Amaxesha e-Avocado

© Photo courtesy of the California Avocado Commission

eMzantsi Afrika, ii-avocado ziziqhamo zase busika. Ziveliswa kwii ngingqi ezifudumeleyo zelizwe, ingakumbi kumaphondo ase Limpopo kunye nawase Mpumalanga.

Ekuqaleni kwaye kukho iindidi ezintathu ezilungele ukulinywa kwiindidi ezintathu azahlukeneyo.

Iindidi ezinochuku kwiimozulu ezine qabaka zase Ntsona-India, zaziveliswa kwiindawo ezifumileyo ezikwimihlaba esezantsi yoMbindi Melika. Logama iindidi ze avocado zase Melika zikwazi ukumelana neendawo ezipholileyo, ezishushu kunye nazo nazipho na ezinye iimozulu. Indidi yesithathu, i-avocado ze Guatemalan, zikholwa ziimo ezipholileyo, ezifumileyo nezingane mozulu zibaxekileyo. 

Iindidi zale ‘mihla’ ezifana ne Fuerte, nexhaphakileyo eMzantsi Afrika, yenziwe ngemixube ye avocado zenalo kunye nezo ziyimixube yezinye iindidi. Le ndidi ye Fuerte, nengu mxube phakathi kwe Guatemalan kunye ne Mexican, kulula ukuyi lima kwii mozulu ezinamaqondo obushushu ohlukeneyo. Kulula ukuyilima kune ndidi ye Guatemalan.

Amaxesha Okuvunwa kwe Avocado

©Chris Wessels Photography

Ixesha loku vunwa kwe avocado lixhomekeka kwimozulu ye ngingqi nakwi ndidi leyo yesiqhamo. eMzantsi Afrika, ubuninzi be avocado buveliswa ukusuka kwiinyanga zika Matshi nezika Septemba. Kuxhomekeka kwi ngingqi ye mveliso kunye nendidi leyo, eli xesha lingaqala kwinyanga ka Matshi ukuya kweka Novemba. 

Umzekelo, i-avocado yohlobo lwe Fuerte ivunwa ukuqala ngenyanga ka Februwari ukuya kweka Epreli, kwii dolophu yase Levubu ephezulu kwiphondo lase Limpopo. Kodwa, ingavunwa ukuqala ngenyanga ka Meyi ukuya kweka Agasti kwiindawo ezise mazantsi ephondo laKwaZulu Natal. iFuerte ikwayindidi yokuqala ye avocado.

Enye yeendidi zokuqala yi Ryan, nese noku vunwa ekupheleni kwenyanga ka Okthobha kwiintsimi ezi KwaZulu-Natal. Ezinye iindidi ezibekho mva zii Lamb Hass, neyiye yona ndidi isandula ukuba khona; kwakunye nendidi ezinkulu ezirawndi ezibizwa nge Reed, Carmen-Hass kunye ne Gem.

Ngenxa yexesha elifutshane lokufumaneka kwe avocado eMzantsi Afrika, abavelisi abaninzi babucala bavelise iindid ezintsha ukuze bandise ixesha lokuvunwa kwesi siqhamo. Imizekelo emibini iquka iGEM, nevunwa kwii veki ezine emva kwe Hass, kwakunye ne Carmen-Hass, neyi avocado ekhawulezayo ukukhula nokuvuthwa. Yona ke ivunwa kwii veki ezine ngaphambi kwe Hass.

Translated by Zizipho Silwana