Izivuno Zasehlotyeni eMzantsi Afrika

© Louise Brodie

Ezona zivuno zibalulekileyo zasehlotyeni ngumbona, iimbotyi (soybeans), sunflower seeds, groundnuts kunye namazimba.

Umbona

©Louise Brodie
Umbona sesinye sezivuno zasehlotyeni ezibalulekileyo eziveliswa kweli lo Mzantsi Afrika, kuba umbona omhlophe uyenye yemfuno zethu zempilo esizitya rhoqo, ze umbona otyheli wona unikeze amandla kwimilinganiselo yokutya kwe nkukhu nemveliso yobisi.
Phantsi kwemeko zezulu eziqhelekileyo, umbona ongapha kwesidingo uyavelisa ukunikeza izidingo zengingqi kwaye osele uye usiwe kwamanye amazwe afana ne Zimbabwe, Zambia, Mozambique, kunye ne Angola, kananjalo namanye amazwe afana ne Japan, Iran, Kenya kunye ne Venezuela.
Inkoliso yombona walapha eMzantsi Afrika uveliswa kwindawo ezinetha imvula yehlobo, ingxenye yemveliso iye isuke kwelase Free State, kuxhomekeke kwimeko zezulu kunye nabathengi, kulandela iNorth West ne Mpumalanga, Gauteng ne Kwazulu Natal nazo zivelisa umbona omninzi.

I-Soybeans

©Courtesy of National Pork Board and the Pork Checkoff. Des Moines, IA USA
Ilizwe lo Mzantsi Afrika lifumana amakhekhe we soybeans amaninzi ezisuka kwamanye amazwe rhoqo ngonyaka ukuhlanga bezana nezidingo zokutya kwezilwanyana, okunesidingo esikhulayo sokuba kubene protein esuka kwabo baphangelayo elizweni.
Imveliso inyuke ngomlinganiselo we 15% no 20% ngonyaka ukusuka ku 2009 no 2019 ngokwezo rhwebo ezenziwa kwi soybean, ngokwe Bureau for Food and Agricultural Policy, kwaye kulindeleke okokuba iqhubeke ukwanda ngo 2.9% ngonyaka ukufikelela ku 962 wama waka we hektare ngonyaka ka 2027.
Amanani aphantsi ayaveliswa kwilizwe lonke, uninzi lusuku kwelase Free State ne Mpumalanga kwindawo ezinemvula zehlobo.

I-Sunflower Seed

©Louise Brodie
I-Sunflower yenye yemveliso ze oli etyiwayo kweli lo Mzantsi Afrika, logama khekhe le oli lisetyenziswa njenge mveliso ye protein kukutya kwezilwanyana. I-Grain SA iyichaza njengezityalo ezilunge kakhulu kujikeleziso lwezityalo, kwaye siyakwazi ukukhula kwimihlaba esemacaleni kwaye iyanyamezela kwi khephu lakusasa. Ixesha layo loku khula lincinci kunombona, yiyo lonto linga tyalwa exesheni xa kunyanzelekile xa imeko zezulu zingekho ntle.
Ilinywa kakhulu kwindawo ezinetha imvula ehlotyeni, uninzi lwayo lusuka kwelase Free State, kulandele iNorth West kunye ne Limpopo. Akufane kuveliswe isunflower kwelase Ntshona Koloni na KwaZulu Natal.

I-Groundnuts

Ilizwe lo Mzantsi Afrika livelisa igroundnuts ezininzi, kodwa rhoqo ngonyaka lifumana kwamanye amazwe, ngoku fanayo ukuba nayo ithengisela amanye amazwe. I-oli eyenziwa nge groundnuts (amandongomane) angasetyenziswa ekuphekeni, ukwenza ibhotolo yama ndongomane (peanut butter) okanye iimveliso zokucoca, logama ikhekhe le oli lisetyenziselwa ukutya kwezilwanyana, izichumisi, antibiotics, okanye ukwenza iglue.
Igroundnuts zibalulekile kwizidlo ezinikeza impilo KwaZulu Natal nase Mpumalanga. Iveliswa kakhulu kwimi mandla ese ntshona efumana imvula yase hlotyeni, inkoliso yemveliso ivela kwelase Free State nase North West.
Ngapha kweziqingatha ezintathu zemveliso zikumhlaba owomileyo ngenxa yamaxabiso aphezulu okunkcenkceshela. Imilinganiselo emincinci iveliswa eNothern Cape nase Limpopo.

Amazimba

©Grain SA
Amaqondo obushushu onyukayo anikeze umdla ovuselelekileyo kwimveliso yamazimba, ngenxa yokomelela kwesi sivuno, ukunyamezela imbalela kunye nezidingo zamanzi ezise zantsi xa kuthelekiswa nombona. Amazimba ayasetyenziswa kakhulu njengo kutya nesiselo, kwaye inenzuzo zempilo ezifana nezinye iingqolowa.
Inkoliso yamazimba alapha eMzantsi Afrika aveliswa kwindawo ezinetha imvula ebusika, ingxenye yendawo zemveliso zise Limpopo. Amazimba amaninzi ayaveliswa nase North West, Free State, nase Mpumalanga.

Imbotyi Ezomileyo

Ilizwe lo Mzantsi Afrika alivelisi iimbotyi ezaneleyo ukwanelisa imfuneko zase kuhlaleni. Uninzi lwayo luthengwa kwamanye amazwe ingakumbi iChina rhoqo ngonyaka. Ezimbotyi aziphelelanga ekunikezeni iprotein ne fibre yiyo lonto zibonwa njenge mbotyi ezilungele ukuthabatha indawo yenyama, kodwa ujikeleziso lwezi tyalo olunceda amafama aphuhlise ukuchuma komhlaba nokwahluka kwemveliso nomgcipheko wentengiso.
Iimbotyi ezomileyo kwilizwe jikelele, uninzi lusuka eFree State, North West, Limpopo kunye ne Mpumalanga kwindawo ezinetha imvula yase hlotyeni.

Translated by Zikhona Plaatjie