iZifo kwi Bhokhwe

© Marinda Louw
Ukuzityisa kakuhle nokusebenzisa indlela zokuthintela izifo njengoku gonya nolawulo lwe ncukuthu konke kwenza uqinisekiso lwempilo ye bhokhwe, kodwa kunjalo, izilwanyana zihlala zisemngciphekweni wezifo, iincukuthu, imeko zokuqunjelwa kwesisu nongcoliseko. Kusenjalo, amafama angenza lukhulu ukuzama athintele okanye ehlise izinga lezigulo kwimihlambi yawo yebhokhwe.
Xa ukufa kusenzeka, kubalulekile okokuba ugqirha wezilwanyane enze uhlolo kwisidumbu ukuqinisekisa isizathu sokufa kwesi lwanyana. Oku kungathintela okokuba izifo zande kuncede nokwenza ngcono imeko yezempilo efama.

uKutya okuse Mpilweni oku Qinisekisa iMpilo yeeBhokhwe

©Marinda Louw
Ukutya okusempilweni kubalulekile ukokha impilo oyomeleleyo kwibhokhwe. Ngamanye amaxesha ukutya okongeziweyo xa imeko zasendle zikumgangatho ophantsi okanye kungenelanga ukutya. Oku kulandelayo kungaluncedo kwimeko yeebhokhwe zakho, ingakumbi xa amadlelo engekho luhlaza.
Amaxesha abalulekileyo xa ufuna ukongezelela ukutya ngala:
iFlush Feeding (ukutya okune zakha mzimba): iiveki ezimbini phambi kokudibana nenkunzi, neveki zokuqala ezintathu ngexesha lokuvelisa (ukulalana kwezi lwanyane). Amantshontsho anamazinyo amabini (12-18 yenyanga zokuzalwa) kufuneka zinikezwe ingqalelo. Xa ukutya kukumaxabiso aphezulu, tyisa kakuhle ixesha elincinci, ungatyisi kancinci ixesha elide.
uKumitha: nikeza ukutya okongeziweyo ukususela kusuku lwe 90 lokumitha. Kubalulekile oku nakwi meko ezilungileyo zamadlelo. Amantshontsho adinga Amandla ngokuphindwe kabini okanye kathathu ngamandla (ukondla umntwana osakhula esiswini) ku namantshontsho ‘omileyo’ okanye angaphandle.
uKuncanca: Ukutya okongezelekileyo kuyafuneka kwiveki ezintandathu zokuqala emveni kokuqala ukuncancisa. Amantshontsho ebhokhwe ayekisiweyo ukuncanciswa: nikeza, ukutya okwaziwa ngokuba yi ‘creep feed’ phambi kokulumla amantshontsho ukuze abantwana bebhokhwe baqhele ukutya. Ukukhathazeka ngenxa yoku lunyulwa ebeleni kunegalelo elikhulu ekukhuleni kwabantwana bebhokhwe.
Ukunikeza ukutya okongezelelekileyo okune sondlo kubantwana bemazi nabanye abantwana kulamanqanaba abalulekileyo, ehlisa umngcipheko wokukhupha isisu, ukuzala umntwana osele efile, okanye abantwana ababuthathaka ngempilo. Ubuntwana (inani labantwana abazelwe yimazi ngonyaka), impilo, ukukhula, kunye nemveliso ye ‘mohair’ zama qela ebhokhwe ze Angora zingakhathalelwa ngoku nikeza ukutya okongeziweyo.
Iibhokhwe zitya endle kunye nezityalo zase ndle (ezibizwa ngokuba zizityalo zokubukwa) ziba nomlinganiselo ophezulu wee minerali kunamadlelo. Iibhokwe ke azifane zidinge iiminerali kune gusha, kodwa izakha mzimba nee minerali kufuneka zibekhona iiveki ezine (4) ukuya kwezintandathu (6) phambi kobuntwana nangamaxesha embalela.

