Umkhombe Wase Mapungubwe we Golide

Nodumileyo we Golide

©Roger de la Harpe

iMapungubwe yindawo enomtsalane, eneenduli ethe tyaba ngaphezulu kunye neentili ezithiwe gqaba-gqaba yimithi ye simuku, eyokutshona kumlambo iLimpopo. Le yindawo elungileyo ukuba ungaqala ubukhosi bakho. Le yayiyindawo enobukhosi bama Shona, ukusukela ngeminyaka yoo 1220.

Oluhlanga lwaluyinxalenye yabantu ababesakha iindawo zokuhlala ngamatye, njengabo bonke abantu abakuMazantsi Afrika phambi kokuba kufike abantu abamhlophe. Kwakunyibilikiswa igolide kuninzi lwezindawo. Ngethuba iMaphungubwe ‘ifunyanwa’ ngabazingeli abamhlophe, kwafunyanwa izinto ezenziwe ngegolide. Ezi zinto zegolide ziquka nodumileyo ngoku umkhombe wegolide.

Intlalo yase Maphungubwe, ebonakaliswa ngulomkhombe wegolide, lelona wonga liphakamileyo lobunkokheli lase Mzantsi Afrika.

Translated by Zizipho Silwana