Izinto Okumele Uzijonge Mayelana Nendlu yeeHagu

©Dr Jim Robinson
Iihagu kufuneka zibesendlwini okanye zibiyelwe ukuze zikhuseleke kwizifo,imikhanzi, ekubiweni kwakunye nakwezinye izilo ezinokuthi zizitye. Ukuvalelwa okanye ukubiyelwa kwazo kukwathintela zona zingonakalisi izityalo nezitiya, zinwenwise izifo okanye zibaleke ze zilahleke. Indlu eyakhiwe kakuhle yenza ukuba zihlale ngokukhululeka, inciphisa uxinzelelo lwengqondo konke oku kwenza ukuba iihagu zibesempilweni.

©Glenneis Kriel
Roofs should be raised to allow good lighting and free air circulation in houses.
Ngokwe ncwadi ebhalwe ngu Danie Visser, ethi Modern Pig Production (engemveliso zehagu) ethi Ngaphambi kokuba utyale imali kweli shishini lweehagu, Eli shishini lisenokuxabisa imali ephindwa phindwe kanganga mashumi amabini anesihlani ukodlula indlu entsha eMzantsi Afrika. Umbutho we South African Pork Producers Organisation (SAPPO), ucebisa ukuba amafama aqale anikwe ingqwalasela kwezi zinto zilandelayo:

©Glenneis Kriel
Earth camps might be okay if the camps are large enough so pigs have a dry spot to sleep.
Ixabiso: Izindlu ezikhoyo zixabisa imali etshisiweyo. Ngoko ke kungabangcono ukuba uqale ngeehagu ezimbalwa ukuze uqiniseke ukuba uyafuna nyani na ukuyenza lento ixesha elide, ngaphambi kokugalela imali eninzi kweli shishini. Xa uqala eli shishini kufanele uqale ucinge ngendleko zendlu kunye nezemveliso, ukuze uqinisekise ukuba eli shishini lizakungenisela imali ebonakalayo. Kunganceda ke nokudibana nengcali ukuze ikuncede ekuhleleni ishishini ngendlela.
Imathiriyeli yokwakha: Iihagu zinemosharha, ngoko ke khetha imathiriyeli yokwakha efana namazinki okanye isamente zona zihlala ixesha elide.

©Dr Jim Robinson
Walls can be constructed from almost any locally available material, such as wood.
Ekungaqhweshekiyo kuyo: Amadonga okanye amacingo kufanele atshone le emhlabeni kuba iihagu ziyakwazi ukugrumba. Lamadona namacingo kufanele aqiniswe emazantsi ukuthintela iihagu ukuba zingaqhweshi kwaye kuthintelwe neempuku nezilo eziyingozi ukuba zingangeni.
Uphahla: Esi sakhiwo kufanele sibenomthunzi owaneleyo kwaye sibenophahla ukuze iihagu zikhuseleke kwiimvula kunye nemimoya ebandayo.
Ukucoca lula: Kufanele kubelula ukucoca sakhiwo, kunye nomphantsi waso. Kwaye kubalula ukuba umphantsi uqinile kwaye uthande ukuba nendawo ekekelele ecaleni ukuze amanzi atshone lula. Ibala eliphandle lokugcina iihagu kufuneka libelikhulu kwaye nomphantsi ukwazi ukufunxa amanzi, ukuze kungadami amanzi- Oku akuthethi ukuba iihagu azinakuyekwa zizibhuqe edakeni olucocekileyo.

©Dr Jim Robinson
Some pigs can thrive in simple fenced or walled camps with shelter, or open pens that provide roofed and walled areas.
Umoya: Izakhiwo ezivalekileyo kufuneka zakhiwe ngendlela apha evumela ukuba umoya ungene kakuhle, nto leyo inokuthintela iingxaki zokuphefumla kweehagu. Izakhiwo ezingaxabisi kakhulu zingasebenzisa umoya wendalo, logama izakhiwo ezikwizinga eliphezulu nezixabisayo zingasebenzisa ubuchule bokungenisa umoya oshushu nobandayo kusetyenziswa imitshini.
Umtyhi: Ihagu nganye kufuneka ibenomtyhi othe gabalala kwezinye ukuze ihlale ngokukhululekileyo. Ngokwemigaqo yezempatho yezilwanyana, iihagu ezigcinwa ngaphakathi endlini kufuneka zibenendawo emalunga ne skew mitha esinye kwi 100 kg yehagu nganye Iihagu ezihlala phandle zidinga umtyhi ongaphezu kunoku. Zidinga malunga ne 15 skwe mitha. Ukuxinaniswa kweehagu kwindawo encinci kungakhokelela ekubeni zilwe, zilumane imisila kwaye zingakhuli ngendlela. Xa zinendawo eyaneleyo, iihagu zingakhetha indawo yokubeka ilindle ethe qelele nalapho zilala khona, zishiye unintsi lwendawo yokuhlala yomile kwaye icocekile.
Ukhuseleko: Akufanelanga kubekho kwanto zibukhali okanye izikhonkwane ezikrobileyo ezinokuthi zilimaze iihagu, kwaye umphantsi akufanelanga ukuba ubemtyibilizi. Isakhiwo kufanele senzelwe sikwazi ukukhusela kwangozi inokuthi yenzeke.
Ukungena: Kufanele kubekho iheke okanye umnyango kuzo zonke iindawo ezihlala iihagu, oku kwenza kubelula ukuba iihagu ziphume zingena lula