uLawulo Lwee Ncukuthu kwi Fama yee Bhokhwe

©Marinda Louw
iWireworm kunye nencukuthu ibrown stomach worm (zombini zintlobo ze ntshulube ezingqukuva) zezona zifo zinkulu eziyingozi kwibhokhwe. iCoccidiosis yenye incukuthu yanga Phakathi emveni kokusulela abantwana ukususela kwi veki ezine ukuya kwezintlanu kwaye zikhula xa ‘amaqanda’ we coccidia eyincukuthu ingena emathunjini. Iyafumaneka emadlelweni, emanzini, kunye nakwi titi amantshontsho asancancayo. Iimpawu ziquka ukuhambisa kwesisu, umchamo onegazi kunye nokuba buthathaka.
Umva ndedwa (ofana nokulumla okanye ukuhamba) yenza abantwana kubelula ukufumana icoccidiosis no suleleko lwentshulube iroundworm. Ubuninzi bentshulube ebhokhweni kuhamba nobunzulu bencindi emadlelweni nokuba bukuthathaka bempilo yebhokhwe. Eyona ngxaki kumafama ebhokhwe kukunikeza indawo ekhuselekileyo yeebhokhwe logama kunciphiswa ulwamvila lwencukuthu ngamayeza. Oku wenziwa ngokunyanga izilwanyana ezidinga ukunyangwa. Oku kubizwa ‘unyango olukhethekileyo’ kwaye yenziwa ukugcina i-‘refugia’. Yona ke irefugia kukuqaphela iintshulube ezingahambisaniyo neziyobisi, luhlobo lawulo olwahlulekileyo.
Intlobo ezohlukileyo zamakhalane zifumaneka kwindawo ekugcinwa kuzo iibhokhwe. Amakhalane afuna igazi kwaye ahambisa izifo ezifana ne heartwater, zenza usuleleko (amathumba), amanxeba okulunywa ngamakhalane, ukonakala kwesikhumba kunye ne toxicosis efana ne ‘tick paralysis’.
Iintwala ezibomvu nezi hlaza zincukuthu ekufanele zibe phantsi kolawulo. Ezintwala zenza ukutyabuka okungamandla kwisikhumba kwaye yenza ibhokhwe izikrwempe rhoqo, izifake ezintweni kwaye imeko yomzimba ingabintle. Kwibhokhwe iAngora, oku kwenza ukuba buthathaka, kunyibilike kwaye ibala lesikhumba litshintshe.

uGonyo kwi Fama ye Bhokhwe

Xa iibhokhwe zikhulele endle, ugonyo kwi pulpy kidney (Clostridium perfringens D) kunye ne Pasteurella (yenziwa yi Pasteurella haemolytica kunye ne Manhaemia haemolytica) ziyacetyiswa. Phantsi kwemeko eziluqilima apho ibhokhwe zigcinwa khona emadlelweni okanye zityiswa khona, kengoku ugonyo lwe multi-clostridial ludityaniswe ne Pasturella kucetyiswa ukuba lwenziwe. Buza ugqirha wakho wezilwanyane.

Xa iibhokhwe zigonyiwe okokuqala, ugonyo lwesibini kufuneka kufuneka lunikezwe njengoko kutshiwo, funda imiyalelo yamayeza. Ugonyo lwesibini lwenzeka kwi veki ezine emveni kogonyo lokuqala. Ukunga gonyi okwesibini kungenza impilo engekhoyo kwaye yenze ugonyo lokuqala nolulandelayo lonyaka lungasebenzi.

i-Acidosis kwi Bhokhwe

Izifo ezifana nokuqunjelwa zinqabile ezibhokhweni kune gusha kodwa i-acidosis yenziwa kukutya kakhulu ingqolowa endaweni ye ngqolowa yomgangatho ophezulu. Oku kungenzeka ngexesha lembalela, ukutyisa ukutya okune zakha mzimba, ukumitha nokuncancisa. Ukwehlisa ukutya okune ngqolowa namaxesha kulamba zingenza iimeko ize suboptimal pH esiswini sebhokhwe.

iTyhefu ezi Bhokhweni

©Dr Mackie Hobson
Ubuninzi be Cardiac glycoside (umgubo wetyhefu ofumaneka kwizityalo) iityhefu zenziwa yi ‘krimpsiekte’. Ibhokhwe i-Angora kulula ukufumana ityhefu kune bhokhwe iBoar. I-‘Krimpsiekte’ yenziwa zizityalo ezisulungekileyo intyatyambo iCotyledon, ezaziwa ngokuba zi plakkies okanye nenta. Ityhefu kumhlambi omncinci wenzeka kwindawo zase Karoo nasemantla we Karoo enkulu. Iimpawu zibandakanya ingqondo, kodwa izilwanyana zingabonakalisa iimpawu zentlungu emazantsi ezisu.

Translated by Zikhona Plaatjie