Kuqalwa njani Ukufuya Iintlanzi Kwindawo ezise Maphandleni

©Nicholas James
Ukuqala ishishini lwemveliso yentlanzi kumanzi acocekileyo amatsha kweli lo Mzantsi Afrika, abafuyi bentlanzi abase batsha bazakudinga isicwangciso, izakhono, indawo elungileyo kunye nendlela/isigcwangciso elungileyo yokufuya nelungele indawo.

Izinto Ezibalulekileyo Ekufuyeni Intlanzi

Zintathu izinto ezibalulekileyo phambi kokuqalisa ukufuya intlanzi eziveliswa kumanzi acocekileyo amatsha. Umfuyi wentlanzi osemtsha uzakudinga:
Isicwangciso sokuqala ishishini
Indlela yobume bomhlaba/ndawo
Isicwangciso sokusebenza
Ngelishwa ke olu lwazi lokucwangcisa lufunyanwa ebantwini okanye indawo ezinikeza ulwazi oludala okanye olungelulo kunye nenkcukacha ezo. Amaxesha amaninzi iinkampani ezingena njongo zimbi, ziye ziphinda phinde iimpazamo ezathi zenzeka kulimo lwentlanzi lase manzini amatsha ezenzeka ngeminyaka yama 1960 ezenza ukuba lungaphumeleli. Iiprojekthi ezintsha nazo azibinayo impumelelo.
Kwilizwe lase Afrika liphela, zifumana amachibi amancinci, egcwele ngamanzi acocekileyo, anzulu, egcwele kakhulu intlanzi ezincinci zohlobo imongrel ezingaziwayo nomnombo wazo. Ukutyiswa kwentlanzi kwindawo ezinje kunqongophele, ulawulo phantse alukho, kwaye ngexesha iprojeckthi ingaphumeleli, inkampani enikeza ingcebiso kudala sele imkile.

Icandelo Labucala

Ukuphuhliswa kwentlanzi eziveliswa emanzini amatsha kwindawo ezise maphandleni kufuna ukuzinikela okokukhulu kuka rhulumente kunye nezinye ii-arhente zentengiso ukusebenzisa izakhono zecandelo labucala. Icandelo labucala linganceda ekwenzeni isicwangciso sokuqala ishishini, indlela ezakubukeka ngayo ifama nokulolonga amafama asematsha wentlanzi.
Ukufuywa kwentlanzi ngempumelelo kuyenzeka kwaye kusetyenziswa kumazwe afana ne China, Thailand, Indonesia, Bangladesh, kwaye kuyanda kwindawo zase maphandleni we South ne Central America. Ezifama zentlanzi zine Mpumelelo zisebenzisa amachibi afakwe izichumisi kwaye zityiswa kumachini asemhlabeni.
Lamachibi asemhlabeni anoncedo olufunekayo kwintlanzi zase maphandleni ukuze intlanzi zifuywe ngempumelelo: umngcipheko osezantsi, azi xhomekekanga kakhulu embaneni, azidi izakhono kakhulu kwaye zinemveliso ephezulu, zivelisa ukuyokuma kwi 18 ye toni zentlanzi ngokwe hektare. Lendlela yokufuya intlanzi ithe yalinganiswa kakhulu kwaye inga linganiswa ilandelwe kweli lo Mzantsi Afrika. Ukwenza indawo zokufuywa kwentlanzi kumanzi amatsha kulula, kodwa zenziwe ngobukrelekrele kwaye azizizo ezakudala kwaphela.
Kufuneka kuqwalaseliswe kwindlela yokwenza ichibi kunye nendlela awenziwa ngayo amachibi asemhlabeni, ulawulo lomgangatho wamanzi, ukuzifaka nokuchumisa amanzi, ukuze intlanzi zikhule ngokutya kwendalo. Ulwazi malunga nentengiso yamachibi okufuya intlanzi luyafumaneka lula.

UQeqesho lwama - Fama Amatsha we Ntlanzi

Kuyacetyiswa okokuba uphuhliso lokufuywa kwentlanzi kumanzi amatsha kwindawo zabucala zizakujongana ekunikezeni imali kwi candelo labucala zibonakalisa indawo zoqeqesho zokufuywa kwentlanzi. Ezindawo akufunekanga zibe nobuchwepheshe obuphezulu, kwaye zingabinabo ubunzima.
Indawo zoqeqesho zama fama amatsha wentlanzi akufunekanga zibe kwindawo ezikude kwizidingo zendawo ezisemaphandleni okanye ezinesimo sezulu esikude nendawo ezishushu ezifunekayo. Endaweni yoko, indawo ezibonisayo kufuneka zibekwe kanye kwindawo apho isidingo sikuyo, kwindawo ezisemazantsi zase makhaya. Ezindawo zokubonisa kufuneka zifane nendawo ezise maphandleni ezizakuzidinga ukwakhiwa ukuze bashicilele impumelelo kwiprojekthi zabo.
Izicwangciso zokuqala ishishini ezenzelwa phezulu kwenkqubo ezine Mpumelelo zizakwenza kube lula ukufumana imali yokuqala ishishini kunezo zizama ukufumana imali ngendawo ezinzima kwaye ezinga lungelanga ubuchwephesha be Recirculating Aquaculture Systems (RAS). Ixesha elininzi xa kusenziwa inqanaba lezifundo zophando nophuhliso, impumelelo iye ingabonakali.
Akhona ke amabali wempumelelo ekufuyeni intlanzi ngaphandle, maninzi kwelase Asia, kodwa ayanda nakweli le Afrika, ingakumbi kwelase Zambia. Kufuneka nathi silinganise.

Translated by Zikhona Plaatjie