UPeter Magubane, ngoku bhalwa ngu Desmond Tutu ngonyaka ka 1986

© Roger de la Harpe

Sebenzela uxolo

UPeter Magubane nguchwephesha ophatha ikhamera, wazuza iwonga kwilizwe jikelele. Umsebenzi ka Peter uye waqondwa ngabantu abaninzi, nokubonisa okwenzekayo ngeliso elihle, kodwa okubuhlungu kumhlaba oqhekeke phakathi, neziganeko ezingancumisiyo ezenzeka eSoweto ngomhla ka June 16 ngonyaka ka 1976.

Ukususela ngoko ingxaki yomhlaba iye yanda kakhulu kweli loMzantsi. Kwaye kubonakala ngoku ngathi sesikufupi kwi ngxubaka xaka. UPeter ke usinika ithuba sisonke lokuba sicinge okokuba singathatha manyathelo waphi ukusususa ulwamvila lexesha localu calulo kweli, kwaye siqinisekise okokuba lemifanekiso yathi yathathwa nge khamera ka Peter ayinakuze yenzeke kwakhona kulo mhlaba wethu. Sebenzela ubulungisa noxolo.

uDesmond Tutu

Ungomnye wawona maqhawe athandwayo eMzantsi Afrika, uDesmond Tutu waziwa kakhulu ngokulwela amalungelo abantu....more