I-Raisins

©Louise Brodie
©Glenneis Kriel

Iraisins ngumdiliya we bheri owomisiweyo, kwaye igama iraisin, eneni, lelama French elisetyenziswa xa kuthethwa ngomdiliya. Iraisins zenzelwa intengiso, ngokuthi komiswe imidiliya yebheri evundisiweyo, kwaye nje ziswiti, kuba zine swekile eninzi.

Iraisins ziveliswa kwindawo ezininzi emhlabeni ezinesimo sezulu ezishushu, imimandla eyomileyo. Iintlobo ze raisins zixhomekeka kuhlobo lomdiliya osetyenzisiweyo ukwenza iraisins kwaye ke zintlobo ezininzi zemibala nobungakanani, kuquka umbala omnyama, omdaka, mfusa, notyheli. Zintathu iintlobo eziqhelekileyo ze raisins: olona hlobo lwaziwayo kakhulu zezinkulu, eziswiti, mbala omdaka kakhulu okanye iraisins ezimfusa. Iqela lesibini zezinkulu, ziswiti, zimbala ofana negolide, kwaye zaziwa ngokuba zi sultanas. Iqela lesithathu zezincinci, zinencasa emuncu, zimbala omnyama zisuka kumdiliya omnyama engazo intanga, ezikwaziwa ngokuba zi currants.

Translated by Zikhona Plaatjie

Imveliso ye Raisins

Ilizwe lase Turkey lelona lizwe kwakudala elivelisa iraisins kwaye liselelona lizwe likhulu livelisa iraisins, lilandelwa yi USA...more