Ukuveliswa kwe Carob eMzantsi Afrika

© Emőke Dénes

Nangona icarob inokusetyenziswa njengokutya okuzele yi proteni ukondla izilwanyana okanye abantu. iCarob ayiveliselwa intengiso eMzantsi Afrika. Zikhona iintsimi ezimbalwa ezilinywe icarob e eNtshona Koloni, awekho amafama ayilimela intengiso.
Okunye kukuba icarob pods azisetyenziswa eMzantsi Afrika - Wonke umgubo okhoyo we carob uthengwa kwamanye amazwe. Icarob okanye imveliso ezenziwe nge carob azifane ziveliselwe ukondla izilwanyana eMzantsi Afrika, kodwa amafama ayazivumela izilwanyana ukuba zitye ukutya okuzele yiswekile. Ukuze zicoleke kakuhle iipods okanye iintanga eziqinileyo kufuneka zigutywe.
Uphando olungephi olwenziwe ngu Lukas Lipumbu kunye nesebe le zenzululwazi yokutya (food science) yeDyunivesithi yase Stellenbosch, luquke ukuphuhliswa kwemveliso zokutya ezintlanu. Konke oku kutya kwenziwe nge carob. Ezi mveliso zezi: Isonka, isidudu, ipapa yakusasa, imousse kunye nesiselo esinobisi. Akukho nanye kwezi enokuveliswa ize ithengiswe ngomthamo olingene intengiso, njengoko kungekho mlinganiselo waneleyo we carob kwaye kusadingeka nezixhobo neendawo yokuvelisela ezi mveliso.
Ngokubhalwe ngu Dr. Pippa Karsen, umphandi ngeze nzululwazi yezityalo kwisebe leZolimo lase Ntshona Koloni, ukulinywa kwe carob kulungele kuphela imimandla enethayo ngexesha lasebusika. ‘Amagaqa e carob avuthwa ehlotyeni kwaye ukuba afumana imvula zehlobo, amagaqa ayanyibilika aze avunde.’ Ngoko ke, ukulinywa kwe carob kukhuthazwa kakhulu kwiindawo ezingenazo imvula zehlobo okanye ezina kancinci.
iCarob inomthi we nkunzi kunye nowe mazi, ngowemazi kuphela onakho ukuthwala isiqhamo, nangona ezinye iintlobo zemithi zithwala iintyatyambo ezizimazi kunye nezi zinkunzi. Xa ukhulisa izithole uzakwazi kuphela emva kweminyaka emithathu ukuba ziinkunzi na okanye zimazi. Eminye imithi esikhe sayijonga sifumanise ukuba zidubula iintyatyambo xa zineminyaka emihlanu ubudaa,’ wongeze watsho uDr Karsen.
Imithi ye carob idinga ulawulo oluncinci, iyakwazi ukumelana nembalela/nokoma kwaye zine zonakalisi ezimbalwa.

Translated by Zizipho Silwana