Amandla Ezinye Eentyatyambo ezise Richtersveld

Umandlalo Wombala

©David Fleminger
Kuninzi okusele kubhaliwe malunga neentyatyambo zasendle eziqhakazileyo ezikhula eNamaqualand, ezi ntyatyambo zenza umandlalo wombala oqhakazileyo rhoqo ngexesha lwe ntlazane. Kangongokuba uninzi lwababhali lujika lubezimbongi xa bebhala ngalo mbono umhle kangaka. Kodwa ke mna, ndizozama kangangoko ukuzola. Ixesha leentyatyambo eNamaqualand lingumbono oncomekayo kakhulu. Ngamanye amagama, xa sele zidubule ezintyatyambo angummangaliso nje. Kodwa yintoni ebangela lomqa wendalo, kwaye kutheni ukhawuleza uphele?

Amacebo Okumelana Nemozulu

©David Fleminger
Ngamafutshane, zonke izityalo ezikhula eNamaqualand zizenzele amacebo okumelana nemozulu eyomileyo, kuba iimvula azifane zinethe kulendawo. Izityalo ezingamagqabi zigcina amanzi kumagqabi azo okanye eziqwini zazo; ze izityalo ezingamagaqa zigcine amanzi kumalungu azo angaphantsi komhlaba. Ezinye ke (ezifana nemithi namahlahla) zikhula iingcambu ezinde nezingene enzulwini yomhlaba okanye zikhule kwiindawo ezikufutshane namanzi.
Kodwa izityalo ezikhula kubekanye ngonyaka (ezi ke ziquka usapho lwee daisy) zinendlela eyahlukileyo. Emva kweemvula zobusika, aba maqhingashe bezityalo bakhula ngokukhawuleza; ziyantshula, kudubule iintyatyambo zazo, ziwise imbewu yazo zithi zakugqiba zife emveni kweveki nje ezimbalwa. Imbewu ke iye ilindele ezinye iimvula ezinetha kakhulu, nalapho lomjiikelo uphinda uqale phantsi. Ezinye iimbewu zingaphila iminyaka phantsi komhlaba, de kube kanti kunetha imvula eyaneleyo ezakubengela ukuba zikhule zibeyintyatyambo kwakhona.
Ngoko ke, ukuba imvula zinethe kakuhle, emva kweveki nje ezimbalwa kuzakudubula umbala oqhakazileyo weentyatyambo ezityheli, ezimhlophe, ezi-orenji kunye nezimfusa. Lemibala ithi ndijonge kwaye ichulumancisa umphefumlo. Kwaye indlela ezininzi ngayo ezintyatyambo ayithetheki.

Iindidi Ezahlukeneyo

©David Fleminger
uHendrik van Zijl, omnye weengcali ze bhotani nohlala kwingingqi yeNieuwoudtville, uthi lomtsalane wezintyatyambo awukho ngamanani nje kuphela.
Ukholelwa ekubeni zindidi ezahlukeneyo ezenza lemiboniso yezintyatyambo ukuba ibengummangaliso othi ndijonge.
Lilonke, libalelwa kuma 3000 inani leendidi ezahlukeyo lezityalo ezivelisa intyatyambi eNamaqualand.
Ezinye kwezi zityalo zinqabile kakhulu okanye azixhaphakanga kangako. Ngoko ke, ukuba ufuna ukubona ukwazi ngezintyatyambo uzakuzibona, qala wenze uphando ufumane nomkhomba ndlela wencwadi yeentyatyambi phambi kokuba uyokujikeleza ubuka ezintyatyambo. Kuzakunceda ukwazi umahluko phakathi kwe Iridaceae kunye ne Asteraceae.

Eziphephezela Nempepho Yomoya

©David Fleminger
Njengokuba zikhula ngexesha elinye, ezi zigidi zeentyatyambo ziphephezela nemphepho yomoya. Kwaye zonke zilangazelela ukusasazwa zizinambuzane ezilugcuntswana kulendawo.
Oku kukhokelela kukhuphiswano phakathi kwezityalo. Isityalo ngasinye sizenzele indlela yaso ekrelekrele yokubizela indidi zezinambuzane ezilungileyo.
Uninzi lusebenzisa iintyatyambo zazo ezigqamileyo ezinemibala enombizane otyheli, emhlophe, ebomvu kunye ne orenji. Iintyatyambo ezininzi zohlobo lwe vygie ziyamenyezela, oku kuloba ooqongqothwane ngemibala yazo emfusa omenyezelayo. Ngaphezulu, iintyatyambo zezinye izityalo zivelisa imiphawulo efana nezinambuzane ezithile, oku ke kubizela ezinye izinambuzane ezifuna ukutya ezi ‘zinambuzane’ okanye ezifuna ukuzikhwela.
Oqongqothwane (monkey beetles), umzekelo, bathanda ukusebenzisa iintloko zeentyatyambo ezi zi daisy njengendawo yokukhwelana.
Ziye ziphethe zigcwala ipollen umzimba wonke koku kubhuqabhuqeka ziye zikwenze.
Pollen leyo ziyisasazayo ngethuba zisiya kundwendwela ezinye izityalo.
Ngoko ke, ukukhuthaza ukundwendwelwa ngoqongqothwane, iindidi eziliqela zentyatyambo ze Gazania zivelisa amachokoza abufana nemazi ze zoqongqothwane (monkey beetles).
Neenyosi (Bee Fly) nazo, zitsalwa ngamachokoza amenyezelayo ajikeleze intloko yentyatyambo ebizwa nge Beetle Daisy, nemenyezela oku komzimba wenye iBee Fly.

Ngesingqi Esinye

©David Fleminger
Ezinye izityalo, zibetha ngesingqi esinye kunye nezinye izinambuzane ezisasaza ipollen yazo.
Zenza ukumila kwee ntyatyambo zazo zilungele oogxa bazo abazizinambuzane. Umzekelo ezinye iindidi ze Pelargoniums kunye ne Irises zivelisa iintyatyambo ezinemibhobho emincinci eyonele imilomo yendidi ezithile ze zezinambuzane ezibizwa nge tangle-winged flies. Kuyo yonke lentetho yosasazeko lwembewu uze ungacingi ukuba wonke ummandla we Namaqualand wogqunywe ziintyatyambo.
Endaweni yoko, iintyatyambo zithande ukukhula zibesisixa. Ngoko ke, kuwo wonke lo mmandla uzakubona iintyatyambo ezigqamileyo zithe tshitshilili kumabala athile, abanomhlaba xa ingelo xesha leentyatyambo. Nkqu nakwiindawo ezikhula iintyatyambo, elinye ibala lingathiwa wambu lonke ngumbala, logama elinye lingenayo nenye intyatyambo.

Translated by Zizipho Silwana