Ukuthenga Iinkomo zo Bisi

© Chris Daly

Ungazithenga phi Iinkomo Zobisi?

Emveni kokugqiba okokuba uzakuthengisa oluphi uhlobo lwenkomo yobisi, iinkomo kufuneka ke uzithenge. Iinkomo ezincancisayo kufuneka zithengwe kwakuqala njengoko kubakho ubisi kwangoko, oko kuthetha imali ekhoyo.
Iinkomo zobisi zikumaqondo emveliso amabini, ngoko bisi (ukuncancisa) okanye ukoma (hayi ngoko bisi). Xa komile, iinkomo kufuneka zibe zimithi kwaye zikwi ntsuku ezingama 60 zokuyeka ubuthole. ‘iimazi’ zibazi ‘nkomo’ ekuqaleni bobuthole okanye ukuzalwa, emveni koko, iminyaka yenkomo ichazwa linani lokuncancisa kulandele uzala. Umzekelo, ukuncancisa okokuqala emveni kokuza kwethole, okwesibini emveni kwethole lesibini. Ngamanye amaxesha iinkomo zichazwa ngokuba ‘ ngamthole okuqala’ okanye ‘amathole esibini’.
Kungcono ukuthenga iinkomo okanye iimazi kumfama osele kudala ethengisa kwifama yenkomo zobisi. Ngoku qhelekileyo lamafama ayakuthanda ukunikeza ngolwazi lokufuya iinkomo zobisi namafama amatsha. Kungaluncedo olu xa kuqala imveliso. Kwelinye icala, ukuthenga iimazi ezimithiyo kunikeza kuqala amafama amatsha ithuba lokuqhela ukutyisa noku lawula izilwanyana mihla le phambi kwemveliso yobisi iqale.
Iinkomo zobisi ziyathengwa nakwi seyile ye okshini. Ukuhamba ii-okshini phambi kwexesha kunikeza imbonakalo yamaxabiso nomgangatho wezilwanyane ezithengiswayo. Ngesiqhelo ugqirha wezilwanyane kwi okshini uzakunikeza isatifikethi sempilo sazo zonke izilwanyana ezikhoyo lowo we okshini uzakuchaza okokuba kukho iikgxaki ngesi lwanyana. Xa ungaqinisekanga ngempilo yesilwanyana, musa ukuthenga.

Yintoni Imfuneko Yofuzo kwi Nkomo zo Bisi

Imfuneko okanye ukubaluleka kofuzo kwinkomo zobisi kuxhomekeka kwizilwanyana ezisetyenzisiweyo kumhlambi wenkomo zobisi. Oku kuthetha okokuba umgangatho wenkomo uxhomekeka ebazalini. Ukwazi ufuzo nemvelaphi kwinkomo kuyanceda ukukhetha eyona nkomo ilungele ukuthengwa. Tyumba iinkomo ezininzi kunezi zidingekayo kumhalmbi omtsha ukuze ukwazi ukukhetha. Imveliso yobisi kwinkomo kusulelwa ngabazali (ufuzo) nokutya, indlu kunye nolawulo. Iincwadi zoveliso zeenkomo ezikhethiweyo kufuneka zibekhona. Cela ulwazi kunye neenkcukacha zemveliso zika mama wesilwanyane kunye nofuzo luka tata xa uthenga kumfana.
Kunga vakala ukuthenga kumfama wobisi oyingxenye ye’national milk recording scheme’. Lendlela inikeza ufuzo nolwazi ngemveliso yee nkomo zonke kunye nee mazi kumhlambi wee mazi. Phantsi kweliqela, intwana zobisi zenkomo nganye ziqokelelwa kwaye zihlolelwe ukutyeba, iprotein, lactose, somatic cell count (SCC) kunye ne milk urea nitrogen (MUN) yilaboratory. Ingqokelela yenani loncanciso (ilitha zobisi ezivelisiweyo) ziyabalwa kwiintsuku eziyi 305. I-SCC inikeza inkcazelo yosuleleko kunye ne mastitis nosuleleko kwi titi okanye ebeleni. Ubunzima okaye ukubalula kokuzala okanye ukumitha (ukuba lula kokuzala) kweenkomo nenkunzi ziyajongwa ngokwenkcukacha nolwazi olushicicelweyo. Kuyacetyiswa okokuba ungazithengi iinkomo ezingenalo ulwazi olushicilelweyo.

Translated by Zikhona Plaatjie