Iingcebiso Zokubuka Iintyatyambo eRichtersveld

Masithi ke ufake isicelo sendawo yokuhlala, kwaye ukulungele ukubona iintyatyambo. Yintoni oyenzayo elandelayo? Nazi iingcebiso:

Buza Imibuzo

©David Fleminger
Thetha nabantu ufumane iingcebiso. Iimeko ziyatshintsha mihla le, thetha nabantu basekuhlaleni kunye nabanye abandwendweleyo ukuva okokuba bebeyephi, nokuba babone ntoni. Abasebenzi kwi ofisi ekufuphi yezokhenketho ingakunikeza ulwazi olutsha ngeentyatyambo ezinikeza umdla neendlela neendawo zokuzijonga.

Ungaphumi Kwakusasa

Iintyatyambo zivela kakuhle elangeni, zivuleke xa noko sele kuqala ukubashushu. Izityalo ziphinda zivaleke xa ilanga litshona. Lilonke, cwangcisa ukuya kubona Phakathi kwentsimbi ye 11:00 kunye neye 15:00 – kuxhomekeke okokuba ilanga liqaqambe kangakanani lomini. Uqaphele okokuba iintyatyambo ezininzi azizuku vuleka kwaphela xa kunetha imvula kakhulu, okanye kukho inkungu naxa kukho umoya omkhulu.

Jongana Neentyatyambo, Ulandele Ilanga

Zibeke Phakathi kwelanga neentyatyambo ukuze uzibone kakuhle. Ngentseni, umzekelo, iintyatyambo ezingase khohlo endleleni zingavuleka, kwenzeke ngokufanayo emalanga. Xa uqhuba, zama ukugcina ilanga lingasemva kuwe.

Jonga Iinyawo Zakho

©David Fleminger
Zininzi iintlobo zeentyatyambo eNamaqualand, lilonke sukujonga nje ezantsi uzibone njenge sininzi zikude. Ezinye ezinqabileyo kwaye ezincinci zinikeza umdla kakhulu kune ntyatyambo eyi daisy eqhelekileyo eyenza ‘ikhaphethi’. Yehlisa izandla zakho namadolo, usondele.

Musa Ukuqhuba Ngesantya Esiphezulu

©Shem Compion
Inkoliso yeentlobo ngeentlobo zentyatyambo kunzima ukuzibona, thoba isantya unukise iintyatyambo. Kubalulekile okokuba uqhube ngoku nonophela ucingele abanye abantu, njengoko bazakumane bemisa bethatha amafoto nokuhamba bebuka. Ukhumbule ukuba iindlela ezininzi eziya kwintyatyambo zinendlela ye graveli kwaye uthuli luvuswa kukuqhuba imoto ngesantya esiphezulu, kwaye oku kungayingxaki ebantwini nakwizityalo.

Funda Ngendawo Ngaphambi Kokuthabatha Uhambo

Thenga ncwadi ebonakalisa ngentyatyambo, efana nale ye National Botanical Society yezityalo zasendle, uziqhelanise nezityalo ozakuzibona. Njengoko omnye umphathi we hotele owayengxamile wandixelela okokuba abantu baphaya baxakekile okokuba bakubambe ngesandla. Kwaye akuvumelekanga ukukha iintyatyambo ukuze ubonise ogxa bakho etywaleni.

Yiba Nesimilo Esisiso, Yiba Nengqondo Yendalo

©David Fleminger
Iintyatyambo azithobeli, kwaye akakho onokwazi (okanye ekufanele) akuqinisekise ngazo. Lilonke, musa ukufika uzixelele kulendawo. Kwaye ungatyholi lowo unikeza ngee nkonzo xa ezibonakalisiweyo zinganikezi umdla kunoko ubuku nqwenela. Iintyatyambo zicekeceke, lumka apho unyathela khona kwaye hlala usebenzisa iindlela ezicacileyo.

Yigcine Apha, Uziqoshele

©David Fleminger
Kuba kunqabe izindlu zabahambeli neehotele, uninzi lwabahlali luvula amakhaya wabo nee fama ukuze abandwendweli bakwazi ukulala ngexesha elixaxekileyo. Cela kwelinye lamaziko lwezokhenketho uluhlu lwendawo zokuhlala eziqashisayo. Phatha iimpahla ezishushu njengoko amaqondo obushushu angehla ngaphantsi kwe qanda (0 degrees) ebusuku. Xa ulele enkampini, enye ibhegi yokulala ingaluncedo.

Fumana Osebenza Bucala Obonisa Ngezityalo

©David Fleminger
Ezinye iidolophu eNamaqualand zinabo babonisayo abakwaziyo ukujikelezisa kwindawo ezohlukileyo. Oku kungongeza kuthando lwe ‘daisies’. Imibutho emininzi isebenza ukuqeqesha amalungu asekuhlaleni njengabo banikeza ngolwazi – eli liphulo elifanele ukuxhaswa. Cela i-ofisi ekufuphi ukufumana iinkcukacha ezithe vetshe.

Translated by Zikhona Plaatjie