uLawulo Lwesivuno se Brinjal

© Louise Brodie

uJikeleziso Lwesivuno

iBrinjal kufuneka ijikeleziswe nazo naziphi izityalo ezaziwa ngokuba zi ‘solanaceous crops’ (ezingana sithunzi sasebusuku izityalo) ukuthintela izifo nenkumbi edla izityalo.

Ubungakanani Bemveliso - Itoni ngokwe hectare

Okunqabileyo: itoni ezilishumi elinesibini (12)
Okuphakathi: itoni ezingamashumi amabini (20)
Okulungileyo: amashumi amathathu (30) + nangaphezulu
Izikhulisi ezisika izityalo emveni kokuvunwa phambi kwexesha kwindawo ezonwabela isimo sezulu esishushu ukuya ekwindla zingafumana isivuno sesibini enyakeni kwaye oko kunganyusa imveliso ifikelele ku 40 ye toni ngokwe hectare.

uKuvuna

Ukuvuna kuqala kwiveki ezilishumi ukususela ngexesha lokutyala kwaye kungaqhubeka iinyanga. Iziqhamo zivunwa ngee mela nezankempe. Xa iziqhamo zingumbala othile nesikhumba ziqaqambe oku kuchaza okokuba lixesha lokuvuna. Ukuhlala kuvunwa kukhuthaza ukhula kweziqhamo, kwaye nezingeka vuthwa ziyakhawuleza ukuvuthwa. Iziqhamo zingavaswa emanzini, zomiswe, zipakishwe emakreyithini ukuze zithengiswe. Kufuneka kulumkelwe isikhumba singonakali njengoko singenza isiqamo zikhawuleze ukumoshakala xa sele zivuniwe.

Indawo Zokugcina

IBrinjal kufuneka zigcinwe ubuninzi obuzintsuku ezilishumi nesine kubushushu obungange 10 degrees celcious kwindawo enokufuma.ibrinjals ziyakhawuleza ukonakala yiyo lonto kufuneka zi thengiswe ngoku khawuleza emveni kokuvuna.

Inkumbi edla Izityalo kunye Nezifo

Ezona nkumbi: Root-knot Nematodes, Red Spider mite, Cutworm, American bollworm, Tip-wilters leaf-eating beetles ne Aphids.
Izifo ezingamandla: Bacterial wilt, Verticillium wilt, Powdery mildew, Anthracnose, nezinye izifo ze fungal leafspot, Tobacco Ring Spot Virus ne Botrytis. Okudibene nezifo nolawulo lwenkumbi kwizityalo kucetyiwa okokuba ubani aqhakamishelane nomnikezi wakhe wekhemikhali nalowo usebenza ngezityalo ukuze acetyiswe ngoku lawula inkumbi nezifo nokhuseleko lwezityalo.

Translated by Zikhona Plaatjie