Ulawulo Lwesityalo i-Galikhi

© Louise Brodie

Ukutshintsha - Tshintsha Izitiya Zezityalo

ubalulekile ukuba utshintsha-tshintshe izitiya otyala kuzo izityalo ngokuba oku kunciphisa ukukhula kwezinambuzane. Ii-Brassicas (umzekelo: ikhaphetshu) okanye i-tomato zisebenza kakuhle kodwa ulumkele ukutyala usapho lwesityalo ezinje ngetswele kunye nezityalo ezingamagaqa, zona ziyachatshazelwa zizinambuzane kunye nezifo, nto ezo zosulela i-ghalikhi.
Ukuba utshintsha-tshintsho lwezitiya zokutyala akwenzeki, ukutshiza izityalo ngamayeza okubulala izinambuzane kunye nezinye iindlela ezingqingqwa zokukhusela izityalo kuya nyanzeleka zisetyenzisiwe.

Isivuno - itoni nganye kwihektare

Ulondolozo olufanelekileyo: iitoni eziyi 8
Umyinge: iitoni eziyi 10
Olulungileyo: iitoni eziyi 15

Ukuvuna

Ukuvuna i-galikhi ngesiqhelo kusemva kweenyanga nje ezintlanu ukuya kwezintandathu ityaliwe. Ekusondeleni kwexesha lokuvuna amagqabi aqala ukuwa abe-brawuni kwincam yawo ade afe. Xa isiqingatha samgqabi sesifile ingavunwa kengoku i-galikhi. Ukuvuna kungenziwa ngezandla futhi nomatshini. Igaqa le-galikhi kufuneka kuqala ulihlakulele apha emhlabeni.
Xa uvuna ngesandla, kusetyenziswa ifolokhwe ukuhlakulela umhlaba okhula eligaqa, kuthi ulitsale ngokulula ukulikhupha kungophukanga nesiqu sesityalo, kuba ukophuka kwesiqu kuphungula ixesha enokuthengiseka ngayo futhi ifake i-galikhi emngciphekweni wezifo ngaphakoko iyomise msinya. Abavuni bomtshini benza umsebenzi omnye nalo kodwa ngokukhawuleza.
Isakuvunwa, i-galikhi kufuneka ivundiswe ngokuyifaka kwimigqomo engena umoya kakuhle okanye ixhonywe ngezicuku kwindawo epholileyo nebetha umoya kakuhle. Emva kwentsuku ezimbalwa amagqabhi kunye neengcambu ziyasikwa kweligaqa ize i-galikhi le ithunyelwe kuvavanyo iye kugcino.

Indawo yogcino

I-galikhi ingagcinwa kude kubeziinyanga ezintandathu kwigumbi lomkhenkce kwizinga lokubanda elingange 0°C, kunye no 60% wokufuma. Imigqomo apho i-galikhi ithi igcinwe khona kufuneka ijikeleze umoya ngokukhululekileyo ukungene koko kuvalelweyo..

IzinambuzaneM
Thrips, Nematodes, Cutworms, Pink stalk borer
Izifo
Downy mildew, Brown Rust, Fusarium rot, Penicillium mould, Pink Root rot kunye ne Leaf Blight.

Translated by Aviwe Damane