Umthi iPepperbark: Umthi Wamayeza Osengozini Yokuphela

© Alice Notten of Kirstenbosch
Lomthi usengozini yokuphela uyi pepper-bark ngowase Southeastern Afrika, Warburgia salutarus ukhula eMzantsi Afrika, Swaziland, Mozambique, nase Zimbabwe. Igama elithi ‘salutaris’ lithetha ukunikeza impilo, ingqina umsebenzi womthi ipepperbark emayezeni. Umthi osondeleyo kuwo, waziwa njenge ‘Karambaki’, isetyenziswe emayezeni ngabathengisi bama Arab eEast Africa ukususela mandulo. Ipepperbark kunzima ukuyifumana endle kwaye ibhalwe njenge ‘Red Data Book’ izityalo ezisengozini. Ivunwa kakhulu zinyangi zesintu, ngenxa yesikhondo sawo esisetyenziswa ekwenzeni amayeza zininzi iinzame ezenziwayo ukuba lomthi usasazeke.
Ukhula lula xa uchetywa okanye ingcambu kumhlaba ohluzekileyo kwaye yenza isityalo esibukekayo umthi owaziwa ngokuba yi‘tropical tree, ubhityile uhlala uhlaza, ipepperbark ikula nge 5-10m ubude kwaye igcina initrogen emhlabeni xa amagqabi esenza I’nitogen-rich mulch’. Intyatyambo ezincinci ezimthubi-naluhlaza senza i30mm yamaqunube avuthwayo ajike umbala ube purple. Amagqabi, iziqhamo, ne zikhondo zangaphakathi zinencasa eqhwethayo enamandla kwaye ukuyivuna kuyavalwa kakhulu kukuduma kwezinambuzane zeziqhamo ne nkawu. Lemithi ithatha ixesha ukuba midala kwaye ingaqala ukuvunwa xa ineminyaka elishumi (10), kodwa ithatha iminyaka engamashumi amabini (20) ukukhula ngokugqibeleleyo.
Izikhondo, namagqabi we pepperbark anceda ukulwa nentsholongwane, ukuchasana ne fungi (ingakumbi iCandida yeast infections), anti-ulcer kwaye incedisa umchamo uhambe kakuhle emzimbeni. Isityalo siyomiswa, sigutywe sibengu mgubo sisetyenziswe njengeziselo esiphilisayo sincede urhawuzelelo kumhlaba ongezantsi, usuleleko lwesifuba, ingxaki zocantsi, umzimba obuhlungu, ingxaki ze sisu (esihambisayo, esiqaqambayo) kunye ne malaria.
Isetyenziswa ngoku rhogela, iyanceda ukuvula impumlo ezivalekileyo, xa uyihlafuna okanye urhogele umsi, incea iinkathazo zesivuba esivalekileyo, iphelisa ukuqhinwa, izigulo nentlungu zomzimba. Isiselo samagqabi adityanisiweyo zinceda amathambo nengxaki zesikhumba, logama iingcambu ezibilisiweyo ifakwa kwi suphu ukunceda isisu esihambisayo. Zombini iziqu somthi nengcambu zesikhondo ngamayeza kwi malaria kwaye xa zigutyiwe zadityaniswa namanzi, inganceda izilonda emlonyeni. eKenya, amagqabi afakwa ekutyeni okune nyama okuzisa ivumba elimandi.
Uphando olwenziwe ukuqathanisa izinongo ezisesikhondweni kwezise magqabini, ziye zafumanisa okokuba umahluko mncinci kakhulu. Ukusebenzisa amagqabi kunesikhondo ekwenzeni amayeza esintu kwenza esisityalo sivunwe ngakumbi.

Isufungo Ngamayeza

Ezinkcukacha zezokufundisa nokwazisa kuphela kwaye azifanelanga ukuthathwa njenge ngcebiso kaGqirha. Olu lwazi alunazo injongo zokuthatha indawo ye ngcebiso namayeza ka Gqirha okanye unyango olunikezwa ngabezempilo ngoku semthethweni.

Translated by Zikhona Plaatjie