Ukutyala I-Brinjal

© Louise Brodie

uSasazo

Usasazo lwenzeka kwimbewu.

Indlela Yokutyala

Ukutyala ibrinjal ngamanye amaxesha kwenziwa ngokutyala imbewu ngqo, kodwa abavelisi abaninzi bathatha izithole ezikhuliswe kwitreyi ezingama 10 ukuya kwishumi elinesihlanu (15) nge sentimitha. Kutyalwa ngesandla kunye nomatshini bokutyala. Kumhlaba okhamekileyo onesanti, ukutyala ibrinjal kwenziwa ngqo emhlabeni, nakwi ndawo apho ukuhluza kuyingxaki amafama atyala kwibhedi zomhlaba ezonyusiweyo. Ukuthintela ukhula, ukugcina ukufuma emhlabeni nokwenza indawo yomhlaba ibeshushu, amafama aye asebenzise iplastiki emnyama enamaxolo.

Ukwahlulwa - Hlulwa

Izityalo ze brinjal zohlulwa -hlulwa nge 50 cm ukuqelelana kwimiqolo engu 75 cm ukwahlukana. Ziye zitsibe umqolo ukwenza indlela ukuze izixhobo nabasebenzi bakwazi ukuhamba hamba Phakathi kwemiqolo, kwizityalo ezithekelelwa kuma 25 000 ngokwe hectare.

Ixesha Loku Hlwayela

Imbewu ye brinjals ihlwayelwa ekupheleni ku august xa amaqondo obushushu eqala ukuba shushu nango October. Imbewu ingatyalwa kwizindlu eziluhlaza ukususela ngo julayi ukwenza izithole ukuze zityalwe ekupheleni kuka august.

Ixesha Loku Tyalwa

Tyala izithole ze brinjal ukususela ngo august ukuya ku December. Ezinye izityalo zamva zingenziwa kwi ndawo ezomileyo ezidibani nengqele yase kwindla.

Ixesha Loku Khula

Ibrinjal ingavunwa isene veki ezilishumi ukususela ekutyalweni xa isimo sezulu siyivumela, apho ubushushu bohlaba buyilungeleyo. Ukuvuna rhoqo kuqhubekeka ukususela kwiveki ezilishumi elinesibini kwaye ingaqhubeka ukuya kwiveki ezingamashumi amabini ukususela ngexesha lokutyala. Abanye abavelisi abanobusika obuqala ekupheleni okanye kwindawo ezine simo sezulu esinethayo zinganqamla izityalo emveni kokuba bafumane isivuno sesibini ekwindla.

Uchumiso

Xa utyala izithole nge disc plough phakathi ko 500 no 1000 we kilogram zomlinganiselo we 2:3:4:(30) (umxube we Nitrogen, Phosphates, ne Potassium) ngokwe hectare ukuya ngaphezulu komhlaba ngo 20 cm yomhlaba phambi kokutyalwa. Owona mlinganiselo uyakuxhomekeka kwiziphumo ze sampula zomhlaba. Kwiveki ezintlanu ukuya kwezintandathu emveni kokutyala omnye umlinganiselo we nitrogen ngomlinganiselo we 250 ukuya ku 400 LAN kufuneka unikezwe. Oku ke kungaqhuba ukususela ekutyaleni de uyokuvuna.
lomlinganiselo wesibini ungohlulwa kabini kwiveki yesihlanu nakwiveki yesibhozo ukususela kwixesha lokutyala. Xa kusetyenziswa isichumisi esinga manzi, njengoko kusenziwa nge driphu ngaphantsi kwe plastiki enamaxolo, emveni koko ifakwa Phakathi kwesine nesihlanu se kilo ze nitrogen ngeveki ngamanzi. Kucetyiswa okokuba ubani afumane ingcebiso yalowo usebenza ngezolimo ukuze ucetyiswe ngezidingo zefama yakhe.

Unkcenkceshelo

Kungcono ukuba nezijojisi zokufuma (moisture sensors) emhlabeni kuyo yonke indawo enezityalo ukuze zihlale zijongene nezinga lokufuma komhlaba namazinga omvandedwa emhlabeni. Isixhobo esaziwa ngokuba yi ‘soil auger’ singasetyenziswa ukujonga izinga lokufuma emhlabeni. Umva ndedwa ngexesha lokudubula neziqhamo ungatshabalalisa ukukhula kwemveliso.
Umlinganiselo olungileyo kunkcenkceshelo uphakathi ko 20 no 35 mm wamanzi ngeveki. Xa kushushu kakhulu nezinga lokufuma lisezantsi unkcenkceshelo lunga ngaphaya ko 40mm ngeveki. Uxinzelelo lomhlaba ongaphezulu nge 50 cm, apho uninzi lomhlaba nokufunza izinongo kwingcambu xa zingacwenganga kufuneka kungankcenkceshelwa.

Translated by Zikhona Plaatjie