Nouvelle

© Vititec

Inkcazelo

iNouvelle ngumdiliya we wayini emhlophe walapha eMzantsi Afrika nowadalwa ngo 1964 ngongasekhoyo uProfessor Chris Orffer we Dyunivesithi yase Stellenbosch University ngokudibanisa iindidi zemidiliya kwindawo ebetha umoya evulekileyo.

Oonozala be Nouvelle’s yic Cape Riesling (Crouchen Blanc) kunye ne Ugni Blanc (Trebbiano). iNouvelle ivelisa iwayini ezimhlophe nencasa ecacileyo yotyani naxa ikhuliselwe kwingingqi ezifudumeleyo.

Imvelaphi

eMzantsi Afrika

Amanye Amagama

Ngentsuku yayisalingwa, i Nouvelle yayibizwa nge ‘Grass 26 varietal’.

Imveliso eMzantsi Afrika

Umnombo we Nouvelle’s uhamba uye emva pha kwiqela elaliphuhlisa e KWV, apho izityalo zazityalwa ngebloko ezincinci ezisetyenziswa ngethuba kusakhiwa lentlandlo mbini yomdiliya phakathi komnyaka ka 1958 no 162 ngu Professor Orffer kwaye ngokwe SA Wine Industry Information & Systems (SAWIS) Ibloko lokuqala lezoshishino le Nouvelle lwatyalwa ngomnyaka ka 1989 kwicezwana lomhlaba we fama ye wayini i Boschendal kufuphi ne Franschhoek.

Iingingqi Eveliswa kuzo eMzantsi Afrika

iNouvelle ityalwe kuzo zonke iingingqi eziphala phambili ezilime imidiliya e Mzantsi Afrika, kunye nezityalo ezikhulu e Robertson (136ha), eWorcester (74ha), e Breedekloof (66ha) nase Paarl (54ha).

Lomdiliya ukhule ukusuka kuma 29ha ngomnyaka ka 1998 ukuya kuma 429 ha ngomnyaka ka 2016. Uthandwa ngakumbi yi Boland Cellars, ngo 2004 iNouvelle yawina eyokuqala i South African Young Wine Show Trophy yentshatsheli ze wayini kwiqonga le ‘Other White’.

Ukukhula

iNouvelle ngumdiliya okhula ngapha kwenani loquko ngokuchuma nangomlinganiselo, iyakwazi ukumelana nemihlaba aphakathi ngokutyeba netyebe kakhulu.

Ukuvuthwa

Umdiliya ovuthwa kwangethuba, iNouvelle ingavunwa kwangethuba esiphakathini sexesha lokuvunwa, pha esiphakathini kwinyanga ka Februwari.

Amagqabi

Amagqabi weNouvelle aphakathi ukuya kubukhulu ngokomlinganiselo, anamacala amathathu ukuya kwamahlanu, aluhlaza ocacileyo kwaye amtyibilizi ngaphantsi.

Amagaqa Omdiliya

Amagaqa omdiliya we Nouvelle mancinci ukuya kuphakathi ngokomliganiselo. Mafutshane, amile ovali kwaye ayakhanya kakhulu ngokombala. Amaxolo omelele kakhulu, bukufana nofele. Oku kwenza ingafunyanwa lula sisifo se botrytis.

Izonakalisi Nezifo

iNouvelle ichaphazeleka lula yi oidium naku kungunda (downy mildew), kodwa noko iyaxhathsa emoyeni. Iibhantshi ezingaxinenanga zesisityalo ziphuhlisa ukuxhathisa kwisifo se botrytis.

Imisebenzi

iNouvelle idume ngokusetyenziswa kwayo kwimixube ye wayini emhlophe kunye ne Semillon, i Sauvignon Blanc okanye iCape Riesling inike incasa yengca, incasa ze pepile eluhlaza xa seleigqityiwe iwayini.

Incasa

iNouvelle ivelisa iwayini ezinencasa enamandla yengca, ipepile eluhlaza. Xa ikhiwe phambi kwexesha iwayini zibanencasa yengca neze pepile eluhlaza, xa ikhiwe sele ivuthwe ngokugqibeleleyo, incasa ze tshepisi ziyavela.Translated by Zizipho Silwana