uMandela eWashington D.C
uMandela uxhawulana izandla nentatheli, kuhambo lwakhe lwakusasa eWashington DC, waye qala ukundwendwela emveni koku phuma eluvalelweni
Xa uNelson Mandela wathabatha uhambo lwakhe lenkululeko kwilizwe jikelele, wathabatha uhambo olude eMelika. Wahambela indawo ezininzi, nedolophu ezifana ne Boston, New York, Atlanta, Washington DC, uMandela wadibana nalowo wayengu Mongameli u George Bush snr ze wakha ubuhlobo kwezopolitioko phakathi koMzantsi Afrika ne Melika. Ngexesha lohambo lwakhe, intatheli ezininzi nabafoti ababe suka eMelika nase Mzantsi Afrika bakhapha uMandela ehamba hamba elase Melika, ethatha imifanekiso esenza nodliwano ndlebe. Kumfanekiso phezulu uMandela ethabatha uhambo lwakusasa, exhawula isandla intatheli eyayisenza udliwano ndlebe naye.
“Abantu baphendula ngalendlela ubaphethe ngayo.” ~ Nelson Mandela
uBrenda Fassie, umculi we Pop othandwayo eMzantsi Afrika egcwele yimizwa, wonga uMandela...
moreuNelson Mandela ubuyela kwikhaya lakhe eSoweto, emveni kokuphuma entolongweni ngo 1990. uNelson Mandela, ukhule kwa no 8115, kwisi talato iV...
moreuMandela ufumana iwonga le Honorary Doctorate kwi Yunivesithi yase Witwatersrand eRhawutini...
moreuMandela ubulisa abalandeli bakhe ngaphandle kwe ndawo yokuthandaza yamaJuda ePitoli....
more