Knob Thorn
UmKhaya

© Roger de la Harpe

Igama

UmKhaya

Igama lesi-Latin

Acacia Nigrescens

Inkcazelo

Ikhula ibengangobude obuyimitha eziyi 5-18. Amagama wayo aqhelekileyo weSilungu nesiBhulu abhekisa kwimpawu yalo yameva aqhineneyo. Lamaqhina, afumaneka esiqwini nase zihlahleni, ezizihambela zodwa. Amagqabi aphinda-phindene. Imifuno iyavuthuluka futhi lomthi awunamagqabi ingakumbi pha ebusika nase kwindla. Ukumila kwegqabi kwenza luphawu olubalulekileyo loluhlobo. Kukhona amagqatyana ayi 4-6 ngagqabi elinye futhi makhulu kunamanye amagqabi. Amagqabi amatsha akhula abembala okhanyayo-bubomvu.

Iintyatyambo neziqhamo

Ukuphuma kwetyatyambo kwenzeka nanini na pha kweye Thupa neye Nkanga. Iintyatyambo zinuka kamnandi kwaye zinobude obulingana ne-milimitha eziyi 100. Pha kwixesha loqhino lwamagqabi iintyatyambo zibambala obomvu-buntsundu, zijike zibe khrim-bumhlophe xa zivulwe kakhulu. Isiqhamo sinobude obungange milimitha eziyi 100 ziphinde zilingane ne-milimitha eziyi 13-25 ngobubanzi. Zityiwa zi-Ndlulamthi kunye nezinye izilwanywana. Iindlovu zona zitya izihlahla, amagqabi kunye namahlumelo. IKudu yona itya amagqabi kunye namahlumela, iNdlulamthi, iNkawu kunye neMfene zitya iintyatyambo.

Intsebenziso

Lemithi isetyenziswa ziintaka ezithanda ukwakha izandlwane emingxunyeni. Iinkuni ziqinile kwaye ziyamelana nesiduli. Isetyenziswa ukwenza iipali kunye nezixhobo zase mgodini. Oluhlobo luyakwazi ukumelana nembalela kodwa lubankenke-nkene xa liqabaka. Lunogodo oluqinileyo oluhlala ixesha elide. Alisetyenziswa njalo ukwenza impahla yasekhaya. Ugqame ngokuba ngumthi oqinileyo, yiyi lonto kwenziwa ngawo imethi zaphantsi zase-Parquet.

Ufumaneka phi

Oluhlobo luxhaphake kakhulu pha kwingingqi eyomileyo yakumazantsi we-Afrika napha kuMntla we Tanzania, nakwiinzulu, zesanti ukuya kwiindawo ezithe naba ngumhlaba. Ngumthi oqhelekileyo kubantu abahambele kwindawo yezilwanyana i-Kruger National Park.

Impawu zasendle

Lomthi unameva aqhineneyo ukholelwa ukuba ukhusela pha kwiindlovu ezifuna ukubulala isiqu somthi, enyanisweni kwezinye iindawo apho ivela khona indlovu ayisaveli, nawo ameva ehlile.