Sebenzisa iPelargonium Sidoides Ukunyanga Ingqele

© Peganum
Isityalo esincinci esinqabileyo samandulo, nengcambu ezenileyo, Pelargonium sidoides amagama aqhelekileyo abandakanya black pelargonium, ‘kalwerbossie’ kunye ne ‘rooi bas’ (isibhulu) rabassamin ne umckaloabo (iSizulu). Inamagqabi asesiphakathini anevumba, nentyatyambo eziphantse zamnyama kwaye sisityalo esaziwayo sama yeza eMzantsi Afrika. Kwaye ibonakaliswe ikwazi ngempumelelo ukunyanga ukusuleleka kwesifuba kancinci okufana nokukhohlela, itonsils, umfixana kwempumlo, nengqele. P.sidoides yaqala ukuthengiswa ngu Charles Henry Stevens eBritani ngo 1897 ukunyanga i-TB. Yayisaziwa njenge “Steven’s cure” kodwa yalahlekelwa ludumo emveni kokwenziwa kwe ‘chemical antibiotics’. Kodwa ke izifundo ezininzi zichazile okokuba i-P Sidoides okokuba ayina bacteria.
Ingasetyenziswa ukuphilisa usuleleko olufana nokhohlela, Umkhuhlane, umqala obuhlungu, kunye nokudinwa nobuthathaka. Imixube yengcambu iyasetyenziswa ukunyanga I ukuhambisa ne dysentery. I-Ethanolic Extracts zisetyenziswa kwiqokobhe yaziwa ngokuba yi Umkaloabo, imxube okanye igcushuwa, ukuhambisa kunye ne dysentery.
Kulima kuquka ukugrumba I’rhizoms’ (ingcambu ezingaphantsi) ukunqunqa nokuzomisa. eMzantsi Afrika, ipelargonium sidoides ikhula eMpuma Koloni (ixhaphake kummandlla waseMathole) Free State ne Gauteng. iKhuliswa ngokusikwa, kwaye ikhula kwi alkaline, umhlaba owomileyo, nakwi kwindawo enelanga.

Isufungo Ngamayeza

Ezinkcukacha zezokufundisa nokwazisa kuphela kwaye azifanelanga ukuthathwa njenge ngcebiso kaGqirha. Olu lwazi alunazo injongo zokuthatha indawo ye ngcebiso namayeza ka Gqirha okanye unyango olunikezwa ngabezempilo ngoku semthethweni.

Translated by Zikhona Plaatjie