezifama ezisetyenziselwa ukutya izilwanyane okanye kumabala angasetyenziswa kakuhle akhofoliweyo kodwa akwatyalwa, ngamanye amaxesha kuthiwa ‘ngamabala amadala’. Kuba iintyatyambo zaziwa ngengomhlaba ogqume ngaphezulu, izityalo zokuqala ukukhula kumhlaba osemtsha. Xa umhlaba uyekiwe ixesha elide, uyakuthathwa ngamahlathi namahlahla (ezesibini ukugquma umhlaba) kwaye iintyatyambo azisukubanayo indawo yokukhula xa iintyatyambo zesibini ziqala ukukhula. Lilonke indawo ezilungele ukubona iintyatyambo zifama ezinga linywanga, indawo zokutya izilwanyane nasekupheleni kweendlela ezinga khathalelwanga.
Umzekelo, cinga indawo yeentyatyambo etyebe ngoku ngummangaliso ekwi fama eseMatjiesfontein, kufuphi ne Niewoudtville, elandela indlela elula ukukhuthaza oku. Imfihlelo, xabesitsho, yile: vulela iigusha zize ebaleni ekupheleni kwenyanga ka September ukuba zitye iintyatyambo ezomileyo kwaye (zenze ezidume ngazo). Izilwanyana ziya kutshwa ngenyanga ka March ukunikeza izityalo ithuba lokuphumla emveni koko, ngo August/September, Intyatyambo ziyaphuma kwakhona. Igadi yase Skilpad wildflower eNamaqua National Park isebenzisa indlela efanayo, kodwa ukulinywa kakuhle kungasebenza.

Translated by Zikhona Plaatjie