Yintoni Ukubila Kwamagqabi Esityalo?

© Laurel Jules
I’Transpiration’ kuxa amagqabi esityalo ephulukana namanzi ngokuthi onyuke njengolophu. Xa kusenzeka oku, amanzi asuka kwisityalo athi alahleke emoyeni. Oku kwenza uxinzelelo lubuyele umva ze ikhuthaze okokuba amanzi asuka emhlabeni ngengcambu zesityalo.

Kutheni Ukubila Kwama Gqabi Esityalo Kubalulekile?

Ukubila kwamagqabi kukona kulawula ukuhamba kwamanzi ngaphakathi kwesityalo. Xa amanzi enyukela phezulu esuka kumagqabi, amanzi asuka emhlabeni, ehambisa izinongo zomhlaba ezinga nyibilikanga kwisityalo nakwi seli zesityalo ukuze kwenze ukwenyuka kolophu olwaziwa ngokuba yi photosynthesis ngolwimi lwase mzini. Yona ke kulapho isityalo zisebenzisa amandla elanga, amanzi kunye ne gesi ezifana ne carbon dioxide ukuvelisa awayo amandla, iglucose. Kuyo yonke lonto umoya we oxygen uthi wenzeke.
Okwesibini, ukubila kwesityalo kuyadingeka ukuze isityalo siphole, kuyafana xa abantu bebilile ngemini ezinobushushu. Okokugqibela, ukubila kwesityalo kuyadingeka ukuze kugcineke ucinezelo lwamanzi ngaphakathi kwe seli zesityalo. Oku kucinezeleka kwamanzi kubizwa ngokuba yi ‘turgor pressure’.

Kwenzeka njani Ukubila Kwezityalo?

Amanzi kunye nezinongo athatyathwa zingcambu ze ahanjiwe kwisityalo. Kwindawo eziphakathi kweseli, iindawo eziphakathi kweseli zesityalo, amanzi atshintsha kwisimo sokuba ngamanzi ajike abeyi gesi ukuze enze ulophu. Olu lophu lisuka kwisityalo nge stomata, imigqobho emincinci kwigqabi lesityalo – ngenge migqobo yokuphuma umbilo kwisikhumba somntu. Ubungakanani bale migqobho bulawula indldla yokufuma kwisityalo.
Kusetyenziswa ingxenye encinci yamanzi ethi ithabathwe zingcambu isetyenziswa ngaphakathi kwesityalo. Okuseleyo kulahleka ngokuthi amagqabi esityalo abile.

Izinto ezithi Zichaphazele Ukubila Kwezityalo

Ukubila kwezityalo kuxhomekeke kubushushu, umoya nomahluko woxinzeleleko lolophu ngaphakathi nangaphandle kwesityalo. Ezi zinto zilandelayo nazo ziyachaphazela amazinga okubila kwesityalo:
Isimo sezulu. Iimeko zesimo sezulu ezifana nobushushu bomoya, ukufuma komoya kunye nomoya. Umzekelo kwimeko ezomileyo ezinomoya, ukubila kwezityalo kuzaku kwawuleza kuna xa kupholile kufumile.
UMhlaba. Imeko ezifana namazinga amanzi emhlabeni; xa amazinga amanzi emancinci emhlabeni, ukungena kwamanzi kwingcambu azakungena kancinci. Kumhlaba onomdongo, imigqobho emincinci phakathi kwesanti, kunye nomhlaba okrakra, amazinga etyuwa aphezulu, amazinga okubila abase zantsi.
Isivuno. Amazinga okubila kwisityalo achaphazelwa luhlobo lwesivuno kunye nexesha lokuphuhla kwesityalo. I-Xerophytic, ukunyamezela imbalela, izityalo zehlisa amazinga okubila, ngokuthi kuvuleke imigqobo yesityalo ngobusuku. Amaxesha amaninzi ezizityalo zine nwele kumagqabi wazo ukwehlisa amathuba okonakaliswa lilanga kunye nomoya.
Ezinye iintlobo zezivuno ziyayivala imigqobo emagqabini xa kukho imeko zocinezeleko zamanzi.
Izifo zesivuno. Izifo zokubola kwengcambu zehlisa amandla okokuba ingcambu zikwazi ukuzifunxela amanzi, lilonke yehlisa amazinga okubila kwesityalo.
Ukhuseleko. Izityalo eziphantsi kwezigqumathelo ze nethi zibila kancinci. Oku kwenziwa lukhuseleko olungcono kumoya nelanga kunye nokufuma okuninzi ngaphantsi kwe nethi.

Ingaba Ukulinganisa njani Ukubila Kwezityalo

Amazinga okubila kwzityalo angalinganiswa ngokuthi kusetyenziswe iindlela ezahlukileyo:
Eyona ndlela yakudala kukulinganisa umehluko kumanzi asemhlabeni kwingcambu yesityalo ngezixhobo ezifana ne tensiometers, resistance blocks, kunye ne neutron probes. Amazinga okubila angalinganiswa ngokuthi kugcinwe iinkcukacha zokutshintsha bobu ngakanani kwi lysimeters umhlaba ugqunyiwe ngomgquba ukuze kungenzeki ukonyukela kolophu komhlaba.
Ezona ndlela ziphucukileyo zokulinganisa amazinga okubila ziquka okokuba kufakwe ii’probes’ phantsi, ngonomathotholo okanye unomyayi, ukuya kwi khompuyutha kunye nobuchwephesha bokulinganisa i(infra-red measurement) kunye (satelite imagery).
Ukulinganisa ukubila kwizivuno zemithi, umzekelo iziqhamo, kukulinganisa ukwehla kwencindi kwisiqu somthi ngokuthi uqaphele umehluko kububanzi besiqu somthi okanye ngokubeka isixhobo zokulinganisa (micro measuring) ngaphakathi okanye kwisiqu somthi

Translated by Zikhona Plaatjie