Izityalo zeMveli Zase Mzantsi Afrika Njenge Khosmethiki Yendalo

© Marinda Louw
Izityalo ezininzi eMzantsi Afrika - Nokuba zezemveli okanye zazisuka kwamanye amazwe - zinamakhulu khulu eminyaka zisetyenziswa njenge zithako zendalo zoku nonophela ubuso okanye zisetyenziswe zinjalo njenge khosmethiki ngabantu bemveli kunye neentlanga. Ezobuhle balemihla nazo ngoku ziyazisebenzisa ezi zityalo zinezithako zendalo zokunyanga njenge zithambisi zolusu, ukulungisa ulusu kunye nemivuzo yazo kwimpilo yabantu.

I-African Wild Potato

Hypoxoside icatshulwa kwigaqa eliyingcambu le Hypoxis hemerocallidea kwaye lijikwa libeyi rooperol, nesisicoci esinamandla esine antioxidant kunye ne. Ngaphezu koko, i-African wild potato izele zizithako ze sterol kunye ne sterolin, nezinokunceda ekupholiseni ukutshotshozela iqinise namajoni omzimba. Ngokufanayo ne cortisone isenokulungisa ukonakala kwesikhumba ipholise neengqaqambo zezihlunu. Iyi antioxidant eyaziwa ngokugcina isikhuma singagugi.

Ikhala

©Jacques Marais
Aloe ferox inezithako ezininzi eziluncedo (aloin kunye ne amino asidi) kunesihlobo sayo sase Melika.
Ikhala lisisithako esixhaphakileyo kwiikhosmetiki yendalo. Izithako zalo zokuthambisa nokupholisa ziluncedo ekunyangeni amabala okutsha lilanga kwaye ipholisa nokurhawuzelela. Ngaphandle kokuba iqulathe i-enzyme ebizwa nge bradykinase, enciphisa ukudumba nokutshotshozela, incindi yekhala lohlobo lwe aloe ferox ikwanazo nee antioxidants kunye ne vitamins A, C kunye ne B12. Ikwasetyenziswa nasekwenzeni ulusu lukhanye.

I-Oil ye Baobab

I-oli ejiyileyo enevumba elingqindilili eyenziwe ngeentanga, le oli isetyenziswa njengesithambisi, i-oli yoku masaja kunye nesinkxuzi esishushu (hot soak) see nzipho kunye neenwele. Inezithako ezinamandla ze antioxidant properties, ngenxa ye β–sitosterol, inokunciphisa nokonakala kwe DNA kumajoni omzimba. Ngaphezulu, i-oli ye baobab iqulathe i-omega-6 emalunga nama 30% kwaye iqulathe nee vitamin D3, F, K kunye ne E (eyi antioxidant) kwakunye no vitamin A ovuselela iicell membranes kwaye inganyanga neminyama. uVitamin F yena yi fatty asidi yendalo evuselela iicell membrane.
I-oli ye baobab ingena nzulu esikhumbeni incede nasekunyangeni ipsoriasis kunye ne eczema njengoko ibuyisela ize ithambise i-epidermis.

I-Kalahari Tsamma Melon Oil

©Marinda Louw
The Kalahari tsamma imvelaphi yayo ikummandla we Kalahari kuMazantsi Afrik, kwaye ineminyaka engaphaya kwama 4 000 isetyenziswa njenge sithambisi sobuso sendalo.
Uhlanga lwama San (Abathwa) basebenzisa le oli njenge sithambisi, ukukhulisa iinwele zabo, kunye nokutya kwesi siqhamo sidityaniswa namanzi ukuze sisetyenziswe nje ngesikhuseli selanga.
Ngenxa yamaqondo aphezulu elinoleic asidi (efana ne evening primrose oil) iKalahari melon seed oil iphelisa ukutshotshozela nokudumba ngoko ke iluncedo kakhulu ekusetyenzisweni kulusu oluzele ngamafutha kunye namaqhakuva. ILinoleic asidi inciphisa ukuphuma kwe sebum (hormonal secretion of sebum), ibuyisele isikhumba kwindalo yaso ize inciphise nemibimbi/ukushwabana kwesikhumba. Le Kalahari melon seed oil ikwalungele nokuphelisa inkwethu kunye nentlonzi ehrawuzelelayo.
Ngenxa yokuba inamafutha ayi fatty acid, le oli ikulungele ukusetyenziswa kwii sepha zendalo.

I-Mongongo/Manketti Oil

iMongongo seed oil (Schinziophyton rautanenii) nekwaziwa njenge manketti oil – icatshulwa (nzima) kumagaqa endongomane zemithi ye Mongongo, nekhula kummandla we Kalahari eMzantsi Afrika nalapho isetyenziswa ngabantu balendawo ukuthambisa iinwele nokukhusela ulusu ekutshisweni lilanga.
iMongongo oil, yenza umandlalo ongenamafutha okhusela isikhumba kunye nenwele xa iforms eleostearic acid itshintshwa kukukhanya kwelanga (UV light).
Le mongongo seed oil inombala othyeli ongacacanga itshona lula esikhumbeni, nto leyo yenza ikulungele ukusetyenziswa kwiimveliso ze khozmetiki zendalo kunye ne aromatherapy. Izele yi zinc (Zn) kunye no vitamin E (eyi antioxidant) neyongezelela kwizithako zayo ezikhuselayo nezithintela/ziphelise ukutshotshozela. Iluncendo ngakumbi ekunyangeni i-eczema kwaye iphuhlisa nokuvuseleleka kwesikhumba kunye namajoni omzimba.

I-Oli yeMpepho - Helichrysum

Impepho okanye iHelichrysum odoratissimum (eyona ndidi yesityalo isetyenziswayo nexhaphakileyo eMzantsi Afrika) yaziwa njenge, kooigoed (Khoisan, IsiBhulu).
I-oli eyenziwe ngesi sityalo inevumba lesiqhamo kwaye isetyenziswa nje ngesiqholo, logama isityalo sayo sisetyenziselwa ukunyanga ukunyanga izigulo ezahlukeneyo.
Xa idityaniswe kwiikhozmethiki yendalo yokunonophela ulusu, izithako ze oli ye helichrysum ezinceda ekupholiseni ukutshtshozela, ukuthintela ukubola kunye neentsholongwane zisenokunceda ekupheliseni imikrwelo neziva, idermatitis kunye namaqhakuva. Inezithako ezigcina ulusu lulutsha lungagugi. Ikwalungele nokusetyenziswa njenge sikhuseli elangeni kunye nezithambisi zolusu.

I-Marula Oil

©Genet
Marula oil (Sclerocarya birrea) yayisetyenziswa kudala kummandla wase Limpompo eMzantsi Afrika, ukuthambisa ulusu, ukuhlamba iinwele zabantwana, ukwenza isepha kunye nokumasaja/ukuphulula amasana.
iMarula oil ingumthombo olungileyo we oleic acid yendalo, nezele zizithako ze antioxidant. Igcina isikhumba sinamanzi, simpuluswa kwaye inciphise nokuba bomvu.
Ityetyiswe nge fatty acids ezidingekayo. Indlela imolecules ze marula ezenziwe ngayo yiyo ebangela ukuba ikwazi ukuthambisa ulusu. Iluncedo kakhulu kulusu oludala kunye nolungondlekanga. Ngaphezulu, ikwanezinga eliphezulu le vitamin C kunye no E. Le oli iyakukhusela kakhulu ukuguga kwesikhumba.
Kuba itshona ngokukhawuleza emzimbeni, oku kwenza kubelula ukuba isetyenziswe njenge oli yoku masaja.

Translated by Zizipho Silwana